2021
UYesu Krestu Wasicela Ukuba Sithathe Umthendeleko
EyoKwindla 2021


“UYesu Krestu Wasicela Ukuba Sithathe Umthendeleko,” Liyahona, EyoKwindla 2021

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona , EyoKwindla 2021

UYesu Krestu Wasicela Ukuba Sithathe Umthendeleko

Siyahlambuluka kwaye siphiliswe njengoko sikhumbula uMsindisi wethu rhoqo ngeveki.

Umfanekiso
ISidlo SaNgokuhlwa SokuGqibela

The Last Supper (ISidlo saNgokuhlwa SokuGqibela), nguCarl Heinrich Bloch

Ngaphambi kokuba Yena asweleke, uYesu Krestu watya isidlo esinye sokugqibela esibizwa ngokuba Sisidlo SaNgokuhlwa SokuGqibela. Ekupheleni kwesi sidlo, Yena wazisa ngomthendeleko kubalandeli baKhe. Waye waqhekeza isonka kwaye wasisikelela. “Oku kwenzeleni ukundikhumbula,” Yena watsho (Luka 22:19). Emva koko Yena wasikelela kwaye wabelana ngendebe yomdiliya omfaxaziweyo.

Umfanekiso
usapho lufumana umthendeleko

Inxalenye Yonqulo Lweveki neveki

Xa iBandla likaYesu Krestu lalibuyiselwa emhlabeni, umthendeleko waye waba yinxalenye yonqulo lwangeveki ngeveki. Ngelixa lenkonzo, umthendeleko uye usikelelwe kwaye ugqithiswe ngabo babamba ububingeleli. Bayathandaza besebenzisa amazwi awaphuma kwizibhalo ezingcwele (bona Moronayi 4; 5). Emva koko umntu ngamnye ebandleni uye atye isonka kwaye asele amanzi ukukhumbula uYesu Krestu kunye nedini laKhe awasenzela lona, ngendlela Yena awasicela ukuba senze ngayo.

Umfanekiso
intombazana encinane ithandaza

Ifoto ngu-Angela Suitter

Ukulungiselela Ukuthabatha

Ukulungela ukuthabatha umthendeleko, kufuneka sicinge ngokunyanisekileyo ngobomi bethu kunye nokhetho lwethu. Kumele siguquke kwiimpazamo nakwizono zeveki egqithileyo, kuquka nokucela uxolelo kuThixo. Akunamfuneko yokuba sigqibelele ukuze sithabathe umthendeleko, kodwa iintliziyo zethu kumele zithobeke.

Umfanekiso
UMthandazo eGetsemane

Prayer at Gethsemane (UMthandazo eGetsemane), nguDel Parson

Ngaphezulu kweSonka naManzi

Ukuthatha umthendeleko kulixesha elingcwalisekileyo, nelingcwele. Imithandazo yomthendeleko isikhumbuza ukuba njengoko sithatha isonka namanzi, sikhumbula umzimba negazi uYesu Krestu awanikela ngazo esenzela thina. Sithembisa ukulandela Yena kwakunye nokuphila ubomi boBuKrestu. Sithembisa ukuzama ukugcina imithetho kaThixo. Ngokwembuyiso, uMoya OyiNgcwele uya kusithuthuzela, usikhokele, kwaye usiphilise.

Umfanekiso
ubhaptizo

Ukuhlaziya Iminqophiso

Xa abo bethu abathe babhaptizwa bethabatha umthendeleko ngentliziyo ehlambulukileyo, siye sihlaziye umnqophiso esawenza kubhaptizo. Oku kuquka nokufumana uMoya OyiNgcwele kwakunye nokuhlanjululwa esonweni njengokungathi siyabhaptizwa kwakhona. Eli lithemba nenceba uYesu anikeza ngazo komnye nomnye wethu. Awusokuze ushiywe lixesha ekuguqukeni nasekuxolelweni.

Umfanekiso
UYesu Krestu wazisa ngomthendeleko kumaNifayithi

Ngamaxesha Onke Nithi Nindikhumbule, nguGary L. Kapp, ingakotshwa

Ingaba Zithini IziBhalo Ezingcwele malunga noMthendeleko?

Kumele sizivavanye thina ngokwasemoyeni, sizikhangele ngaphakathi ngokunyanisekileyo, ngaphambili kokuthabatha umthendeleko (bona 1 AbaseKorinte 11:28).

Emva kokuba Yena evukile kwabafileyo, uYesu waye wabonisa abantu baKhe kwelaseMelika indlela yokuthabatha umthendeleko (bona 3 Nifayi 18).

Abaprofeti banamhlanje basixelele ukuba sisebenzise isonka namanzi emthendelekweni, kodwa oko sikutyayo nesikuselayo akubalulekanga ngokwenene (bona IMfundiso neMinqophiso 27:2). Ngamanye amaxesha abo bangaphathwa kakuhle sisonka kufuneka basebenzise enye into efana nesonka.

ISidlo SaNgokuhlwa SokuGqibela, nguCarl Heinrich Bloch; ifoto yentombazana encinane ithandaza ngu-Angela Suitter; UMthandazo eGetsemane, nguDel Parson; Ngamaxesha Onke Nithi Nindikhumbule, nguGary L. Kapp, ingakotshwa