Izibhalo
Moronayi 5


Isahluko 5

Uhlobo lokunikela iwayini yomthendeleko iyacaciswa. Malunga E.K. 401–421.

1 Uhlobo lokunikela iwayini—Qaphelani, bayithabatha indebe, baza bathi:

2 Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, siyakucela, egameni loNyana wakho, uYesu Krestu, ukuba usikelele kwaye ungcwalise le wayini kuyo imiphefumlo yabo bonke abo baselayo kuyo, ukuze babe nokukwenza benenkumbulo yegazi loNyana wakho, elaphalalela bona; baze babe nokungqina kuwe, Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, baze besoloko bemkhumbula, ukuze babenawo uMoya wakhe ukuba ube kunye nabo. Amen.