Uncedo lweZifundo
Dini


Dini

KwiMihla yamandulo, idini lalithetha ukwenza into ethile okanye ongcwele othile. Ngoku lithe leza ekuthetheni ukuncama okanye ukubulalekela ukulahlekelwa zizinto zehlabathi ngenxa yeNkosi nobukumkani Bayo. Amalungu eBandla leNkosi amele ukwenza idini ngokuzithandela lezinto zonke ngenxa yeNkosi. UJoseph Smith wafundisa okokuba “inkolo engalifuniyo idini lezinto zonke ayinakuze ibe namandla awoneleyo ekuveliseni ukholo olufunekayo ebomini naselusindisweni.” Kwimbono engunaphakade, iintsikelelo ezizuzwa ngedini zinkulu ngakumbi kunayo nayiphina into encanyiweyo.

Emva kokuba uAdam noEva bakhutshelwa ngaphandle koMyezo wase-Eden, iNkosi yabanika umthetho wedini. Lo mthetho wabandakanya ukunikela ngamazibulo emihlambi yabo. Eli dini laliqondisa idini elaliza kwenziwa ngoKuphela koZelweyo uNyana kaThixo (Moses 5:4–8). Esi senzo saqhubeka kwade kwasekufeni kukaYesu Krestu, esiphelise ukwenziwa kwedini isilwanyana njengommiselo wevangeli (Alma 34:13–14). KwiBandla namhlanje amalungu adla umthendeleko wesonke namanzi ekukhumbuleni idini likaYesu Krestu. Amalungu eBandla likaKrestu namhlanje kanjalo acelwe ukuba anikele idini lentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo (3 Nif. 9:19–22). Oku kuthetha ukuba ayazithoba, aguquke, aze azithandele ukuthobela imiyalelo kaThixo.