2010–2019
UKrestu: Ukukhanya okuKhanya eBumnyameni
INkomfa yaJikelele kaTshazimpunzi 2019


UKrestu: Ukukhanya okuKhanya eBumnyameni

Ukuba uziva ukuba isibane sobungqina bakho siba luzizi kwaye ubumnyama buyasondela, yomelela. Gcina izithembiso zakho kuThixo.

I-ofisi yam kwiSakhiwo soMbutho waManina inombono ogqibeleleyo weTempile yaseSalt Lake. Ubusuku ngabunye, ngesiqhelo njengewotshi, izibane zetempile zangaphandle ziyakhanyiswa ngorhatya. Itempile isisibane esizinzileyo, nesiqinisekisayo ngaphandle kwefestile yam.

Umfanekiso
ITempile yaseSalt Lake ngorhatya

Ngobunye ubusuku kweyoMdumba ephelileyo, i-ofisi yam yahlala ingacacanga ncam ngokungaqhelekanga njengoko ilanga lalitshona. Njengokuba ndandijonge ngefestile, itempile yayimnyama. Izibane zazingakhanyiswanga. Ndaziva ndibuhlungu ngesiquphe. Ndandingakwazi ukubona iinkcochoyi zetempile endandizibona roqho ngokuhlwa iminyaka ngeminyaka.

Umfanekiso
ITempile yaseSalt Lake ineenkcochoyi ezingakhanyiswanga

Ukubona ubumnyama apho ndandilindele ukubona ukukhanya kwandikhumbuza ukuba enye yeemfuno ezisisiseko esinazo ukuze sikhule kukuhlala siqhagamshelene nomthombo wethu wokukhanya—uYesu Krestu. Ungumthombo wamandla wethu, ukuKhanya kunye noBomi beHlabathi. Ngaphandle konxibelelwano olomeleleyo kuYe, siqala ukufa ngokwasemoyeni. Ekwazi oko, uSathana uzama ukusebenzisa iingcinezelo zehlabathi esijamelana nazo sonke. Usebenzela ukunciphisa ukukhanya kwethu, ukunqumamisa unxibelelwano, asike isinekelo sombane, esishiya sodwa ebumnyameni. Olu xinzelelo ziimeko eziqhelekileyo ebomini, kodwa uSathana usebenza nzima ukuze asohlukanise thina kwaye asixelele ukuba sithi kuphela abavelana nazo.

Abanye Bethu Bakhubazekile Yintlungu

Xa iintlekele zisifikela, xa ubomi bubuhlungu kakhulu side singakwazi nokuphefumla, xa sithathe ukubethwa njengendoda eyayisendleleni eya eYeriko kwaye yayishiyelwe ukufa, uYesu uyeza agalele i-oyile kumanxeba ethu, asiphakamise ngobunene , asise endlwini yabahambi, asikhathalele.1 Kwabo bethu abasentlungwini, Yena uthi, “ Ndiya … kuyenza lula kanjalo imithwalo ebekwe phezu kwamagxa enu, ukuze nani ningayiva phezu kwemiqolo yenu, … kwaye nokokuba nibe nokwazi ngokuqinisekileyo okokuba mna, Nkosi uThixo, ndiyabavelela abantu bam kwiimbandezelo zabo.”2 UKrestu uphilisa amanxeba.

Abanye Bethu Badiniwe Nje

UMdala Jeffrey R. Holland wathi: “Akunyanzelekanga ukuba sibaleke ngaphezu kokuba sinamandla. … Kodwa [nangona] kunjalo, ndiyayazi … uninzi lwenu lubaleka ngokukhawuleza [kwaye] amandla kunye nonikezelo lweemvakalelo ngamanye amaxesha lubhalisa kufutshane nokungabinanto.”3 Xa ulindelo lusigubungela, singabuyela umva kwaye sibuze uBawo waseZulwini ukuba siyeke ntoni. Inxalenye yamava ethu obomi kukufunda oko singamelanga sikwenze. Kodwa nangona kunjalo, ngamanye amaxesha ubomi bunokudina. UYesu uyasiqinisekisa, “Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.”4

UKrestu ukulungele ukungenelela kunye nathi edyokhweni kwaye atsale ukuze aphungule imithwalo yethu. UKrestu ukukuphumla.

Abanye Bethu Baziva ngathi Asihambelani noKubunjwa kweSiko

Ngezizathu ezahlukeneyo, siziva singamkelekanga okanye sisamkeleka. ITestamente eNtsha ibonisa iinzame ezinkulu ezenziwa nguYesu ukufikelela kuzo zonke iintlobo zabantu: abaneqhenqa, abaqokeleli berhafu, abantwana, amaGalili, amahenyukazi, abafazi, abaFarisi, aboni, amaSamariya, abahlolokazi, amajoni amaRoma, abakrexezi, abo bangahlambulukanga ngokwesiko. Phantse kuwo onke amabali, Yena ufikelela kumntu owayengamkelwa ngokwesiko eluntwini.

