2010–2019
UBubingeleli kunye naMandla eNtlawulelo yoMsindisi
EyeDwarha 2017


UBubingeleli kunye naMandla eNtlawulelo yoMsindisi

Ukuze iinjongo zikaBawo oseZulwini zifezekiswe, amandla entlawulelo kaKrestu adinga ukwenziwa afumaneke kubantwana bakaThixo. Ububingeleli buzisa la mathuba.

Yibanomfanekiso kunye nam wesiphekepheke siqhutyelwa kwindawo yokunduluka ukuze silungele ukuntingela phezulu. Ngoku yibanombono wokuqhushumba. Amafutha, kutshiso olulawulwayo, aguqulelwa kwigesi emoya oshushu otyekezela ngaphandle, ebonelela ngemfuneko yokuthyalela ukunyusa isiphekepheke siye esibhakabhakeni. Okokugqibela, yibanombono wobunzima, okanye womthwalo, ohleli phezu kwesiphekepheke. Ixabiso lobunzima luqatshelwa ngokupheleleyo kuphela xa bufika apho budinga ukuba khona kwaye busebenza ngendlela ekumele busebenze ngayo.  Awudingi ukuba ngusonzululwazi wesiphekepheke ukuze uxabise ukuba isethelayithi yonxibelelwano lomhlaba jikelele ebizayo iyeyexabiso elincinane xa ihleli kwindlu yokugcina izinto. Umsebenzi wesiphekepheke ngokulula kukuhambisa umthwalo.

Ngale njikalanga ndithanda ukuthelekisa ububungeleli obu sibubambayo kunye nesiphekepheke kunye nethuba lokuzuza emandleni wentlawulelo yoMsindisi kumthwalo esiwuhambisayo.

Ngenxa yentlawulelo yaKhe, uYesu Krestu unamandla negunya lokukhulula lonke uluntu. Ukwenza amandla entlawulelo yaKhe axhamleke, Yena unikele isahlulo samandla aKhe negunya kubantu emhlabeni. La mandla negunya elinikiweyo zibizwa ububingeleli. Bona buvumela ababambi bobubingeleli ukuba bancedise uBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu emsebenzini waBo—ukuzisa usindiso nokuphakanyiswa kwabantwana bakaThixo. Bona benza njalo kuba bubonelela abantwana baKhe ngethuba lokufumana iintsikelelo zamandla entlawulelo yoMsindisi.

Amandla entlawulelo kaYesu Krestu abalulekile ngoba akukho namnye kuthi onokubuyela kwikhaya lethu lasezulwini ngaphandle koncedo. Emhlabeni omagadʼ ahlabayo, sisoloko sisenza iimpazamo kwaye sophula imithetho kaThixo. Siyangcoliseka sisono kwaye singakwazi ukuvunyelwa ukuba sibuye sihlale kubukho bukaThixo. Sidinga amandla entlawulelo yoMsindisi ukuze sibenakho ukuxolelaniswa kwakhona kuBawo oseZulwini. UYesu Krestu waqhawula amaqhina okufa ngokwasenyameni, evumela uvuko lwabantu bonke. Yena ubonelela ngoxolelo lwezono, olumiselwe kwimiqathango yentobeko kwimithetho kunye nemimiselo yevangeli yaKhe. NgaYe, ukuphakanyiswa kuyanikelwa. Ithuba lokuxhamla emandleni entlawulelo yoMsindisi lingowona mthwalo wendalo obalulekileyo.

Ukuze iinjongo zikaBawo oseZulwini zifezekiswe, amandla entlawulelo kaKrestu adinga ukwenziwa afumaneke kubantwana bakaThixo.1 Ububingeleli buyawazisa la mathuba. Bona busisiphekepheke. Ububingeleli bubalulekile ngoba imimiselo eyimfuneko neminqophiso emhlabeni yenziwa kuphela ngegunya lwabo. Ukuba ububingeleli buyasilela ukuzisa ithuba lokuxhamla emandleni entlawulelo yoMsindisi, ibiya kuba yintoni injongo yabo? Ingaba bebuya kuba yinto eqhushumbayo yokudlala nje enzima, ethanda amehlo? UThixo unenjongo yokuba ububingeleli bube nokusetyenziselwa okungaphezulu ngakumbi nje kuneklasi yangeCawa okanye njengethuba lokunceda. Yena unenjengo ngabo bokuba buhambise umthwalo.

