2015
Iimpawu zobuThixo zikaYesu Krestu: Ukuba neMfesane kunye noBubele
Disemba 2015


UMyalezo waBandwendweli Makhaya, EyoMnga 2015

Iimpawu zobuThixo zikaYesu Krestu: Ukuba neMfesane kunye noBubele

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye uphande ukwazi ukuba yintoni na onokuyaba. Ukuqonda kabanzi iimpawu zobuthixo zoMsindisi kuza kulwandisa kanjani ukholo lwakho KuYe kwaye kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, iya ku www.reliefsociety.lds.org.

Umfanekiso
Istempu soMbutho wamaNina

Ukholo, Usapho, Uncedo

“Kwizibhalo ezingcwele, imfesane ithetha ngokucacileyo gca ‘ukuvelana ubunzima no.’ Ithetha futhi ukubonisa uvelwano, usizi, kunye nenceba komnye umntu.”1

“UYesu wasinikeza imizekelo emininzi yokukhathazeka okunemfesane,” watsho uMongameli Thomas S. Monson. “Isiqhwala echibini laseBhetesayida; umfazi owabanjwa ekrexeza; intokazi kumthombo kaYakobi; intombazana kaYayiro; uLazaro, umnakwabo Mariya noMarta—omnye nomnye wayemele izigulane zengozi kwindlela yaseYeriko. Omnye nomnye wayedinga uncedo.

“Kwisiqhwala echibini laseBhetesayida, uYesu wathi, ‘Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe.’ Kumfazi owayesona kwafika ingcebiso,’ Hamba, ungabuye wone.’ Ukunceda lowo wayeze kukha amanzi, Yena wampha umthombo wamanzi ‘ampompozela ebomini obungunaphakade.’ Kwintombazana efileyo kaYayiro kwafika umyalelo, ‘Ntombazana, ndithi kuwe, vuka.’ KuLazaro owayesengcwabeni, ‘Phuma.’

“UMsindisi ubesoloko ebonisa umlinganiselo ongenamida wemfesane. … Masivuleni umnyango weentliziyo zethu, khon’ ukuze Yena—umzekelo ophilayo wemfesane yokwenene—angene.”2

IziBhalo Ezongezelelweyo

Iindumiso 145:8; Zekariya 7:9; 1 Petros 3:8; Mozaya 15:1, 9; 3 Nifayi 17:5–7

Okuvela kwiZibhalo

“Umyeni wam nam saguqa ecaleni kwentombi yethu eneminyaka eli-17 sibongozelela ubomi bayo,” watsho uLinda S. Reeves, umcebisi wesibini kubongameli jikelele boMbutho WamaNina. “Impenpdulo yabangu hayi, kodwa. … siye seza kukwazi … ukuba … [uMsindisi] usivela imfesane kwiintsizi zethu.”3

“Elinye lamabali wam endilithanda kakhulu kubomi boMsindisi libali likaLazaro. Isibhalo sisixelela ukuba ‘uYesu wayebathanda ooMarta, … udadewabo [uMariya], nomsakwabo uLazaro.’”4 Xa uLazaro wayegula, ilizwi lathunyelwa kuYesu, kodwa xa Yena wayefika uLazaro wayese efile. UMariya wabaleka waya kuYesu, wawa ezinyaweni zaKhe, kwaye elila. Uthe ngoko uYesu, akubona uMariya elila, “wafutheka … walila” (Yohane 11:33, 35).

“Lowo ngumwiselo-mthetho wethu. Kufuneka sizivele kwaye sizibonele kwaye sincede bonke abantwana bakaBawo Osezulwini ukuba bave kwaye babone kwaye bazi ukuba uMsindisi wethu uzithabathele kuYe hayi izono zethu kuphela kodwa kunye neentlungu zethu kunye neentsokolo kunye neembandezelo zethu khon’ ukuze Yena angakwazi ukuva into esiyivayo kwaye nokusithuthuzela ngokunjalo.”5

Izikhumbuzo

  1. Isikhomba-ndlela seziBhalo Ezingcwele, “Imfesane.”

  2. Thomas S. Monson, “The Gift of Compassion,” Liahona, Mar. 2007, 4–5, 8.

  3. Linda S. Reeves, “The Lord Has Not Forgotten You,” Liahona, Nov. 2012, 120.

  4. Linda S. Reeves, “The Lord Has Not Forgotten You,” 118.

  5. Linda S. Reeves, “The Lord Has Not Forgotten You,” 120.

Cingisisa Ngoku

Ngubani na ongasikelelwa yimfesane yakho?