Yizani, Nindilandele 2024
EyoMsintsi 30–EyeDwarha 6: “Ndim uMthetho, nokuKhanya.” 3 Nifayi 12–16


“EyoMsintsi 30–EyeDwarha 6: ‘Ndim uMthetho, nokuKhanya.’ 3 Nifayi 12–16,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoMsintsi 30–EyeDwarha 6. 3 Nifayi 12–16,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UYesu ebonisa abaPostile Abalishumi Elinambini

Third Nephi: These Twelve Whom I Have Chosen [UNifayi wesiThathu Aba Balishumi Elinambini Endibonyulileyo], nguGary L. Kapp

EyoMsintsi 30–EyeDwarha 6: “Ndim uMthetho, nokuKhanya”

3 Nifayi 12–16

Njengabafundi bakaYesu ababehlanganisene ukuze baphulaphule iNtshumayelo yaseNtabeni yaseGalili, abantu ababehlanganisene etempileni yaseNdyebo babephila phantsi komthetho kaMoses. Babeyilandele ngenxa yokuba yayikhokelela imiphefumlo yabo kuKrestu (bona Yakobi 4:5), kwaye ngoku uKrestu wema phambi kwabo, ebhengeza umthetho ophezulu. Kodwa kwanabo bangazange bawuphile umthetho kaMoses banokuqonda ukuba umlinganiselo uYesu awawubekela abafundi baKhe ungowona uphezulu. “Ndinga ningafezeka,” Yena wabhengeza (3 Nifayi 12:48). Ukuba oku kukwenza uzive usilela, khumbula ukuba Yena wathi, “Banoyolo abangamahlwempu ngomoya abathi beze kum, kuba ubukumkani bezulu bobabo.” (3 Nifayi 12:3). Lo mthetho uphakamileyo usisimemo—enye indlela yokuthi “Yizani kum nize nisindiswe” (3 Nifayi 12:20). Njengomthetho kaMoses, lo mthetho usikhokelela kuKrestu—oyena mnYe kuphela onokuthi asisindise aze asenze sigqibelele. “Qaphelani,” Yena wathi, “Ndim umthetho, nokukhanya. Khangelani kum, kwaye ninyamezele kude kube sesiphelweni, kwaye niya kuphila” (3 Nifayi 15:9).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

3 Nifayi 12–14

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
Ndingangumfundi kaYesu Krestu.

Nantsi enye indlela yokufunda nokusebenzisa oko uMsindisi wakufundisayo ku 3 Nifayi 12–14: Khetha iqela le miqolo, kwaye ubone ukuba ungashwankathela na oko imiqolo ikufundisayo ngesivakalisi esinye esiqala ngokuthi “Abafundi Benene bakaYesu Krestu …” Umzekelo, isishwankathelo sika 3 Nephi 13:1–8 sinokuba “Abafundi benene bakaYesu Krestu abafuni dumo lwehlabathi ngokwenza okulungileyo.” Yizame ngezi zicatshulwa:

Emva kokufunda le miqolo, uziva uphenjelelwe ukuba wenze ntoni ukulandela kuYesu Krestu?

Umthetho ku 3 Nifayi 12:48 ungabonakala ukoyisa—futhi ungenakwenzeka.    Ngokuka Moronayi 10:32–33, yintoni eyenza ubenokugqibelela njengoMsindisi?

Sebenzisa izifundo zezinto. UMsindisi wafundisa iinyaniso ezinzulu ngokubhekisa kwizinto eziqhelekileyo. Unokwenza into efanayo njengoko ufunda okanye ufundisa ngo 3 Nifayi 12. Ngokukhangela okanye ukubamba ityuwa, ikhandlela, okanye ibhatyi kunga ingxoxo malunga neenyaniso zanaphakade ezafundiswa nguMsindisi.

3 Nifayi 1:1–2; 15:23–24; 16:1–6

Banoyolo abo bakholwayo bengabonanga.

Bambalwa kakhulu abantwana bakaThixo abambonayo uMsindisi kwaye baliva ilizwi laKhe, njengoko abantu baseNdyebo benzayo. Uninzi lwethu lufana kakhulu nabantu abachazwe ku 3 Nephi 12:2; 15:23; no 16:4–6. Zeziphi izithembiso ezenziwa kubantu abanjalo kule miqolo? Ezi zithembiso ziye zazaliseka njani kubomi bakho?

Bona kananjalo Johane 20:26–29; 2 Nifayi 26:12–13; Alma 32:16–18.

3 Nifayi 12:21–30; 13:1–8, 16–18; 14:21–23

Ndingazama ukuhlambulula iminqweno yentliziyo yam.

Omnye umxholo onokuthi uwuqaphele kwezi zahluko sisimemo soMsindisi sokuphila umthetho ophezulu—ukulunga kungekuphela nje kwizenzo zethu zangaphandle kodwa kananjalo nasezintliziyweni zethu. Khangela lo mxholo xa uMsindisi ethetha ngembambano (3 Nifayi 12:21–26), ukuziphatha okubi (3 Nifayi 12:27–30), umthandazo (3 Nifayi 13:5–8), nokuzila ukutya (3 Nifayi 13:16–18). Yeyiphi eminye imizekelo onokuyifumana? Ungenza ntoni ukuhlambulula iminqweno yentliziyo yakho?