ULuka 19 usixelela ngebali lomqokeleli werhafu omkhulu waseYeriko ogama linguZakeyu. Wakhwela emthini ukuze ambone uYesu edlula. UZakeyu wayeqeshwe ngurhulumente waseRoma kwaye wayebonwa njengorhwaphilizayo nomoni. UYesu wambona emthini wambiza, esithi, “Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho.”5 Kwaye xa uYesu wabona ukulunga kwentliziyo kaZakeyu kunye nezinto awayezenzela abanye, wamkela umnikelo wakhe, esithi, “Namhlanje kufike usindiso kule ndlu, [ngokokuba] naye engunyana ka-Abraham.”6

UKrestu ngobubele waxelela amaNifayithi, “Ndiyalele okokuba kungabikho namnye wenu omkayo.”7 UPetros wabanaloo mbono unamandla kwi–Izenzo 10 xa wayebhengeza, “UThixo undibonisile, ukuba ndingabizi [umntu] ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo.”8 Kuyimfuneko engagungqiyo yabafundi abangamaKrestu kunye naBangcwele beMihla yokuGqibela ukubonisa uthando lokwenene komnye nomnye.9 UYesu usinika isimemo esifanayo neso Yena wasenza kuZakeyu: “Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza: ukuba uthe [wena] waliva izwi lam, waluvula ucango, ndogena [kuwe], ndidle [nawe], [nawe] udle nam.”10 UKrestu uyasibona emthini wethu.

Abanye Bethu Baxakwe yiMibuzo

Kwiminyaka embalwa edlulileyo, bendisindwa kwaye ndicatshukiswa yimibuzo endandingafumani iimpendulo kuyo. Kwangentseni yangoMgqibelo othile, ndaba nephupha elincinci. Ephupheni bendibona igazebo, kwaye ndiye ndaqonda ukuba kumele ndime kuyo. Yayineengqameko ezintlanu eziyirhangqileyo, kodwa iifestile zazenziwe ngamatye. Ndikhalaze ephupheni, ndingafuni ukungena ngaphakathi kuba kwakuxinenekile. Emva koko kwathi qatha ingcinga engqondweni yam yokuba umntakwabo Yerede waye wanyibilikisa amatye ngomonde ayiglasi ecacileyo. Iglasi lilitye elidlule kwisimo sotshintsho. Xa iNkosi yayichukumisa amatye omntakwabo Yerede, akhazimla ngokukhanya kwiinqanawa ezimnyama.11 Ngesaquphe ndagcwaliswa ngumnqweno wokuba kuloo gazebo ngaphezu kwayo nayiphi na enye indawo. Yayiyeyona ndawo—ekuphela kwendawo—yokuba mna “ndibone” ngokwenyani. Imibuzo ebindikhathaza ayizange ihambe kude, kodwa ukukhanya engqondweni yam yayingumbuzo emva kokuba ndivukile: “Uza kulwandisa njani ukholo lwakho, njengomntakwabo Yerede, ukuze amatye akho ajikwe abe kukukhanya?”12

Iingqondo zethu zasemhlabeni zenziwa ukuba zifune ukuqonda kunye nentsingiselo kancinci ngexesha. Andizazi zonke izizathu zokuba kutheni isigqubuthelo sokufa singqindilili kangaka. Eli ayilo nqanaba kuphuhliso lwethu lwakanaphakade apho sinazo zonke iimpendulo. Linqanaba apho siphuhlisa khona isiqinisekiso sethu (okanye ngamanye amaxesha ithemba lethu) kubungqina bezinto ezingabonwayo. Isiqinisekiso siza ngeendlela ekungasoloko kulula ukuzihlalutya, kodwa kukho ukukhanya ebumnyameni bethu. UYesu wathi, “Ndikukukhanya, nobomi, nenyaniso yehlabathi.”13 Kwabo bafuna inyaniso, kusenokubonakala ngathi okokuqala ubudenge bokoyiya uxinaneko lweefestile ezenziwe ngamatye. Kodwa ngomonde kunye nemibuzo ethembekileyo, uYesu unokuziguqula iifestile zamatye zibe yiglasi kunye nokukhanya. UKrestu ukukukhanya kokubona.

Abanye Bethu Baziva Ngathi Ngekhe Balunge Ngokwaneleyo

Idayi yombala obomvu weTestamente eNdala yayingagqamile ngombala kuphela kodwa yayingaphumi, nto leyo ethetha ukuba umbala wawo oqaqambileyo wawuncamathela eboyeni kwaye awunakuphela nokuba uhlanjwe kangaphi.14 USathana usebenzisa le ndlela yokucinga ukusenza sizive singenakuxoleleka: uboya obumhlophe obunamabala abomvu abunakuze bubuyele ekubeni mhlophe. Kodwa uYesu Krestu uyabhengeza, “Iindlela zam [zi]ziphakamele iindlela zenu,”15 kwaye nommangaliso wobabalo lwaKhe kukuba xa siguquka kwizono zethu, igazi lakhe elibomvu lisibuyisela kubunyulu. Akukho ngqiqweni, kodwa ke kunjalo yinyaniso.

