Ubizo lobuFundisi
UMyalezo woBongameli bokuQala


“UMyalezo woBongameli bokuQala,” Shumayela iVangeli Yam: ISikhokelo eKwabeleni ngeVangeli kaYesu Krestu (2023)

“UMyalezo woBongameli bokuQala,” Shumayela iVangeli Yam

UMyalezo woBongameli bokuQala

Mfundisi wevangeli Othandekayo

Sivuyisana nawe ngethuba elikhulu othe walifumana lokuba ube ngumfundisi wevangeli weBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Akukho msebenzi unyanzelisayo okanye ubalulekileyo njengokuhlanganiswa kukaSirayeli.

Shumayela iVangeli Yam ilungiselelwe ukunceda wena ukuba ube ngozilungiselele ngcono, umfundisi wevangeli ovuthwe ngcono ngokomoya. Kananjalo ilungiselelwe ukunceda wena ukuba ube ngutitshala osebenzayo ngakumbi. Siyakubongoza ukuba umsebenzise yonke imihla kufundo lwakho lobuqu nofundo neqabane lakho. Kananjalo siya kukhuthaza ukuba umsebenzise kwiintlanganiso zakho zebhunga lesithili. Funda izibhalo ezikhankanyiweyo kwaye ufunde imfundiso nemigaqo.

Siyakumema ukuba unyukele kuluvo olutsha lokuzinikela ekuncedeni uBawo wethu oseZulwini emsebenzini waKhe ozukileyo. Wonke umfundisi wevangeli unendima ebalulekileyo ekuncedeni iNkosi emsebenzini waYo “ekwenzeni kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu” (Moses 1:39).

INkosi iya kukusikelela xa uzinikezela ngokwakho ngokuzithoba ekukhonzeni Yena. Wanga ungafumana uvuyo olukhulu nolonwabo njengokuba usebenza phakathi kwabantwana bakaBawo waseZulwini.

UBongameli bokuQala