2021
Ukufumana Amandla Okuxolela
EyeSilimela 2021


“Ukufumana Amandla Okuxolela,” Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, EyeSilimela 2021, 10–11.

Uze, Undilandele

Ukufumana Amandla Okuxolela

INkosi isiyalele ukuba sixolele abanye. Yona iya kusinceda ukuba siyigcine imithetho yaYo, kuquka nalo.

IMfundiso neMinqophiso 64:10

Umfanekiso
umfazi ejonge umntu owolule isandla ngakuye

Umzobo nguJames Madsen

Ingaba eminye imithetho ikhangeleka inzima ukuyigcina kuneminye?

Nanku omnye owoyikisa abantu abaninzi, “Mna, iNkosi, ndiya kuxolela lowo ndiya kumxolela, kodwa okwenu kufuneka nixolele bonke abantu” (IMfundiso neMinqophiso 64:10).

Yima. Kufuneka sixolele wonke umntu othe wasona? Ingaba oko kuyenzeka?!

Yenye into ukuxolela umntu kuba ethethe into ekrwada kuwe okanye ngenxa ethathe isonka sokugqibela etafileni yesidlo sangokuhlwa. Kodwa kuthini malunga namanxeba anzulu? Kuthini malunga nezo zikhubekiso zinzulu ezinokuphazamisa okanye zide zitshintshe ikhondo lobomi bethu?

Ngamanye amaxesha ukukwazi ukuxolela umntu osivise ubuhlungu kungavakala kungaphaya kolawulo lwethu.

Nazi iindaba ezilungileyo: Ngoncedo lukaYesu Krestu, asilinganiselwanga koko esikwazi ukwenza ngokunokwethu.

Uncedo Yena Awayeludinga

IKholwa elizinikeleyo laseNetherlands ogama linguCorrie ten Boom lazifumanisela ngokwalo ngamandla okucela uThixo ukuba amncede ukuxolela umntu.

Yena nodade wakhe uBetsy babebanjwe kwinkampu yoxinaniso ngelixa leMfazwe Yehlabathi ye-II. UCorrie kunye nabanye banyamezela uxhatshazo oloyikisayo olwaluvela konoogada bentolongo yamaNazi. Udade wakhe uBetsy waye wasweleka njengesiphumo soloxhatshazo. UCorrie waye wasinda.

Emveni kwemfazwe, uCorrie waye wafumanisa ngamandla aphilisayo okuxolela abanye. Wayebelana ngomyalezo wakhe rhoqo kwiindawo zasesidlangalaleni. Kodwa ngenye imini amazwi akhe abekwa kuvavanyo olunobunzima.

Ekupheleni kwentetho yasesidlangalaleni, uCorrie wafikelwa ngomnye woonogada bentolongo owayekhohlakele wasezinkampini.

Waxelela uCorrie ukuba waye wabaliKholwa emveni kwemfazwe kwaye wayeguqukile kwizinto ezimbi aweyenzenzile njengonogada wentolongo.

Waye wolula isandla sakhe ngaphandle kwaye wathi, “Uya kundixolela kusini na?”

Ngaphandle kwako konke aweyekufundile nakwabeleyo ngoxolelo kwabanye, uCorrie zange akwazi ukwamkela isandla salendoda kwaye ayixolele—hayi ngokwakhe.

Waye wabhala kamva, “Nangoko umsindo, neengcinga zempindezelo zazibila kum, ndasibona isono sazo. … Nkosi Yesu, ndathandaza, ndixolele kwaye ndincede ukuba ndimxolele.

“Ndazama ukuncuma, [kwaye] ndasokola ukunyusa isandla sam. Ndandingakwazi. Azange ndive nto, hayi nencinane intlantsi yemfudumalo okanye yothando lokwenene. Kwaye kwakhona ndaye ndaphefumla umthandazo othuleyo. Yesu, andikwazi ukumxolela. Ndiphe olwaKho uxolelo.

“Njengoko ndandithabatha isandla sakhe eyona nto engakholelekiyo yenzeka. Usuka kwigxalaba lam ukuhla ngengalo kunye nangaphakathi esandleni sam umbane wakhangeleka udlula kum usiya kuye, ngelixa entliziyweni yam kwavela uthando kulomntu wasemzini olwaphantse undongamela.

“Kwaye ndafumanisa ukuba ayisekokuxolela kunokulunga kwethu apho ukuphila kwelizwe kuxhomekeke kona, kodwa kolwaKhe. Xa Yena esixelela ukuba masithande iintshaba zethu, Yena usinika, nawo lo mthetho, olothando ubuqu.”1

UThixo ukhona ukukunceda uyigcine imithetho yaKhe, kuquka nomthetho wokuxolela—nkqu naxa kunzima. Yena angakunceda njengokuba Yena wanceda uCorrie ten Boom.

Ukuphila Okukufaneleyo

Ubomi bunenkohliso. Bumdaka. Kwaye ngokwenene bugcwele ngabantu abenegunya-likaThixo lokuzikhethela.

Ngawo loo maxesha xa umntu esenza isigqibo esikubangela ubuhlungu obukhulu—okanye enze njalo ngempazamo—ungafumana amandla okuphila njengoko uthandazela uncedo kwaye uzama ukuxolela.

Ukuxolela abanye kuzisa ukuphila kumphefumlo wakho. Ngoncedo lukaThixo, njengoko uxolela umntu okwenze ububi, uwisa ubunzima obubi emagxeni akho obunokubambezela ngasemva. Naxa indlela eya ekuphileni okunyanisekileyo ivakala inzima, unoThixo, awusokuze uyihambe wedwa.

Izikhumbuzo

  1. Corrie ten Boom, The Hiding Place (1971), 215.

  2. Jeffrey R. Holland, Oct. 2018 general conference (Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga. 2018, 79).