2014
Inkomfa Nam
Epreli 2014


Ulutsha

Inkomfa Nam

Umbhali uhlala eToronto, Canada.

Ndandidla ngokucinga ukuba impela-veki yenkomfa yajikelele inde kwaye iyadika, kodwa ekuhambeni kwexesha, ndide ndayithanda kwaye ndiyayilangazelela. Impela-veki yenkomfa yajikelele ingaba yeyona evuselelayo emoyeni, kodwa kulula ukuyekela ezo zimvo zitshabalale xa ubomi bakho bubuyela kwisimo sabo ngoMvulo. Ezinye yezingcinga zilandelayo zandinceda ukuba ndiqhubeke ndifumane oluninzi kwinkomfa.

Ndiyazilungiselela inkomfa ngokubhala phantsi imibuzo, emva koko ndenze izikhumbuzo njengokuba imibuzo yam iphenduleka. Emva koko, ndithanda ukucaphula iintetho zenkomfa kunye nomculo LDS.org ndiwufake kwi MP3 yokudlala ndizokuthi ndikwazi ukumamela intetho okanye ingoma njengokuba ndiqhubeka nezinto zamalanga wam. Kwaye ndiyakuthanda ukufunda incwadi yenkomfa iLiyahona. Ndiyaziphawulela kwaye ndizenzele izikhumbuzo kwincwadana yam. Ngexesha xa inkomfa ibakhona futhi, incwadi yam isetyenzisiwe ngeyona ndlela emangalisayo. Usapho lwam ngamanye amaxesha lufunda imiyalezo kunye kwindibano yangokuhlwa yosapho.

Ukugcina umoya osuwuvileyo ngexa lenkomfa nathi kwaye siqhubeke sifunda kwimiyalezo kudinga umsebenzi, kodwa ukwenza oku kuye kwaba yintsikelelo enkulu kum. Ndithole awona mandla makhulu kwaye nenkokhelo ngamaxesha wokudinga ngokufunda imiyalezo yenkomfa yajikeke, kwaye ndiyazi ukuba lemiyalezo iphenjelelwe.