Izibhalo
Abraham 2


Isahluko 2

UAbraham ushiya iUre esiya eKanan—UYehova ubonakala kuye eHaran—Zonke iintsikelelo zevangeli zithenjiswa kwimbewu yakhe nangembewu yakhe kubo bonke—Uyahamba uya eKanan kwaye aqhubekeke aye eYiputa.

1 Ngoku iNkosi uThixo yenza indlala ibe buhlungu elizweni laseUre, nanjengokuba uHaran, umntakwethu, wafayo; kodwa uTera, ubawo, ebesahlala elizweni laseUre, yamaKhaledi.

2 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Abraham, ndathabatha uSarayi ndamenza umfazi, noNehore, umntakwethu, wathabatha uMilka wamenza umfazi, owayeyintombi kaHaran.

3 Ngoku iNkosi yayithe kum: Abraham, phuma elizweni lakho, nakuzo izalamane, nasendlwini kayihlo, uye kwilizwe endiya kukubonisa lona.

4 Ke ngoko ndalishiya ilizwe laseUre, lamaKaledi, ndaya elizweni lakwaKanan; kwaye ndathabatha uLote, unyana womntakwethu, nomfazi wakhe, noSarayi umfazi wam; kananjalo ubawo walandela emva kwam, ukuya kwilizwe esalibiza ngokuba yiHaran.

5 Kwaye indlala yadamba; kwaye ubawo wasala eHaran kwaye wahlala apho, njengoko kwakukho imihlambi emininzi eHaran; kwaye ubawo waguqukela kwakhona kwizithixo zakhe, ke ngoko waqhubeka eHaran.

6 Kanti ke mna, Abraham, noLote, unyana womntakwethu, sathandaza eNkosini, kwaye iNkosi yabonakala kum, yaye yathi kum: Phakama, uze uthathe uLote kunye nawe; kuba ndinenjongo yokukuthatha uphume umke eHaran, kwaye ndikwenze umfundisi wokuphatha igama lam kwilizwe lasemzini endiya kulinika imbewu yakho emva kwakho libe lilifa lakho lanaphakade, xa beliphulaphula ilizwi lam.

7 Kuba ndiyiNkosi uThixo wakho; ndihlala ezulwini; umhlaba sisihlalo seenyawo zam; ndolulela isandla sam phezu kolwandle, luze luthobele ilizwi lam; ndenza umoya nomlilo zibe yinqwelo yam; ndithi ezintabeni—Sukani kule ndawo—kwaye qaphela, zithatyathelwa kude sisaqhwithi, ngephanyazo, ngokukhawuleza.

8 Igama lam ndingu Yehova, ndaye ndazi isiphelo ukususela ekuqalekeni; ke ngoko isandla sam siya kuba phezu kwakho.

9 Kwaye ndiya kukwenza isizwe esikhulu, ndaye ndiya kukusikelela ngaphezu komlinganiselo, ndize ndenze igama lakho libe likhulu phakathi kwazo zonke izizwe, kwaye uya kuba yintsikelelo kwimbewu yakho emva kwakho, kuba ezandleni zabo baya kuphatha obu bufundisi noBubingeleli kuzo zonke izizwe;

10 Kwaye ndiya kubasikelela ngegama lakho; kuba njengokuba abaninzi besamkela le Vangeli baya kubizwa ngegama lakho, kwaye kubalelwa kwimbewu yakho, kwaye baya kuphakama baze basikelele wena, njengoyise wabo;

11 Kwaye ndiya kubasikelela abasikelela wena, ndize ndibaqalekise abaqalekisa wena; kwaye kuwe (oko kukuthi, kuBubingeleli bakho) nakuyo imbewu yakho (oko kukuthi, uBubingeleli bakho), kuba ndikunika isithembiso okokuba eli lungelo liya kuqhubekeka kuwe, nasembewini yakho emva kwakho (oko kukuthi, imbewu ngokwenene, okanye imbewu yomzimba) zonke iintsapho zomhlaba ziya kusikelelwa, nkqu ngeentsikelelo zeVangeli, ezizintsikelelo zosindiso, nkqu ezobomi obungunaphakade.

