Izibhalo
INtshayelelo


INtshayelelo

INcwadi kaMormoni ngumqulu wezibhalo ezingcwele ezithelekiswa kunye neBhayibhile. Iyimbali kaThixo ngokusebenzisana kwakhe nabemi bamandulo baseAmerika kwaye iqulathe ivangeli yanaphakade epheleleyo.

INcwadi yabhalwa ngabaprofeti abaninzi bamandulo ngomoya wesiprofetho nesityhilelo. Amazwi abo, ebhalwe kumacwecwe egolide, aye acatshulwa aza ashwankathelwa ngumprofeti-mbhali-mbali obizwa ngokuba nguMormoni. Imbali inika ingxelo yeempucuko ezinkulu ezimbini. Enye yayiphuma eYerusalem ngowama 600 P.K. zaza emva koko zohlukana zaba zizizwe ezimbini, ezaziwa njengamaNifayithi namaLeymenayithi. Enye yafika ngaphambili kakhulu xa iNkosi yayiphambanisa iilwimi kwiNkcochoyi yeBhabheli. Eli qela laziwa njengamaYeredayithi. Emva kwamawaka eminyaka, bonke batshatyalaliswa ngaphandle kwamaLeymenayithi, kwaye baphakathi kookhokho bamaIndiya aseAmerika.

Isiganeko esiphezulu esibhalwe phantsi kwiNcwadi kaMormoni bubulungiseleli beNkosi uYesu Krestu ngokwayo buqu phakathi kwama Nifayithi kwakamsinyane emva kovuko Lwakhe. Ibeka phambili iimfundiso zevangeli, igqabaze ngecebo losindiso, kwaye ixelela abantu oko kufuneka bakwenze ukuze bazuze uxolo kobu bomi nosindiso lwanaphakade kubomi obuzayo.

Emva kokuba uMormoni eyigqibile imibhalo yakhe, wayinikela kunyana wakhe uMoronayi, owathi wongeza awakhe amazwi ambalwa waza wawafihla amacwecwe kwiNduli iKhumora. Ngomhla wama-21 kaSeptemba 1823, kwayena loMoronayi, ngelo lixa esisiqu esizukisiweyo, esivusiweyo ekufeni, wabonakala kuMprofeti uJoseph Smith waza wamyalela ngokunxulumene nembali yamandulo ekwakufanele ukuba iguqulelwe kulwimi lwesiNgesi.

Ngethuba elifanelekileyo amacwecwe anikezelwa kuJoseph Smith, owathi wawaguqula ngesipho namandla kaThixo. Imbali ngoku ipapashwa ngeelwimi ezininzi njengobungqina obutsha nobongezelelweyo bokuba uYesu Krestu unguNyana kaThixo ophilayo kwaye bonke abaya kuthi beze Kuye baze bayithobele imithetho nemimiselo yevangeli Yakhe bangasindiswa.

Ngokunxulumene nale mbali uMprofeti uJoseph Smith wathi: “Ndabaxelela abazalwana ukuba iNcwadi kaMormoni yaye iyeyona ncwadi ichanekileyo kunayo nayiphina incwadi emhlabeni, kwaye isisiseko senkolo yethu, kwaye umntu angasondela kufuphi kuThixo ngokuhlala ngokweemfundiso zayo, kunayo nayiphina enye incwadi.”

Ukongezelela kuJoseph Smith, iNkosi yalungiselela ukuba abanye abalishumi elinanye bawabone amacwecwe egolide ngokwabo baze babe ngamangqina akhethekileyo ngobunyani nobuthixo beNcwadi kaMormoni. Ubungqina babo obubhaliweyo buqukwe kwalapha njengo “Bungqina baMangqina amaThathu” no “Bungqina baMangqina asiBhozo.”

Simema bonke abantu ndawozonke ukuba bayifunde iNcwadi kaMormoni, bawuguqu-guqule ezintliziyweni zabo umyalezo oyiqulathileyo, baze emva koko babuze kuThixo, uBawo onguNaphakade, egameni likaKrestu ukuba incwadi iyinyani kusini na. Abo bathi balandele eli cebo baze babuze ngokholo baya kufumana ubungqina bobunyani nobuthixo bayo ngamandla oMoya oyiNgcwele. (Bona Moronayi 10:3–5.)

Abo bathi bafumane obu bungqina bunyulu kuMoya oyiNgcwele baya kuba nakho kanjalo ukwazi kwa ngawo amandla ukuba uYesu Krestu unguMsindisi wehlabathi, ukuba uJoseph Smith ungumtyhili Wakhe nomprofeti kule mihla yokugqibela, kwaye nokokuba iBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela libubukumkani beNkosi obumisiweyo kwakhona emhlabeni, ukulungiselela kuBuya kweSibini kukaMesiya.