2022
Umthendeleko: Indlela Yokukhumbula uMsindisi
Tshazimpunzi 2022


“Umthendeleko: Indlela Yokukhumbula uMsindisi,” Liyahona, Tshazimpunzi 2022.

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona Tshazimpunzi 2022

Umthendeleko: Indlela Yokukhumbula uMsindisi

Umfanekiso
placeholder altText

The Last Supper, nguSimon Dewey [ISidlo saNgokuhlwa SokuGqibela]

Ngobusuku phambi kokuba Yena abethelelwe emnqamlezweni, uYesu Krestu waye wadibana nabaPostile baKhe kwiSidlo Sangokuhlwa Sokugqibela. Apho wabanika umthendeleko okokuqala. Waye wayicacisa ukuba le yayiyindlela yokuba bamkhumbule ngayo Yena. Umthendeleko ngummiselo apho sithabatha isonka namanzi ukukhumbula iNtlawulelo kaKrestu. Isonka simele umzimba kaKrestu, kwaye amanzi amele igazi laKhe.

Sithabatha umthendeleko rhoqo ngeCawa ngelixa lomhlangano womthendeleko. Sicula iculo xeshikweni ababambi bobubingeleli beqhekeza isonka sibe ngamaqhekezana.

Ababambi bobubingeleli abaqhekeze isonka batsho imithandazo ekhethekileyo. Le mithandazo ifumaneka kwiMfundiso neMinqophiso 20:77, 79. Imithandazo isikhumbuza oko sikuthembise uBawo oseZulwini noko Yena asithembise kona.

Abanye ababambi bobubingeleli baye bagqithise umthendeleko kumalungu esebe. Njengoko sithabatha umthendeleko, siye sikhumbule uMsindisi nedini laKhe awalenzela thina. Sikwazinikela kwakhona ekugcineni iminqophiso (izithembiso) esiyenzileyo kunye noBawo oseZulwini.

Umfanekiso
intombazana ithatha isonka ngelixa lomhlangano womthendeleko

Siyahlonela xeshikweni umthendeleko usikelelwa kwaye udluliswa. Lona lixesha lokuba sicinge ngobomi, nangeemfundiso, nangeNtlawulelo kaYesu Krestu. Sisenokucinga nangendlela esingalandela ngayo umzekelo waKhe.