12 Ngoku, emva kokuba iNkosi iyekile ukuthetha kum, kwaye irhoxise ubuso bayo kum, ndathi entliziyweni yam: Isicaka sakho sikufune ngokunyanisekileyo; ngoku sikufumene;

13 Wena wathumela ingelosi yakho indikhulule kwizithixo zikaElikena kwaye ndiya kwenza kakuhle ekuphulaphuleni ilizwi lakho, ke ngoko isicaka sakho masiphakame size simke ngoxolo.

14 Njalo mna, Abraham, ndemka njengoko iNkosi yatshoyo kum, nakuLote kunye nam; kwaye mna, Abraham, ndandineminyaka engamashumi amathandathu anesibini ubudala xa ndaphumayo eHaran.

15 Kwaye ndathabatha uSarayi, endandimthathe ndamenza umfazi xa ndandiseUre, eKhaledi, noLote, unyana womntakwethu, nezinto zethu zonke esasizihlanganisile, nemiphefumlo esasisiyizuzile eHaran, kwaye seza ngaphambili ngendlela eya kwilizwe lakwaKanan, kwaye sahlala ezintenteni njengoko seza ngendlela yethu;

16 Ke ngoko, iphakade lalisisigqumathelo sethu neliwa lethu nosindiso lwethu, njengoko sasihamba sivela eHaran ngendlela yakwaJershon, ukuza elizweni lakwaKanan.

17 Ngoku mna, Abraham, ndakha isibingelelo elizweni lakwaJershon, kwaye ndenza umnikelo eNkosini, kwaye ndathandaza okokuba indlala ibe nokugxothwa endlwini kabawo, ukuze bangabi nokutshabalala.

18 Kwaye ngoko sadlula eJershon sicanda kwilizwe eliya kwindawo yaseShekem; yayakhiwe emathafeni akwa More, kwaye sasisele sifike kwimida yelizwe lamaKanan, kwaye ndanikela idini apho kumathafa akwaMore, kwaye ndabiza eNkosini ngokungazenzisiyo, ngokuba sasisele sifike elizweni lesi sizwe sinqula izithixo.

19 Kwaye iNkosi yabonakala kum iphendula imithandazo yam, kwaye yathi kum: Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe.

20 Kwaye mna, Abraham, ndaphakama endaweni yesibingelelo endandisakhele iNkosi, kwaye ndemka kuloo ndawo ndisiya entabeni empumalanga yaseBheteli, kwaye ndamisa intente yam apho, entshonalanga eBheteli, naseHayi empumalanga; ndaye apho ndakhela esinye isibingelelo kuyo iNkosi, kwaye ndabiza kwakhona egameni leNkosi.

21 Kwaye mna, Abraham, ndahamba, ndisaya emazantsi; kwaye kwakukho ukuqhubeka kwendlala elizweni; kwaye mna, Abraham, ndagqiba ukuya ezantsi eYiputa, ndahlala ithutyana apho, kuba indlala yaba buhlungu kakhulu.

22 Kwaye kwenzekile xa ndafika kufutshane nokungena eYiputa, iNkosi yathi kum: Qaphela, uSarayi, umfazi wakho, ungumfazi omhle kakhulu imbonakalo;

23 Ke ngoko kuya kwenzeka, xa amaYiputa eya kumbona, aya kuthi—Ungumfazi wakhe; kwaye ke aya kukubulala, kodwa aya kumsindisa aphile; ke ngoko bona okokuba ukwenza oku ngobulumko:

24 Makathi kuwo amaYiputa, ungudade wenu, kwaye umphefumlo wakho uya kuphila.

25 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Abraham, ndaxelela uSarayi, umfazi wam, konke oko iNkosi ikuthethileyo kum—Ke ngoko yithi kuwo, ndiyanithandaza, yena ungudade wethu, ukuze kulunge kum ngenxa yakho, kwaye umphefumlo wam uya kuphila ngenxa yakho.