Iziphene ezincinci kwisiphekepheke zinokubangela ukungaphumeleli komsebenzi. Amatywina abhetyebhetye kunye nokudinwa kwezixhobo kunokubangela isiphekepheke ukuba singasebenzi kakuhle. Ukukhusela ububingeleli, ngokwesikweko, ematywineni awabhetyebhetye nokudinwa kwezixhobo, uThixo ukhusela ukunikelwa kwabo kunye nokusetyenziswa kwabo.2 Ukunikwa kobubingeleli kukhuselwe ngezitshixo zobubingeleli, ezingamalungelo obongameli anikwe abantu.3 Usetyenziso lobubingeleli kananjalo lukhuselwe zizitshixo zobubingeleli kodwa nangayo iminqophiso ababambi bobubingeleli abayenzayo. Usetyenziso lobubingeleli ngokweeziphumo lukhuselwe ngazo zombini izitshixo zobubingeleli kunye neminqophiso. Ukugunyaziswa kobubingeli bendoda kunikezwe kumntu ngamnye ngamnye kwaye akuziphileli ngaphandle kwakhe;4 ububingeleli ayingomnombo ongacacanga wamandla azimeleyo.

Kunye ububingeleli buka-Aron nobukaMelketsideke bufunyanwa ngomnqophiso.5 UThixo umisela imiqathango kwaye umntu amkele. Ukuthetha ngokubanzi, ababambi bobubingeleli benza umnqophiso noThixo wokunceda emsebenzini waKhe. Kwangoko kweli xesha lokuhlanganisela, uYesu Krestu wacacisa ukuba umnqophiso wobubingeleli “uqiniselwe phezu kwenu ngenxa yenu, kwaye ingasikuko okwenxa yenu kuphela, kodwa ngenxa yehlabathi lonke … ngenxa yokuba abezi kum.”6

Oku kufundisa ukuba injongo yobubingeleli kukumema abanye beze kuKrestu ngokubanceda bafumane ivangeli ebuyisiweyo. Sinobubingeleli ukuze sincede abantwana bakaBawo oseZulwini bakhululwe emthwalweni wesono kwaye babe njengaYe. Ngobubingeleli, amandla obuthixo ayabonakaliswa ebomini babo bonke abenzayo nabagcina iminqophiso yevangeli kwaye bafumane nemimiselo enxulumene nayo.7 Le yindlela yomntu ngamnye kuthi esiza ngayo kuKrestu, esihlanjululwa ngayo, kwaye sixolelaniswe kwakhona kuThixo. Amandla entlawulelo kaKrestu enziwe axhamleke ngobubingeleli, obuhambisa umthwalo.

Iminqophiso noThixo inzulu kwaye inesidima. Umntu kufuneka alungiselele, afunde malunga, kwaye angene kwiminqophiso enjalo ngenjongo yokuyizukisa. Umnqophiso uba sisibhambathiso sobuqu. Ukushwankathela umbhali womdlalo wesiNgesi uRobert Bolt, indoda yenza umnqophiso kuphela xa ifuna ukuzibophelela ngokukodwa kwisithembiso. Yona yenza isazisi phakathi kwenyani yesithembiso kunye nesidima sakhe. Xa indoda isenza umnqophiso, iyazibamba, njengamanzi, kwizandla zayo ezenzwe okwekomityi. Kwaye ukuba ivula iminwe yayo, ayidingi themba lokuzifumana kwakhona. Umaphuli womnqophiso akasenako ukuzibophelela kuye okanye isiqinisekiso sokunikela.8

Umbambi wobubingeleli buka-Aron wenza umnqophiso wokuphepha ububi, wokunceda abanye baxolelaniswe noThixo, kwaye alungiselele ukufumana ububingeleli bukaMelkitsedeke.9 Olu xanduva lungcwele luyazalisekiswa njengoko efundisa, ebhaptiza, esomeleza amalungu eBandla, kwaye ememela abanye bamkele ivangeli. Le yimisebenzi yakhe ”yesiphekepheke”. Ngembuyekezo, uThixo uthembisa ngethemba, uxolelo, ubulungiseleli beengelosi, nezitshixo zevangeli yenguquko kunye nobhaptizo.10

