2010–2019
Unonophelo luqobisana Nokuqhelekileyo
INkomfa yaJikelele kaTshazimpunzi 2019


Unonophelo luqobisana Nokuqhelekileyo

Njengoko iimpembelelo zehlabathi zisanda ukwamkela ububi, kufuneka sizame ngako konke ukukhuthala ukuze sihlale siqinile kwindlela ekhokelela ngokukhuselekileyo kuMsindisi wethu.

Ndakhe ndabona uphawu kwifestile yevenkile oluthi, “Ulonwabo, yi–$15.00.” Ndandinomdla wokwazi ukuba lulonwabo olungakanani endingaluthenga nge–$15 ndaye ndangena ngaphakathi ukuyokubona. Into endayifumanayo yayingamaso exabiso eliphantsi kunye nezipho zezikhumbuzo—akukho nanye into endayibonayo eyayinokundizisela uhlobo lolonwabo olwa phawu lwalulixela! Kule minyaka idlulileyo, ndiye ndacinga amaxesha amaninzi malunga nolwa phawu kwakunye nokokuba kulula kangakanani ukukhangela ulonwabo kwizinto zexabiso eliphantsi okanye zexeshana. Njengamalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, sisikelelekile ukwazi ukuba lufumaneka phi kwaye kanjani ulonwabo lokwenene. Lufunyanwa ngokuphila ngocoselelo ivangeli emiselwe yiNkosi noMsindisi wethu, uYesu Krestu, kunye nokuzabalazela ukufana ngakumbi naYe.

Sinomhlobo othandandekayo owayeyinjineli yoololiwe. Ngenye imini xa wayeqhuba uloliwe kwindlela yakhe, waye wabona imoto emi endleleni phambi kwakhe. Waye wakhawuleza wabona ukuba le moto yayixingile kwaye ingakwazi ukuwela endleleni. Waye wakhawuleza wabeka uloliwe kwimo yexesha likaxakeka, eyabopha iziqhoboshi kwikhareji ngalinye eyayinde kangangeekota ezintathu zemayile (1,2 km) emva kwenjini, ezazithwele umthwalo weethani ezingama-6 500 (5, 900 metric yeethani). Kwakungekho thuba lingako lokuba uloliwe wayeya kuba nakho ukuma phambi kokuba atshayise imoto, into leyo yathi yenzekayo. Ngethamsanqa kubantu ababesemotweni, basiva isilumkiso sokukhala kwempempe kaloliwe kwaye babaleka emotweni ngaphambi kongquzulwano. Njengoko injineli yayithetha nepolisa elalisenza uphando, umfazi owayenomsindo waye weza kubo. Wakhwaza esithi usibonile sonke esi siganeko kwaye wangqina ukuba injineli khange ibenakho ukuzama ukuphuma emzileni ukuze iphose imoto!

Ngokucacileyo, ukuba injineli yayikwazile ukuphepha kwaye ishiye umzila ukuthintela ingozi, yona kunye nololiwe wayo wonke ngowawulahlekile kwimeko yokushiya indlela kwaye inkqubela phambili kaloliwe yayiza kufikelela ekumeni ngophanyazo. Ngethamsanqa kuye, imizila yemigaqo ewayehamba kuwo uloliwe wakhe wawagcina amavili kaloliwe ebaleka esiya apho aya khona kungakhathaliseki ngomqobo okwindlela yakhe. Ngethamsanqa kuthi, nathi sisemzileni, indlela yomnqophiso esazibophelela kuyo xa sabhaptizwayo njengamalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Nangona sisenokudibana nemiqobo ngamanye amaxesha apha endleleni, le ndlela iya kusigcina sisiya kwindawo yethu yexabiso lwanaphakade ukuba sihlala siqinile kuyo.

Umfanekiso
Umbono kaLihayi womthi wobomi

Umbono womthi wobomi usibonisa iziphumo zokuqhela ukuba zingasikhokelela kude njani kwindlela yomnqophiso. Cinga ukuba intonga yesinyithi kunye nendlela ecutheneyo kunye nendlela emxinwa, okanye indlela yomnqophiso, ekhokelela ngqo kuwo umthi wobomi, apho zonke iintsikelelo ezinikwa nguMsindisi wethu kunye neNtlawulelo yaKhe zifumaneka kwabathembekileyo. Okunye okwabonwa embonweni yayingumfula wamanzi omela ubumdaka behlabathi. Izibhalo zichaza ukuba lo mlambo “wabaleka” kwindlela kodwa wadlula kuphela “kufutshane” nomthi, hayi ukuyokutsho kuwo. Umhlaba ugcwele ziziphazamiso ezinokuthi zikhohlise nkqu nabanyuliweyo, zibenze bangakhathali kwiminqophiso yabo—loo nto ibakhokelela kufutshane nomthi, kodwa hayi ukuyokutsho kuwo. Ukuba asilumkanga ekuphileni iminqophiso yethu ngokungagungqiyo, imizamo yethu eqhelekileyo inokusikhokelela ekugqibeleni kwiindlela ezingavumelekanga okanye sizimanye nabo sele bengene kwisakhiwo esikhulu nesiphangaleleyo. Ukuba asilumkanga, sisenokude sintywile enzonzobileni yomlambo ongcolileyo.1

