2015
Yenzela uMsindisi Ixesha
Disemba 2015


UMyalezo woBongameli BokuQala, EyoMnga 2015

Yenzela uMsindisi Ixesha

Elinye ixesha leKrisimesi selisifikele kwaye liza nokuqala konyaka omtsha. Kubonakala ngathi bekuyizolo oku apho besibhiyozela ukuzalwa koMsindisi kwaye sisenza izicwangciso.

Phakathi kwezicwangciso zethu zalo nyaka, ingaba besicwangcisele ukwenzela ixesha uMsindisi ebomini bethu kunye negumbi ezintliziyweni zethu? Nokuba besingaphumelela kanjani ukufikelela ngoku malunga nesicwangciso esinjalo, ndiqinisekile ukuba sonke sinqwenela ukuba singenza ngcono. Eli lixa lekrisimesi lelona xesha lilungileyo lokuvavanya kunye nokuvuselela iinzame zethu.

Kubomi bethu obuxakekileyo, obunezinto ezininzi ezikhuphisanela isihoyo sethu, kubalulekile ukuba senze inzame enengqalelo, ezimiseleyo yokuzisa uKrestu kubomi bethu kunye nakumakhaya wethu. Kwaye kubaluleke kakhulu ukuba thina, ngenjeZazi ezazivela Empumalanga, sizinze kwinkwenkwezi yaKhe “size kumnqula.”1

Kwizizukulwana ngezizukulwana zexesha, umyalezo ophuma kuYesu ubuhlala ufana. KuPetros no-Andreya ngaselwandle lwaseGalili, Yena wathi, “Nindilandele.”2 KuFilipu lwafika ubizo, “Ndilandele.”3 KumLevi owayehleli endaweni yerhafu wafika umyalelo, “Ndilandele.”4 Kwaye kuwe nakum, ukuba kodwa siyamamela, siya kuza kwa eso simemo sinye sibongozayo: “Ndilandele.”5

Njengoko silandela ekhondweni laKhe namhla kwaye sizama kanzima ukulinganisa umzekelo waKhe, siya kubanamathuba wokusikelela ubomi babanye. UYesu usimema ukuba sizinikele: “Yabonani, iNkosi ifuna intliziyo kunye nengqondo elangazelelayo.”6

Ingaba kukhona umntu okumele umphathele uncedo kuleKrisimesi? Ingaba kukhona umntu olindele undwendwelo lwakho?

Kwiminyaka egqithileyo ndakhe ndandwendwela ngeKrisimesi kwikhaya lomhlolokazi omdala kakhulu. Xeshikweni ndandilapho, intsimbi yasemnyango yakhala. Apho emnyango kwakume ugqirha owayexakeke kakhulu kwaye edumile. Wayengabizwanga; nto nje, waba nesichukumiso sokuba andwendwele isigulane esasililolo.

Ngeli lixa, iintliziyo zabo basengxingweni ziyaluleka kwaye zilangazelela undwendwelo lweKresimesi. Ngenye iKrisimesi xeshikweni ndandindwendwele iziko lezoncedo, ndahlala kwaye ndancokola namanenekazi amahlanu amadala, omdala kakhulu owayeneminyaka eyi 101. Yena wayengasaboni, kodwa wayelazi ilizwi lam.

“Mveleli, ufike emva kwexesha kancinane kulo nyaka!” yena watsho. “Bendicinga ukuba awusokuze uze.”

Saye sabanexesha elinamnandi kakhulu kunye. Esinye esigulane, kodwa, sasijonge ngomnqweno mkhulu ngaphandle kwingcango kwaye simana siphinda phinda, “Ndiyazi ukuba umfana wam uzo kuza azokundibona namhlanje.” Ndaye ndamangala ukuba uya kuza na, kuba bekunamanye amaxa weKrisimesi apho wayengazange atsale ucingo.

Lise khona ixesha kulo nyaka lokunikela ngesandla soncedo, ngentliziyo ethandayo, kunye nangomoya olangazelelayo—ngamanye amazwi, ukulandela umzekelo obekwe nguMsindisi wethu kwaye sincede ngendlela naYe ebeya kuthanda ukuba sincede ngayo. Njengoko simsebenzela Yena, nathi asinakuphulukana nethuba lethu, njengoko wenza umgcini wendlu yabahambi wakudala,7 ukwenzela Yena ixesha ebomini bethu kunye negumbi laKhe ezintliziyweni zethu.

Ingaba singasiqonda na isithembiso esikhulu esiqulathwe kumyalezo wengelosi owanikezwa kubelusi ababehlala ezindle: “Ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu. … Ngokuba nizalelwe namhlanje … uMsindisi, onguKristu iNkosi”?8

Njengoko siyakuba sitshintshiselana ngezipho ngeKrisimesi, yanga singakhumbula, sibulele, kwaye sifumane eso sipho sikhulu kakhulu sezipho zonke—isipho soMsindisi kunye noMkhululi wethu, khon’ ukuze singaba nobomi obungunaphakade.

“Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wabanesipho esithotywe phezu kwakhe, kwaye angasifumani isipho? Yabonani, yena akavuyi koko akuphiwe, kwaye akavuyi kulowo ongumphi wesipho.”9

Yanga singamlandela Yena, simsebenzele, simzukise, kwaye sifumane izipho zaKhe kuthi ebomini bethu, khon’ ukuze, ngamazwi kaTat’ uLihayi, “sirhangqiwe jikelele ngonaphakade ezingalweni zothando lwayo.”10

Ukufundisa Ngalo Myalezo

UMongameli Monson uyasibiza ukuba “senze inzame enengqalelo, ezimiseleyo yokuzisa uKrestu kubomi bethu kunye nakumakhaya wethu.” Cingisisa ngokuxoxa nabo ubafundisayo ukuba bangenza kanjani inzame enengqalelo ngokuno kwabo kwaye nanjengo sapho. Mhlawumbi ungacingisisa ngokubacela ukuba bacinge ngomntu othile okanye sapho luthile abanga lundwendwela okanye baluncede kule Krisimesi. “Lise khona ixesha kulo nyaka lokunikela ngesandla soncedo, ngentliziyo ethandayo, kunye nangomoya olangazelelayo.”