Izibhalo
Moronayi 3


Isahluko 3

Abadala bamisela ababingeleli neetitshala ngokubekwa kwezandla. Malunga E.K. 401–421.

1 Uhlobo abathi ngalo abafundi, ababebizwa ngokuba ngabadala bebandla, bamisela ababingeleli neetitshala—

2 Emva kokuba bethandazile kuye uBawo egameni likaKrestu, babeka izandla zabo phezu kwabo, baza bathi:

3 Egameni likaYesu Krestu ndiya kumisela ukuba ube ngumbingeleli, (okanye, ukuba uyititshala, ndiya kumisela ukuba ube yititshala) ukuba ushumayele inguquko noxolelo lwezono ngoYesu Krestu, ngonyamezelo lokholo egameni lakhe kuye esiphelweni. Amen.

4 Kwaye ngolu hlobo baye bamisela ababingeleli neetitshala, ngokwezipho nobizo lukaThixo kubo abantu; kwaye babamisela ngamandla oMoya oyiNgcwele, owaye ukubo.