Umfanekiso
Uboya bunamabala abomvu

Ifoto evela eStock.com/iinwibisono

“Nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya.”16 INkosi ithi ngokugxininisayo: lowo “uthe waguquka ezonweni … zakhe, onjalo uxolelwe, kwaye mna, iNkosi, andizikhumbuli kwakhona.”17 Eyona nto ibalulekileyo: Khanize, sibonisane.18 Uzenzile iimpazamo; wonke umntu uyasilela.19 Yiza kum kwaye uguquke.20 Andisayi kuba sasikhumbula isono.21 Unokuba ngopheleleyo kwakhona.22 Ndinomsebenzi ekumele uwenze.23 UKrestu wenza uboya bube mhlophe.

Kodwa ngawaphi amanyathelo asebenzayo? Yeyiphi into ebalulekileyo yokunxibelelana kwakhona namandla kaYesu Krestu xa sithandabuza? UMongameli Russell M. Nelson wayitsho ngokulula: “Eyona nto ibalulekileyo kukwenza nokugcina iminqophiso engcwele. … Ayiyondlela entsokothileyo.”24 Yenza uKrestu abe liziko lobomi bakho.25

Ukuba uziva ukuba isibane sobungqina bakho siba luzizi kwaye ubumnyama buyasondela, yomelela. Gcina izithembiso zakho kuThixo. Buza imibuzo yakho. Ngomonde nyibilikisa ilitye libe yiglasi. Jika uye kuYesu Krestu, osakuthanda nangoku.

UYesu wathi, “Ndilukhanyiselo [olo] lwabonakala ebumnyameni, baza ubumnyama abaluqiqa.”26 Oko kuthetha ukuba nokuba buzama kangakanani na, ubumnyama abunakucima ukukhanya. Soze. Ungathemba ukuba ukukhanya kwaKhe kuya kubakhona ngakuwe.

Umfanekiso
ITempile yaseSalt Lake ikhanyisiwe kwakhona

Thina, okanye abantu esibathandayo, sisenokucima okwethutyana. Kwimeko yeTempile yaseSalt Lake, umphathi wezakhiwo, uMzalwana uVal White, wafowunelwa phantse kwangoko. Abantu baqaphela. Yintoni eyayingalunganga ngezibane zasetempileni? Kuqala, abasebenzi baya ngobuqu kwiphaneli nganye yombane etempileni kwaye bazikhanyisa kwakhona izibane ngesandla. Emva koko batshintsha iibhetri kumbane ozenzekelayo kwaye bazivavanya ukuze bafumanise oko kwakonakele.

Kunzima ukubuyisa izibane ngokwakho. Sidinga abahlobo. Siyadingana. Njengabasebenzi bezakhiswo zetempile, singancedana ngokubonana ngobuqu, sihlaziye iibhetri zethu zokomoya, silungise okungahambanga kakuhle.

Umfanekiso
ITempile yaseSalt Lake ngexesha leKrisimesi

Ukukhanya kwethu kunokufana nesikhanyisi esinye sokukhanya emthini. Kodwa sisasikhanyisa isibane sethu esincinci, kwaye sonke kunye, njengeTemple Square ngexesha leKrisimesi, sitsalela izigidi ngezigidi zabantu endlwini yeNkosi. Ngaphezu kwako konke, njengoko uMongameli uNelson akhuthazile, singazisa ukukhanya koMsindisi kuthi nakubantu ababalulekileyo kuthi ngesenzo esilula sokugcina iminqophiso yethu. Ngeendlela ezahlukeneyo, iNkosi iyasivuza eso senzo sokuthembeka ngamandla kunye nangovuyo.27

Ndiyangqina ukuba uyathandwa. INkosi iyazi uzama kanzima kangakanani. Wenza inkqubela. Qhubeka. Uyawabona onke amadini akho afihlekileyo kwaye uwabalela ukulungelwa kwakho kunye noko kwabo ubathandayo. Umsebenzi wakho awulolize. Awukho wedwa. Igama lakhe, u–Imanuweli, lithetha “uThixo unathi.”28 Ngokuqinisekileyo unawe.

Thatha amanyathelo ambalwa kwindlela yomnqophiso, nokuba kumnyama kakhulu ukubona kude kakhulu. Izibane ziya kubuya zikhanye. Ndiyangqina ngenyaniso kumazwi kaYesu, kwaye azaliswe kukukhanya: “Sondelani kum kwaye ndiyakusondela kuni; ndifuneni ngenkuthalo kwaye niya kundifumana; celani, kwaye niya kuphiwa; nkqonkqozani, kwaye niya kuvulelwa.”29 Egameni likaYesu Krestu, amen.