2013
umsebenzi wabafundisi
Janyuwari 2013


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Janyuwari 2013

umsebenzi wabafundisi

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho. Ukufumana olunye ulwazi, iya ku www.reliefsociety.lds.org.

Umfanekiso
Istempu soMbutho wooMama

Ukholo, Usapho, Uncedo

AbeziNtsuku Zokugqibela abaNgcwele bathunyelwa” ukuba basebenze kwi [yeNkosi] ntsimi kusindiso lwemiphefumulo yabantu” (Imfundiso neMinqophiso 138:56), oko kuthetha nangomsebenzi wobufundisi. Asifuneki ukuba side sibizwe ebufundisini ukuba sizokwabelana ngevangeli. Abanye ubomi babo bungabusikeleleka xa bengafumana ivangeli abasondelene nathi, kwaye xa sizilungisa, iNkosi izakusisebenzisa. Abandwendweli makhaya bangathabatha inkathalo yomoya kwaye bancede” ukuzisa ubomi obugqibeleleyo kwakunye nobomi baphakade bomtu” (Mozisi 1:39).

Xa uMprofeti uJoseph Smith waququzela uMbutho wooMama ngo 1842, wathi abomama bangajongi abakusweleyo kuphela kwaye basindise imiphefumlo.1 Lo ungumsebenzi wethu.

“iNkosi ithemba … inikeza ubungqina benyaniso kubo bonke abo ababunikelayo kwabanye,” kwatsho uMongameli uDieter F. Uchtdorf, oyisekela lesibini kwisiMongameli Sokuqala. “Isikakhulu, iNkosi ilindele ukuba amalungu ecawa Yakhe ukuba ‘avule [imilimo] ngawo onke amaxesha, bazise [eYakhe] ivangeli ngengxolo yovuyo’ (Imfundiso neMinqophiso 28:16). … Ngamanye maxesha ibinzana lobungqina lungabeka intshukumo yeziganeko ezingachaphazela ubomi bomnye umtu unaphakade.”2

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Imfundiso neMinqophiso 1:20–23; 18:15; 123:12

Kuphuma Embalini Yethu

Ibali lika-Olga Kovářová wasezweni elalibizwa ngokuba yiChekhoslovakia ungumzekelo welungu elalisenza umsebenzi wobufundisi kwimbali yethu YoMmbutho wooMama. Ngo1970, u-Olga bekungumfundi wobudokotela kwaye wayelambele obunzulu ubomi bokholo. Wajonga ona 75–yeminyaka Otakar Vojkuvka ongomnye wabaNgcwele beziNtsuku zoku Gqibela. “Bendimbona ngathi uneminyaka engamashumi ayisixhenxe nesihlanu kodwa intliziyo yakhe yayisondele kwiminyaka eyishumi nesibhozo kwaye wayegcwele uvuyo,” etsho esithi. “Oku kwakungaqhelekanga tu eChekhoslovakia ngeloo xesha lokutyhafa.”

u-Olgar wabuza u-Otakar nosapho lwakhe ukuba balufumana kanjani na uvuyo? Bamazisa kwamanye amalunga eCawa kwaye bamnika iNcwadi kaMomoni. Wayifunda ngokuthakazelela kwaye waphehlelelwa wakhonfenywa. Kusukela ngelo xesha u-Olga waba nempembelelo ngokuhle kwizinto zepolitiki yocinezelo kwakunye nocalulo lwenkolo. Wasebenza njengo mongameli kuMbutho wooMama kwisebe lakhe elincinane kwaye wanceda ukusindisa imiphefumlo yabanye ngokubaletha kuKrestu.3

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ndiyazilandela na impembelelo ezivela kuMoya oyiNgcwele xa ndinikela ngobungqina bam kodade endibandwendwelayo?

  2. Ndibanceda njani oodade endibajongileyo ukuba bafunde ivangeli?

Izikhumbuzo

  1. Iimfundiso zooMongameli beCawa: Joseph Smith (2007), 369.

  2. nguDieter F. Uchtdorf, “ukulinda endleleni eya eDamaskasi,” kwiLiyahona, ngoMeyi 2011, 76–77.

  3. Bona Iintombi ezikubukumkani Bam:Imvelaphi kanye nomsebenzi wenhlangano yenkululeko (2011), 105.