Umbambi woBubingeleli bukaMelkitsedeke wenza umnqophiso wokufezekisa uxanduva olunxulumene nobubingeleli buka-Aron kwaye andise ubizo lwakhe kuBubingeleli bukaMelkitsedeke.11 Ukwenza oko ngokugcina imiyalelo enxulumene nomnqophiso. Le miyalelo ibandakanya ukunika “ngenkuthalo inyameko amazwi obomi obungunaphakade“ ngokuphila ngamazwi onke abheka phambili evela emlonyeni kaThixo,12 ukunika ubungqina ngoYesu Krestu nomsebenzi waKhe weMihla yokuGqibela,13 hayi ukuziqhayisa,14 kwaye abengumhlobo woMsindisi, emthemba Yena njengoko umhlobo ebenokwenza.15

Ngembuyekezo, uThixo uthembisa ukuba umbambi woBubingeleli bukaMelkitsedeke uya kufumana izitshixo zokuqonda iimfihlakalo zikaThixo. Uya kuba ngogqibeleleyo ukuze akwazi ukuma kubukho bukaThixo. Uya kuba nakho ukuyenza indima yakhe emsebenzini wosindiso. UYesu Krestu uya kulungisa indlela phambi kombambi wobubingeleli kwaye uya kuba kunye naye. UMoya oyiNgcwele uya kuba sentliziyweni yombambi wobubingeleli, kwaye iingelosi ziya kumthwala. Umzimba wakhe uya komelezwa kwaye avuseleleke. Uya kuba yindlalifa yeentsikelelo zika-Abraham kwaye, kunye nenkosikazi yakhe, iindlalifa ke kunye noYesu Krestu kuBawo oseZulwini. 16 La ngawo “amadinga amakhulukazi nanqabileyo.”17 Akukho zithembiso zikhulu zinakho ukuqikelelwa.

Kwindoda nganye efumana uBubingeleli bukaMelkitsedeke, uThixo uyaziqinisekisa izithembiso zeminqophiso yakhe ngesifungo.18 Esi sifungo siphathelele kuBubingeleli bukaMelkitsedeke kuphela,19 kwaye nguThixo ofunga isifungo, hayi umbambi wobubingeleli.20 Ngenxa yokuba le meko ihlukileyo ibandakanya amandla aKhe anobuthixo kunye negunya, uThixo usebenzisa isifungo, esebenzisa olona lwimi lungqinqwa Yena anganakho ukulusebenzisa, ukusiqinisekisa ngembophelelo nodidi lwezithembiso zaKhe ezingajikiyo.

Iziphumo ezimaxongo ziyavela ekwaphuleni iminqophiso yobubingeleli kwakunye nasekuyijikeleni ngokupheleleyo.21 Ukuqhela okanye ukungabinavelwano kubizo lobubingeleli kufana nokwazisa ukudinwa kwezixhobo emalungwini wesiphekepheke. Kubeka esichengeni umnqophiso wobubingeleli kuba inakho ukukhokelela ekusileleni komsebenzi wayo. Ukungathobeli imiyalelo kaThixo kuyawophula umnqophiso. Rhoqo, umophuli womnqiphiso ongaguqukiyo, iintsikelelo ezithenjisiweyo ziyarhoxiswa.

Ndiye ndabuqonda ngakumbi ubudlelwane phakathi kwesiphekepheke “sobubingeleli” kunye “nethuba lokuxhamla emandleni entlawulelo kaKrestu” umthwalo ohlawulelweyo kwiminyaka eliqela eyadlulayo. Ngempelaveki ithile, ndandinemisebenzi emibini. Owokuqala yayikukuseka ingqokelela yamasebe yokuqala kwilizwe, kwaye omnye yayiludliwanondlebe nomfana oselula kwaye, ukuba konke kwakuhamba ngocwangco, sibuyisele ububingeleli bakhe kunye neentsikelelo zetempile. Le ndoda eneminyaka engama-30 ubudala yayizimanye neBandla kwiminyaka yayo yobutsha eseyihambile. Yaye yasebenza kumsebenzi wokufundisa ivangeli obekekileyo. Kodwa xa yayibuyele ekhaya, yaye yaphulukana nendlela yayo, yaze yaphulukana nobulungu bayo eBandleni. Emva kweminyaka ethile, “wathi akuziqonda”,22 kwaye nangoncedo lweenkokheli zobubingeleli ezinothando kunye namalungu anobubele, yaye yaguquka kwaye yabuyiselwa kwakhona ngobhaptizo eBandleni.

Kamva, yafaka isicelo sokuba ububingeleli bayo kunye neentsikelelo zetempile zibuyiselwe. Saye sabeka idinga langoMgqibelo ngo-10:00 ekuseni kwindlu yokuhlanganela. Xa ndandifikela udliwanondlebe lwangaphambili, yayisele ilapho. Yayenexhala lokuba nobubingeleli kwakhona, yayingakwazi nje ukulinda.