3 Nifayi 14:7–11

UBawo oseZulwini uya kundinika izinto ezilungileyo njengokuba ndicela, ndifuna, kwaye ndinkqonkqoza.

Njengokuba ufunda isimemo seNkosi ku 3 Nephi 14:7–11 sokubuza, ukufuna, kwaye nokunkqonkqoza, cingisisa ukuba zeziphi “izinto ezilungileyo” Yena anokufuna ukuba uzicele. Ezi zibhalo zilandelayo zongezelelekileyo zinokukunceda uqonde indlela yokucela, ukufuna nokunkqonkqoza. Zinokunceda kananjalo ekucaciseni ukuba kutheni eminye imithandazo ingaphendulwa ngendlela obulindele ngayo: Isaya 55:8–9; Hilamani 10:4–5; Moronayi 7:26–27, 33, 37; kunye IMfundiso neMinqophiso 9:7–9; 88:64. Ingaba ezi zicatshulwa bezinokuyichaphazela njani indlela ocela, ofuna, nonkqonkqoza ngayo?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

3 Nifayi 12:14–16

Ndingaba ngumzekelo olungileyo ngokulandela uYesu.

  • Maxa wambi abantwana bangangaqondi ukuba umzekelo wabo ubasikelela njani abanye. Sebenzisa u 3 Nifayi 12:14–16 ukubakhuthaza ukuba bakhanyise ukhanyiselo lwabo. Ngokomzekelo, xa ufunda “wena” okanye “nina” kule miqolo, cela abantwana bakho balathe kubo. Xelela abantwana ngokhanyiso olubona kubo xa belandela uYesu Krestu kwaye lukuphembelela njani wena ukuba uMlandele nawe.   

  • Ukukhuthaza abantwana bakho ukuba bangalufihli ukhanyiso lwabo (bona 3 Nifayi 12:15, bavumele batshintshane ukuzimeza okanye ukogquma isibane okanye nasiphina esinye isikhanyisi. Basenokwambula isikhanyisi ixesha ngalinye bethiya igama lento abangayenza ukuze babengumzekelo kwabanye.

3 Nifayi 13:19–21

“Ziqwebeleni ubutyebi ezulwini.”

  • Ukufunda le miqolo kusenokuphembelela ingxoxo malunga nobutyebi esibuqwebayo. Mhlawumbi ungakhokela abantwana bakho kuzingelo lobutyebi ukufumana izinto ezibakhumbuza ngobutyebi obunexabiso lanaphakade.

3 Nifayi 14:7–11

UBawo oseZulwini uyayiphendula imithandazo yam.

  • Njengoko nifunda 3 Nifayi 14:7, abantwana bakho banokwenza izenzo ezimele isimemo ngasinye soMsindisi kulo mqolo. Ngokomzekelo bangaphakamisa izandla zabo (cela), benze umabonakude ngezandla zabo,(funa), okanye benze ngathi bayankqonkqoza emnyango (nkqonkqoza). Nceda abantwana bakho bacinge ngezinto abangazitsho kwaye bazicele kwimithandazo yabo.

  • Abantwana bakhobanokuwonwabela umdlalo apho bacela into kwaye bafumane into eyahlukileyo ngokupheleleyo. Ku 3 Nifayi 14:7–11, yintoni uMsindisi awayefuna siyazi ngoBawo wethu waseZulwini?

3 Nifayi 14:21–27; 15:1

UMsindisi ufuna ukuba ndive kwaye ndenze oko akufundisayo.

  • Cinga ngendlela onokunceda ngayo abantwana bakho babe nomfanekiso-ngqondweni womzekeliso kule miqolo. Mhlawumbi banokuzoba imifanekiso, benze izenzo, okanye bakhe izinto kwiziseko eziqinileyo nezinesanti. Banokuphinda bafake amagama abo endaweni ye “ndoda esisilumko” njengoko befunda u 3 Nifayi 14:24–27. Okanye banokuma ngexesha ngalinye besiva ilizwi “yenza” ku 3 Nifayi 14:21–27 no 15:1.

  • Nasi isifundo sento onokusizama: cela abantwana bakho babe nomfanekiso-ngqondweni othi omnye wemilenze yabo umele ukwenza oko uMsindisi wakufundisayo. Mema abantwana bakho ukuzama ukuma ngomlenze omnye “wokuva”. Yintoni enokwenzeka ukuba umoya omkhulu unokuvuthuza endlwini? Kanti wena nabantwana bakho ninokukhangela izinto ezikhethekileyo uMsindisi awasifundisa ukuba sizenze; bona 3 Nifayi 12:3–12, 21–26; 13:5–8.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UYesu efundisa AmaNifayithi

The Savior’s Visit to the People in America [Utyelelo loMsindisi kuBantu baseMelika]nguGlen S. Hopkinson