Kukhona indlela yonononophelo kunye nendlela yokungakhathali yokwenza yonke into, kubandakanya nokuphila ivangeli. Xa sicinga ngokuzinikela kwethu kuMsindisi, ingaba sinononophelo okanye asikhathali? Ngenxa yobume bethu bokufa, asithi ngamanye amaxesha asiyiqiqi indlela esiziphatha ngayo, ngamanye amaxesha sibhekise kwizenzo zethu njengombala ongwevu okanye ukudibanisa okuhle nento engalunganga kangako? Nanini na xa sisithi, “nokuba,” “ngaphandle,” okanye “kodwa” xa zisebenza ekulandeleni ingcebiso yeenkokheli zethu ezingabaprofethi okanye ngokuphila ivangeli ngononophelo, enyanisweni siyatsho, “loo ngcebiso ayisebenzi kum.” Singazithethelela kangangoko sikufuna, kodwa inyani kukuba, akukho ndlela ilungileyo yokwenza into engalunganga!

Umxholo wolutsha lowonyaka ka–2019 uthathwe kuYohane 14:15, apho iNkosi iyalela, “Ukuba niyandithanda, gcinani imiyalelo yam.” Ukuba siyamthanda Yena njengoko sisitsho, ingaba asingekhe silubonise olo thando ngokuthi silumke ngakumbi xa siphila ngokwemiyalelo yaKhe?

Ukugcina ngononophelo ukuphila ivangeli oko akuthethi ukuba zenze ngokusesikweni okanye zingamkeli izinto ezintsha kuthi. Oko kuthetha ukuba sifanelekile kwiingcinga zethu nakwindlela esiziphatha ngayo njengabafundi bakaYesu Krestu. Njengoko sicinga ngomahluko phakathi kononophelo kunye nokuqheleka ekuphileni kwethu ivangeli, nazi iingcinga ekufuneka ziqwalaselwe:

Ingaba silumkile kunqulo lwethu ngosuku lweSabatha nakumalungiselelo ethu okuthatha inxaxheba kumthendeleko qho ngeveki?

Ingaba sinakho ukuba sinonophele ngakumbi kwimithandazo yethu kunye nokufunda izibhalo ezingcwele okanye sizibandakanye ngakumbi ku– Uze, Undilandele— Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho?

Ingaba sinononophelo kunqulo lwethu lwasetempileni, kwaye ingaba siphila ngononophelo ngenjongo siphila iminqophiso esasiyenza kubhaptizo nasetempileni? Ingaba sinononophelo kwinkangeleko yethu kwaye sindilisekile kwisinxibo sethu, ngakumbi kwiindawo ezingcwele kunye neemeko ezingcwele? Ingaba sinononophelo kwindlela esizinxiba ngayo izambatho ezingcwele zasetempileni? Okanye ingaba iifashoni zehlabathi zibonisa isimo sokungakhathali?

Ingaba sinononophelo kwindlela esilungiselela ngayo kwabanye kunye nendlela esiluzalisekisa ngayo ubizo lwethu eBandleni, okanye ingaba asinamdla okanye asikhathali nje kubizo lwethu lokunceda?

Ingaba sinononophelo okanye asikhathali kwizinto esizifundayo nezo sizibukelayo kumabonakude nakwizixhobo zethu zefowuni? Ingaba sinononophelo kulwimi lwethu? Okanye ingaba sikwamkela ngokulula ukuthuka kunye nobukrwada?

Incwadana ye–For the Strength of Youth iqulathe imigangatho ethi, xa ilandelwa ngononophelo, iya kusizisela iintsikelelo ezityebileyo kwaye isincede ukuba sihlale kuyo indlela yomnqophiso. Nangona yayibibhalelwe ukunceda ulutsha, imigangatho yayo ayiphelelwa xa sishiya iinkqubo zaBafana Abancinane nezaMantombazana Amancinane. Zisebenza kuye ngamnye wethu ngalo lonke ixesha. Ukuphengululwa kwale migangatho kunokukhuthaza ezinye iindlela esinokuthi sinonophele ngakumbi ngazo xa siphila ngevangeli.