Ngexesha lethu lodliwanondlebe, ndayibonisa imbalelwano echaza ukuba uMongameli uThomas S. Monson wasihlaziya ngokwakhe isicelo sakhe kwaye wagunyazisa udliwanondlebe. Lo mfana owomeleleyo kungenjalo oselula walila. Ndiye ndamxelela ukuba umhla wethu wodliwanondlebe awunakuba nantsingiselo iyiyo ebomini bakhe. Wabonakala edidekile. Ndamazisa ukuba emva kokuba ndizibuyisile iintsikelelo zakhe, uxwebhu lwakhe lobulungu laluya kubonisa kuphela ubhaptizo lwakhe lokuqala, umhla wesiqinisekiso, umhla wokumiselwa kobubingeleli, kunye nomhla wokunikwa isipho esisesakhe. Waye waxinana kwakhona.

Ndamcela ukuba afunde kwiMfundiso neMinqophiso:

“Qaphelani, lowo uthe waguquka ezonweni zakhe, onjalo uxolelwe, kwaye mna, iNkosi, andizikhumbuli kwakhona.

“Ngoko ke ninokwazi ukuba umntu uguqukile ezonweni zakhe—qaphelani, uya kuzivuma aze azilahle.”23

Iinyembezi zazalisa amehlo akhe okwetyeli lesithathu. Ndaye ndabeka izandla zam phezu kwentloko yakhe, kwaye ngegama likaYesu Krestu nangegunya lobubingeleli bukaMelkitsedeke, kwakunye nangogunyaziso loMongameli weBandla, ndabuyisela ububingeleli bakhe neentsikelelo zetempile.

Uvuyo olwafika kuthi lwalunzulu. Wayesazi ukuba wayegunyazisiwe kwakhona ukuba abambe kwaye asebenzise ububingeleli bukaThixo. Wayesazi ukuba iintsikelelo zakhe zetempile zazisebenza kwakhona ngokupheleleyo. Wayexhumaxhuma ezinyaweni zakhe kwaye enokukhanya okuqaqambileyo ngaye. Ndandizidla ngaye, kwaye ndeva nendlela uBawo oseZulwini azingca ngayo naye ngaye.

Emva koko, ingqokelela yamasebe yaye yalungelaniswa. Imihlangano yayizinyaswe kakuhle ngabaNgcwele abanomdla, nabathembekileyo, kwaye ubongameli obumangalisayo bengqokelela yamasebe baye baxhaswa. Nangona kunjalo, kum, umsitho wembali yokuseka ingqokelela yokuqala elizweni yayigutyungelwe luvuyo endandiluva ekubuyiseleni iintsikelelo kulo mfana.

Ndibuye ndayiqonda ukuba injongo yokuseka ingqokelela yamasebe, okanye ukusebenzisa ububingeleli bukaThixo nangayiphi na indlela, kukuncedisa uBawo oseZulwini noYesu Krestu emsebenzini waBo—ukubonelela ngethuba lenkululeko nokuphakanyiswa kubantwana bonke bakaThixo. Ngokufana nesiphekepheke enjongo yaso ikukuhambisa umthwalo ohlawulelweyo, ububingeleli buhambisa ivangeli kaYesu Krestu, buvumela bonke abantu benze iminqophiso kunye nokufumana imimiselo enxulumene noko. “Igazi elihlawulelayo likaKrestu”24 linokusetyenziswa ebomini bethu njengoko sisiva impembelelo engcwalisayo yoMoya oyiNgcwele kwaye sifumane iintsikelelo uThixo azithembisayo.

Ekongezeleleni ekuthobeleni imithetho kunye nemimiselo yevangeli ngokwakho, ndiyakumemela ukuba wenze kwaye ugcine iminqophiso yobubingeleli. Yamkela isifungo sikaThixo kunye nesithembiso saKhe. Yandisa uxanduva lwakho ebubingeleleni ukuze uncedise uBawo oseZulwini noYesu Krestu. Sebenzisa ububingeleli ukunceda ngokunikela ngethuba lokuxhamla emandleni entlawulelo yoMsindisi komnye umntu! Njengoko usenza njalo, iintsikelelo ezinkulu ziya kuza kuwe nakusapho lwakho. Ndiyangqina ukuba uMhlanguli uyaphila kwaye uyawulawula lo msebenzi, egameni likaYesu Krestu, amen.