Liyahona
Ingaba Ndiphila “ngokoHlobo loLonwabo”?
EyoMdumba 2024


“Ingaba ndiphila ‘ngokohlobo lolonwabo’?,” Okwenzelwe ukoMeleza uLutsha, EyoMdumba 2024.

UMyalezo wangenyanga Okwenzelwe ukoMeleza uLutsha, EyoMdumba 2024

2 Nifayi 5

Ingaba Ndiphila “ngokoHlobo loLonwabo”?

Nazi ezinye iingcebiso kuwe zokuba wenze ngokufanayo.

Umfanekiso
ulutsha

Umfanekiso ngu-Alyssa Gonzales

Kungekudala emva kokuzahlula kumaLeyimenayithi uNifayi wathi abantu bakhe “baphila ngohlobo lolonwabo” (2 Nifayi 5:27). Xa ucinga ngokuba kwakukho elinye iqela labantu elalifuna ukubabulala (bona 2 Nifayi 5:1–6, 14), oko kusenokuba nguyamangalisa. Angonwaba njani umntu phantsi kweemeko ezinjalo?

Okokuqala, phawula ukuba “saphila ngokohlobo lolonwabo” ayithethi ukuba “wonke umNifayithi wayonwabile mihla le.” Oku kuthetha ukuba babephila ngendlela ethile, kwaye besenza izinto ngohlobo oluthile, olukhokelela ngokubanzi kulonwabo. Kuko konke, nangona benemingeni yabo, yayilixesha lolonwabo.

Ngoko yintoni “uhlobo lolonwabo”? Singayiphinda njani lento kubomi bethu, obunemingeni ngokunjalo? Masijonge!

  • Yiba nentobeko “Sathi saqwalasela ukugcina … imiyalelo yeNkosi” (2 Nifayi 5:10).

    Ukuphila ivangeli linyathelo lokuqala. Usenokonwaba okwethutyana esonweni, kodwa oko akuyi kuhlala thuba lide. Ukungamthobeli uThixo ngabom akululo “uhlobo lolonwabo” Alma 41:10).

  • Phengulula Izibhalo “Mna, Nifayi, ndandi …thabathe nembali kanjalo eyayikrolwe phezu kwamacwecwe obhedu” (2 Nephi 5:12). “Saye … saziphonononga sazifumana ukuba ziyanqweneleka; ewe, kwaye zinexabiso elikhulu kuthi” (1 Nifayi 5:21) .

    Abantu bakaNifayi babenazo izibhalo. Kwaye babengenazo nje—bona babeziphengulula zona.

  • Mamela kwinkokeli eziphefumlelweyo. “Mna, Nifayi, ndimisele uYakobi noYosefu, ukuze babe ngababingeleli neetitshala phezu … kwabantu bam” (2 Nifayi 5:26).

    Ezi titshala zasebenzisa izibhalo njengesikhokelo sabo (bona 2 Nifayi 4:15; 6:4).

  • Yiya etempileni (nakwezinye iindawo ezingcwele). “Mna, Nifayi, ndaye ndakha itempile” (2 Nifayi 5:16).

    Kubalulekile ukuba neendawo ezingcwele ezinjenge zindlu zesikhungo neetempile zokudibanela abafundi kwaye banqule. (Sinokucingela ukuba amaNifayithi ebenge nayo nje itempile—ngokwenene babeyisebenzisa.) Ukuba akunakho ukuya etempileni ngobuqu bakho, usenokusoloko usenza umsebenzi wembali yosapho.

  • Yiba nemveliso. “Ndaye ndabafundisa abantu bam ukwakha izakhiwo nokusebenza. … [Ndaye] ndabangela ukuba abantu bam ukuba bakhuthale, kwaye basebenze ngezandla zabo” (2 Nifayi 5:15, 17).

    Inxalenye yo “hlobo lolonwabo” kukuba nento yokwenza! Isabelo, umsebenzi, uxanduva—into ekunika ingqalelo nenjongo (nexesha elifanelekileyo lokuphumla, ngokuqinisekileyo). Kunzima ukonwaba ukuba uhlala udikiwe ngalo lonke ixesha.

Ungatsho ukuthi okwangoku uhlala ngokohlobo lolonwabo? Ukuba akunjalo, mahlawumbi umzekelo kaNifayi ungakunika iimbono ngendlela yokukuphucula.