2013
Ilizwi leNkosi
Janyuwari 2013


Umyalezo wesiMongameli SokuQala, Janyuwari 2013

Ilizwi leNkosi

Umfanekiso
NguMongameli Henry B. Eyring

Imfundiso nemiNqophiso imema abantu bonke kuzo zonke iindawo ukuba bave ilizwi leNkosi uYesu Krestu (bona Imfundiso neMinqophiso 1:2, 4, 11, 34; 25:16). Igcwele imiyalezo Yakhe, zizilumkiso, kunye nezicelo ezikhuthazayo ezinikwa ngothyilelo kubaprofethi abakhethiweyo. Kwezi zityhilelo siyakwazi ukubona indlela uThixo akwazi ukuphendula imithandazo yethu yokholo ngemiyalezo eyalelayo, enoxolo, kwaye nezilumkiso.

Emithandazweni yethu sifuna ukwazi into uThixo ayifuna ukuba siyenze, ukuba masenze ntoni ukufumana uxolo kwakunye novuyo kobu bomi kwaye nakobulandelayo, kwaye nokuba yintoni ezayo ngaphambili. Imfundiso nemiNqophiso igcwele zimpendulo zemibuzo efanayo naleyo ebuzwa ngabantu abaqhelekileyo kwaye nangabaprofeti kwimithandazo ethobekileyo. Ingasinika inkokhelo exabisekileyo engasifundisa ukuba sizifumana njani iimpendulo zentlalontle yobomi yangoku kwakunye nentsindiso yanaphakade.

Intobeko kunye nokholo kwiNkosi uYesu Krestu sesona sitixo. U-Oliver Cowdery wafumana impendulo evela eNkosini malunga nomnqweno lwakhe lokunceda kwinguqulelo yeNcwadi kaMormoni: “Khumbula ukuba ngaphandle kokholo akukho nto unokwazi ukuyenza; ngako ke cela ngokholo. Ungadlali ngezi zinto; ungaceli into ongafanelanga ukuba uyicele” (Imfundiso neMinqophiso 8:10).

Kuyaphindwa phindwa kwiMfundiso nemiNqophiso, iNkosi icela ukholo kunye nentobeko phambi kokuba Akunike uncedo Lwakhe. Isizathu esinye soku kukuba iimpendulo Zakhe azifiki ngendlela esiyilindeleyo. Kwaye azizosoloko zilula ukuzamkela.

Imbali yeCawa namava ezinyanya zethu kuyayibonakalisa lenyaniso. Utata ka tamkhulu wam uHenry Erying wathandaza kanzima ukukwazi ukuba enze ntoni emva kokuba eyivile ivangeli ebuyisiweyo eyafundiswa ngo1855. Impendulo yeza kwiphupho.

Waphupha ehleli etafileni neGosa uErastus Snow weQumrhu labaLishumi Elinesibini labaPostile kwakunye negosa elibizwa ngoWilliam Brown. Igosa uSnow lamfundisa imigaqo yevangeli ixesha elalibonakala njengeyure. Kwaye Igosa uSnow lathi. “Ngegama likaYesu Krestu ndikuyalela ukuba uphehlelelwe kwaye lendoda[Igosa uBrown] … izakubhaptiza.”1 Usapho lwam lunombulelo ukuba uHenry Erying wayenokholo kwakunye nentobeko yokuba aphehlelelwe ngo 7:30 ekuseni kwiphuli eyayigcwele amanzi emvula eStr. Louis, Missouri, eUSA, liGosa uBrown.

Impendulo yomthandazo wakhe ayizanga ngelizwi elivakalayo leNkosi. Yeza ngombono kunye nephupho ebusuku, njengoba kwenzeka kuLehi (bona 1 Nefi 8:2).

Inkosi isifundisile ukuba iimpendulo zakhe ngamanye amaxesha ziza ngeemvakalelo. KwiMfundiso nemiNqophiso, Wafundisa u-Oliver Cowdery, “Bonani, Ndizakuxelela engqondweni kwaye nasentliziyweni yakho, ngoMoya oyingcwele, ozakufika kuwe kwaye oya kuhlala entliziyweni yakho” (Imfundiso neMinqophiso 8:2).

Kwaye wamkhuthaza u-Oliver ngalendlela: “Andithethanga ngoxolo kwingqondo yakho ngalendaba? Ngobuphi ubungqina obukhulu obudlula obu obuvela kuThixo?” (Imfundiso neMinqophiso 6:23).

Imfundiso nemiNqophiso, Imbali yeCawa,kwakunye nembali eyagcinwa nguHenry Erying xa esebufundisini beminyaka emibili emva kokubhaptizwa indifundisa ukuba impendulo ungaziva njenge ngcebiso ezilumkisayo kwakunye noxolo.

Ngo-Aprili 1857, Igosa uParley P. Pratt weQumru labaPostile abalishumi Elinesibini weza kwiikomfa esendaweni ebizwa ukuba yi-Oklahoma, e-USA. uHenry Erying wabhala ukuba “ingqondo kagosa uPratt yayisoloko igcwele imvakalelo kunye neencinga ezilusizi … , engakwazi ukubona ingomso okanye indlela yokuphuma kulemeko ebekuyo.”2 uHenry wabhala iindaba ezibuhlungu ngokukhawuleza emva koko kubulawa koMpostile. Igosa uPratt waqhubekela phambili kuhambo lwakhe nokuba ebenemvakalelo ngobungozi obukhoyo, njengo Mprofethi uJoseph wenza mhla eya eKhatheyji.

Ubungqina bam’ ukuba iNkosi ihlala iphendula imithandazo yokholo. Imfundiso nemiNqophiso kunye namava ethu asifundisa ukuba sikwazi ukubona ezo mpendulo kwaye sikwazi ukuzamkela ngenkolo, nokuba indlela ekufanele siyithathe, okanye ubungqina benyaniso, okanye ingcebiso. Ndiyathandaza ukuba sihlale njalo simamela kwaye sikwazi ukuva ilizwi leNkosi.

Izikhumbuzo

  1. “The Journal of Henry Eyring: 1835–1902” (umbhalo ongakashicilelwa ophethwe ngumbhali).

  2. “The Journal of Henry Eyring: 1835–1902.”

Ukufundisa ngaloMyalezo

1. Cinga ngokufunda zonke ezigaba ezithetha ngomthandazo kulomlayezo. Xa ufunda, cela amalungu osapho ukuba amamelisise ukuba uThixo uphendula kanjani imithandazo. Cinga ngokunikeza ubungqina ngokuxabiseka komthandazo.

2. Imfundiso nemiNqophiso zigcwele impendulo zemibuzo ebuzwe ngabantu ngomthandazo. Bekuzokwenzeka ntoni xa impendulo zemibuzo yabo (uthyilelo) zazingabhalwanga? Khuthaza usapho ukuba lufunde ukubona nokulandela impembelelo yoMoya. Bangafuna ukubhala iincinga zabongomthandazo kwijenali zabo.