2013
Uvukile
Epreli 2013


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Epreli 2013

Uvukile

Umfanekiso
NguMongameli Henry B. Eyring

Ubungqina benyaniso yoVuko lukaYesu Krestu luyintsusa yethemba kunye nokuzimisela. Kwaye lungabanjalo kuwo wonke umntwana kaThixo. Lwabanjalo kum ngemini yasehlotyeni ngoJuni ngonyaka ka1969 ekubhubheni kuka mama wam, lubenjalo ngabo bonke oonyaka ukususela ngoko, kwaye kuyakuba njalo ndide Ndimbone kwakhona.

Intlungu yokwahlukaniswa kwexeshana ngokonangoko yagqunyelelwa lulonwabo endaweni yayo. Kwakungaphaya kwethemba lomanyano olunoyolo. Ngokuba iNkosi ityhile okuninzi ngabaProfeti Bakhe kwaye ngenxa yokuba uMoya oyiNgcwele uyivumile inyaniso yoVuko kum. Ndiyayibona ezingcingeni zengqondo yam ukuba kuyakuba njani na ukumanyaniswa kunye nabangcwalisekileyo bethu kunye nesibathandayo abuvukileyo:

“Aba ngaba abaza kuza phambili evukweni lwabalungileyo. …

“Aba ngaba amagama wabo abhalwe ezulwini, apho uThixo noKrestu bangabagwebi babo bonke.

“Aba ngaba abangabantu abalungileyo abenzwe bagqibelela ngoYesu umlamli womnqophiso omtsha, owakhuphela phandle emehlweni le ntlawulo ngokuphalala kwegazi lakhe” (Imfundiso&Neminqophiso 76:65, 68–69).

Ngenxa yokuba uYesu Krestu wakrazula amatyathanga okufa, bonke abantwana bakaBawo waseZulwini abazalelwe ehlabathini bayakuvuswa emzibeni ongasayi kubhubha. Ke ngoko ubungqina bam nobakho bayo lanyaniso inozuko bungasusa ihlaba lokulahlekelwa lilungu losapho elithandwayo okanye umhlobo kwaye bufake endaweni yelohlaba imincili enoyolo yokulindela kunye nokuzimisela okuqinileyo.

INkosi inike thina sonke isipho sokuvuka, apho imimoya yethu ifakwa kwimizimba engenaziphaluka zomzimba. (bona Alma 11:42–44). Umama wam uyakuvela esemncinci kwaye ekhazimla, iziphumo zobudala beminyaka noonyaka bentsokolo yomzimba wenyama iyakususwa. Oko kuyakuza kuye nakuthi njengesipho.

Kodwa abo kuthi abakhanukela ukubanaye unaphakade Kufanelel sikhethe ukufaneleka ukuba kolodlelwano, lokuphila apho uBawo naMthandayo Wakhe uNyana ovukileyo bahlala khona. Leyo yiyo indawo apho ubomi bosapho bungaqhubekeka khona ngonaphakade. Ubungqina balonyaniso bandise ukuzimisela kwam bokufaneleka kwam kunye nabo Endibathandela inqanaba elakhe laphezulu lekumkani likaThixo ngeNtlawulo kaYesu Krestu esebenza ebomini bethu (bona Imfundiso neMinqophiso 76:70).

INkosi inika inkokhelo kwelozinga lobomi banaphakade kwimithandazo yomthendeleko endincedayo mna kwaye enokunceda wena. Siyamemwa ukuba sihlaziye kakutsha iminqophiso yethu yokubhaptizwa kwintlanganiso yaqho yomthendeleko.

Sithembisa ukusoloko simkhumbula uMsindisi. Impawu zomnikelo Wakhe ziyasinceda ukuba sixabise ubukhulu bexabiso Awalihlawulayo ukukrazula amakhonco okufa, esinika inceba, kwakunye noxolelo lwezono zonke zethu ukuba siyaguquka.

Sithembisa ukugcina imithetho Yakhe. Ukufunda izibhalo ezingcwele kunye namazwi abaprofeti abaphilayo nokumamela izithethi eziphenjelelweyo kwiintlanganiso zethu zomthendeleko kusikhumbuza iminqophiso yethu yokwenza njalo. uMoya OyiNgcwele uzisa ezingcingweni zethu zengqondo nakwiintliziyo imithetho kanye-kanye ekuyimfuneko kakhulu ukuba siyigcinile ngaloo mini.

Kwimithandazo yomthendeleko, uThixo uthembisa ukusithumela uMoya oyiNgcwele ukuba abekunye nathi. (bona Moronayi 4:3; 5:2; Imfundiso neMinqophiso 20:77, 79). Ndifumene kulamzuzu ukuba uThixo angandinika okuvakala ingathi ludliwano ndlebe lwam ndodwa. Uzisa endlebeni yam eNdikwenzileyo okumonelisayo Yena, imfuno yam yokuguquka kunye nokuxolelwa, namagama nobuso babo bantu Yena afuna ndibakhonzele Yena.

Kule minyaka, la mava aziphandayo aguqule ithemba lwazimvakalelo zothando lukaKrestu kwaye azisa isiqinisekiso senceba eyakhululwayo isenzelwa mna yiNtlawulo kaMsindisi noVuko.

Ndiyangqina ukuba uYesu nguKhrestu ovukileyo, uMsindisi wethu, nomzekelo wethu ogqibeleleyo nenkokhelo eya kubomi banaphakade.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Kufuneka “sifanise zonke izibhalo ezingcwele kunye nathi, ukuze zibengumvuzo nemfundo yethu” (1 Nifayi 19:23). Cingisisa ngokufunda imithandazo yomthendeleko, efumaneka kwii Mfundiso neMinqophiso 20:76–79. Emva kokufunda iimfundiso zikaMongameli Eyring ngemithandazo yomthendeleko, ungafuna ukumema abo ubafundisayo ukuba bacinge ngeendlela lemithandazo engakhokela ubomi babo kwaye ibancede babuyele bayokuhlala kwakhona noBawo waseZulwini noYesu Krestu.