Liyahona
Ukukholelwa kuKrestu Phambi kokuba Abuye Kwakhona
Tshazimpunzi 2024


“Ukukholelwa kuKrestu phambi kokuba Abuye Kwakhona,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, Tshazimpunzi 2024.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, Tshazimpunzi 2024

Yaromi

Ukukholelwa kuKrestu phambi kokuba Abuye Kwakhona

AmaNifayithi ayenokholo phambi kokuba afike uMsindisi, nathi singanalo ukholo phambi kokuba abuye kwakhona.

Umfanekiso
UYesu Krestu endwendwela amaNifayithi

Wakhe wacinga ngokuba bekunokuba njani ukukholelwa kuMsindisi phambi kokuba Yena eze emhlabeni? AmaNifayithi amandulo kwakunyanzelekile ukuba enze oko—”akhangele phambili kuye uMesiya, akholelwe ekuzeni kwakhe ngokungathi usele efikile” (Yaromi 1:11).

Kule mihla, sineengxelo zezibhalo kunye nezembali ezingqina ukuba uYesu Krestu waphila, wafa, kwaye wavuka kwakhona. Sikholelwa kuMsindisi osele ezile. Sikwakholelwa nakuMsindisi ozakuphinda eze kwakhona.

Phambi kokuba uYesu Krestu afike, amaNifayithi ayenoKholo kuye:

Umfanekiso
Ukumkani uBhenjamin nenkosikazi yakhe bethandaza

Ukuxolelwa kwezono zabo.

“N[oo]bani na abaya kukholelwa okokuba uKrestu uya kuza, abo banjalo ke banokufumana ukuxolelwa kwezono zabo, kwaye bagcobe ngovuyo olugqithisileyo, njengoko kungathi sele efikile phakathi kwabo” (Mozaya 3:13; ugxininiso longezelelwe).

Umfanekiso
Enoshe

Bazixolele bona buqu.

“Kwaye kwafika izwi kum, lisithi: Enoshe, izono zakho zixolelwe, kwaye uya kusikelelwa. … Ngako oko, ityala lam latshayelwa. Ndaza ndathi: Nkosi, kwenziwa njani? Yaza yathi kum: Ngenxa yokholo lwakho kuKrestu, ongazange umve ngaphambili okanye umbone. Kwaye mininzi iminyaka eya kudlula phambi kokuba azibonakalise esenyameni; … ukholo lwakho lukusindisile” (Enoshe 1:5–8; ugxininiso longezelelwe).

Umfanekiso
UYakobi eshumayela

Yenza imimangaliso

“Sasisazi ngoKrestu, kwaye sasinethemba lozuko lwakhe amakhulu amaninzi eminyaka phambi kokuba eze. … Kangangokuba sinako ngokwenene ukuyalela egameni likaYesu ize kwa imithi ngokwayo isithobele, okanye iintaba, okanye amaza olwandle” (Yakobi 4:4, 6; ugxininiso longezelelwe).

Umfanekiso
UMoronayi ebhala kuwo amacwecwe

Fumana isityhilelo.

“Kwakukho abaninzi abakholo lwabo lwalomelele ngokugqithisileyo, kwangaphambi kokuba uKrestu eze, ababengenako ukuba bangathintelwa ngaphakathi kwekhuselo, kodwa ngokwenene bazibona ngamehlo abo” (Etere 12:19; ugxininiso longezelelwe).

Phambi kokuba uYesu Krestu Abuye Kwakhona, Thina Singaba noKholo Lako:

Ukuba sixolelwe, ukuzixolela thina buqu, ukwenza imimangaliso, nokufumana isityhilelo (njenga maNifayithi).

Umfanekiso
inkwenkwana icula ecaweni

Sizilungiselele phambi kokuza kwaKhe.

Njengoko sizama ukuphila ngokweminqophiso yethu, silungiselela ukuphila kwizulu lesithathu. “Kuba qaphelani, obu bomi lilixa lokuba abantu bazilungiselele ukuhlangana noThixo; ewe, qaphelani umhla wobu ubomi ngumhla wokuba abantu benze imisebenzi yabo” (Alma 34:32).

Umfanekiso
ulutsha phambi kwetempile

Lungiselela ihlabathi ukuza kwaKhe.

Simenyiwe nguMongameli Russell M. Nelson ukuba sibe yinxalenye yawo “owona msebenzi umkhulu emhlabeni”—ukuqokelelwa kukaSirayeli. “Ubawo wethu waseZulwini ugcine uninzi lwayo imiphefumlo ebekekileyo—mhlawumbi, ndinako ukuthi, elona qela laKhe libalaseleyo—ukwenzela esisigaba sokugqibela. Loo miphefumlo ibekekekileyo—abo badlali babalaseleyo, loo maqhawe— nini!”1

Umfanekiso
amantombazana ewolana

Yiba nethemba ngamaxesha anzima.

Xa uMsindisi ebuya kwakhona, abangamalungisa baya kuphila ngoxolo. Umsindisi uyakulawula, kwaye okungalunganga kuyakulungiswa. “Kuba iNkosi iya kuba phakathi kwabo, kwaye nobuqaqawuli bayo buya kuba phezu kwabo, kwaye iya kuba yikumkani yabo nommisi-mthetho wabo” (IMfundiso neMinqophiso 45:59).

Umfanekiso
intombazana encinane

Thembela Kuvuko Ekufeni

Bonke abantu baya kuvuswa ekufeni. Sizakuba nemizimba egqibeleleyo, nengasayi kufa. Sizakubabona kwakhona abo sibathandayo abathi basutywa kukufa. “Umoya nomzimba ziya kubuyelana kwakhona kwimo yazo egqibeleleyo; kunye amalungu nezihlanganisi zomzimba ziya kubuyiselwa kwimo yazo egqibeleleyo, njengoko sinjalo thina ngoku ngeli ixesha” (Alma 11:43).

Umfanekiso
UYesu Krestu Uzibonakalisa kumaNifayithi

AmaNifayithi amandulo ayenokholo kuMsindisi ngaphambi kokuba Yena eze. Singanalo ukholo lokuba uMsindisi uzakuza kwakhona—xa “[siya] [kum]bona emafini ezulu, [e]nxityiswe ngamandla nobuqaqawuli obukhulu” (IMfundiso neMinqophiso 45:44; bona kananjalo Izenzo 1:11). Ukwazi ukuba Yena uzakuza kwakhona kuyitshintsha njani into ozakuyenza namhlanje?

Inqaku

  1. Russell M. Nelson, “Hope of Israel” (worldwide youth devotional, June 3, 2018), Gospel Library.