Asiyehlisi imigangatho yethu ukuze samkeleke okanye senze omnye umntu azive ekhululekile. Singabafundi bakaYesu Krestu, kwaye ke ngoko sisekuphakamiseni abanye, sibaphakamisela kwindawo ephezulu, kwindawo engcwele apho nabo banokuvuna khona iintsikelelo ezinkulu.

Ndimema omnye ngamnye wethu ukuba afune ukukhokelwa nguMoya oyiNgcwele ukuze azi ukuba loluphi uhlengahlengiso ekufuneka elwenzile ebomini bethu ukuze silungelelaniswe ngononophelo neminqophiso yethu. Ndiyanibongoza kwananjalo ukuba ningabagxeki abanye abahamba olu hambo lunye. “Umgwebo ngowam, itsho iNkosi.”2 Sonke sikwinkqubo yokukhula kunye notshintsho.

Ibali elixelwa kwiNcwadi kaMormoni malunga nabakreqi bama-Amlisayithi linika umdla kum. Njengendlela yokuqaphelisa kwabanye ukuba babengasanxulumananga noYesu Krestu kunye neBandla laKhe, baye babeka uphawu olubomvu emabunzini abo ukuze bonke babonwe.3 Ngendlela echaseneyo, kwaye njengabafundi bakaYesu Krestu, siziphawula njani thina? Ingaba abanye banokubona ngokulula umfanekiso waKhe kwimbonakalo yethu kwaye bayazi ukuba simele bani na ngendlela esiphatha ngayo ngononophelo ubomi bethu?

Njengabantu bomnqophiso, asenzelwanga ukuba sizixube nehlabathi lonke. Sibizwa ngokuba “singabantu abakhethekileyo”4—esinjani sona isincomo! Njengoko iimpembelelo zehlabathi zisanda ukwamkela ububi, kufuneka sizame ngenkuthalo yonke ukuze sihlale ngokuqinileyo kwindlela ekhokelela ngokukhuselekileyo kuMsindisi wethu, siwandise umgama phakathi kokuphila kwethu komnqophiso kunye neempembelelo zehlabathi.

Njengoko ndicinga ngokufumana ulonwabo oluhlala luhleli, ndiyaqonda ukuba ngamanye amaxesha siyazifumana sikwindawo enebala elingwevu. Iinkungu zobumnyama azinakuphepheka njengoko sihamba kwindlela yomnqophiso. Isilingo kunye nokunganonopheli kunokubangela ngobukrelekrele ukuba siphambukele kwindlela eya ebumnyameni behlabathi kwaye kude kwindlela yomnqophiso. Ngamaxesha kunokwenzeka oku, umprofeti wethu othandekayo, uMongameli uRussell M. Nelson, usibongozile ukuba sibuyele kwindlela yomnqophiso kwaye senze njalo ngokukhawuleza. Ndinombulelo ongazenzisiyo ngesipho senguquko nangamandla eNtlawulelo yoMsindisi wethu.

Akunakwenzeka ukuba uphile ubomi obugqibeleleyo. Inye kuphela indoda eyakha yaphila ngokugqibeleleyo ngelixa yayiphila kulo mhlaba wethelestiyali. Lowo yayinguYesu Krestu. Nangona sisenokungagqibeleli, bazalwana noodade, singafaneleka: singalungela ukuthatha inxaxheba kumthendeleko, kwaye singalungela iintsikelelo zasetempileni, kwaye singalungela ukufumana isityhilelo sobuqu.

UKumkani uBenjamin wangqina ngeentsikelelo kunye nolonwabo oluzayo kwabo balandela ngenyameko uMsindisi: “Kwaye ngaphezu koko, ndinganqwenela okokuba nicingisise ngemo eneentsikelelo neyolonwabo lwabo bayigcinayo imiyalelo kaThixo. Kuba qaphelani, basikelelwe kuzo zonke izinto, kunye ezomzuzwana nezasemphefumlweni; kwaye ukuba bayanyamezela benyanisekile kwade kwaba sekupheleni bayamkelwa ezulwini, ukuze kulo babenokuhlala noThixo bekwimo yolonwabo olungasokuze luphele.”5

Ingaba ulonwabo lungathengwa nge–$15? Hayi, ngekhe. Ulonwabo olunzulu nolungenasiphelo luza ngenjongo nangokuphila ngononophelo ivangeli kaYesu Krestu. Ngegama likaYesu Krestu, amen.