2021
Khulela kuwo uMgaqo weSityhilelo
EyoMqungu 2021


“Khulela kuwo uMgaqo weSityhilelo”, Liyahona, EyoMqungu 2021.

Umyalezo weeNyanga ngeeNyanga weLiyahona , EyoMqungu 2021.

Khulela kuwo uMgaqo weSityhilelo

Ndiyakukhuthaza ukuba uthathe amanyathelo awayimfuneko wokuba uve iNkosi ngokungcono kwaye nangamaxesha amaninzi khona ukuze ufumane ukhanyiselo Yena afuna ukunika lona.

Umfanekiso
isityalo

Umfanekiso uphuma kwiGetty Images

Ngowama–30 kweyoMsintsi, 2017, emveni kohlelo lwangenjikalanga lwenkomfa yajikelele, ndadlula esibhedlele ndiyokubona ilungu elithandekayo lequmrhu lam, uMdala Robert D. Hales. Wayelaliswe esibhedlele ukususela ngoko wayethe wahlaselwa yintliziyo kwiintsuku ezimbalwa ezingaphambili.

Sasinotyelelo olumnandi, kwaye wayekhangeleka esibangcono. Wayeziphefumlela nkqu nangokwakhe, into leyo eyayiluphawu oluhle.

Ngolaa rhatya, nangona kunjalo,uMoya wathetha entliziyweni kunye nasengqondweni yam ukuba mandibuyele esibhedlele ngeCawe. Ngelixa lohlelo lentsasa yangeCawa yenkomfa yajikelele, loo ngcinga inamandla yaye yabuya. Ndaziva ukuba manditsibe isidlo sasemini kwaye ndileqe kwicala lebhedi kaMdala uHales ngokukhawulezileyo emveni kokuphela kohlelo lwangentsasa, into endayenzayo.

Ngelixa ndifika, ndandibona ukuba uMdala uHales wayejike wacekeceke ngokungakumbi. Ngelishwa, walandulela eli emveni kwemizuzu eli-10 ndifikile, kodwa ndiyabulela ngokuba ndandisecaleni kwakhe nenkosikazi yakhe elungileyo, uMary, kunye noonyana babo ababini ngexesha elandulela eli.

Onjani umbulelo endinawo ngokokuba uchukumiso loMoya OyiNgcwele lwandichukumisa ukuba ndenze into endandingenakho ukuyenza ngaphandle koko. Kwaye ndinombulelo ngobunyani besityhilelo nangokuba amazulu kwakhona avulekile.

Kulo nyaka ingqwalasela yethu yokuzifundela kunye nokufundela egumbini kuza kube kuyiMfundiso neMinqophiso. Ezi “zityhilelo zinyulu nezibhengezo eziphenjelelweyo” zingasikelela bonke abo bazifundayo kwakunye nabo benza intshukumo kwimiyalelo yazo enyulu. Zimema “bonke abantu kwiindawo zonke ukuze beve ilizwi leNkosi uYesu Krestu,”1 kuba ngokunyanisekileyo “ilizwi leNkosi likubo bonke abantu” (IMfundiso neMinqophiso 1:2).

Ubungozi, Ubumnyama, Inkohliso

Izaqhwithi zasenyameni nezasemoyeni ziyinxalenye yobomi basemhlabeni, njengoko ubhubhane i-COVID-19 uthe wasikhumbuza. Malunga nexesha eliphambi koKubuya kwaKhe kweSibini , uMsindisi wachaza ngeentsuku zobunzima obukhulu. Wathi, “Kuya kubakho iindlala, noobhubhane, neenyikima, kwiindawo ezahlukeneyo” (UJoseph Smith—UMateyu 1:29).

Ukwandisa obo bunzima bobukhulayo ubumnyama kunye nenkohliso esingqungileyo. Ngengoko uYesu wayexelele abafundi baKhe, “Ubugwenxa buya kuba buninzi” phambi kokubuya kwaKhe (UJoseph Smith—UMateyu 1:30).

USathana uyiqokelele imikhosi yakhe kwaye uqhubekeka ngamandla amakhulu ngokuchasene nomsebenzi weNkosi kunye nabo bethu abazimanye nawo. Ngenxa yobungozi obandayo esibujongileyo, imfuno yethu yesikhokelo esinobuthixo ayizange ibenkulu ngolu hlobo, kwaye nemizamo yethu yokuva ilizwi likaYesu Krestu—uMlamli, uMsindisi, kunye noMhlanguli wethu—ayizange ingxamiseke ngakumbi kangaka.

Njengoko ndanditshilo kungekudala emveni kokuba ndibiziwe njengoMongameli weBandla, iNkosi ikulunglele ukusityhilela intando yaYo . Leyo yenye yeentsikelelo zaYo ezinkulu kakhulu kuthi.2

Kolwethu usuku, Yona ithembisile, “Ukuba uya kucela, uya kufumana isityhilelo phezu kwesityhilelo, ulwazi phezu kolwazi” (IMfundiso neMinqophiso 42:61).

Ndiyazi ukuba Yona iya kuziphendula izibongozo zethu.

Indlela Esimva Ngayo Yena

Ukwazi indlela uMoya othetha ngayo kubalulekile namhlanje. Ukuzifumanela isityhilelo, ukufumana iimpendulo, kunye nokufumana ukhuseleko kunye nomkhomba–ndlela, kufuneka sikhumbule umfuziselo uMprofeti uJoseph Smith awasibekela wona.

Okokuqala, sizintywilisela kwizibhalo ezingcwele. Ukwenza njalo kuvulela iingqondo kunye neentliziyo zethu kwiimfundiso neenyaniso zoMsindisi. Amazwi kaKrestu “[as]ixelela zonke izinto e[s]imele ukuzenza” (2 Nifayi 32:3), ngakumbi kweziintsuku zokungaqiniseki kunye noqhushululu.

Okulandelayo kufuneka sithandaze. Umthandazo ufuna inyathelo lokuqala, ngoko ke siyazithoba phambi koThixo, sifumane indawo ethuleyo apho sinokuya rhoqo, kwaye sithululele iintliziyo zethu kuYe .

INkosi ithi, “Sondelani kum kwaye ndiya kusondela kuni; ndifuneni ngenkuthalo kwaye niya kundifumana; celani, kwaye niya kuphiwa; nkqonkqozani, kwaye niya kuvulelwa” (IMfundiso neMinqophiso 88:63).

Ukusondela eNkosini kuzisa intuthuzelo kunye nenkuthazo, nethemba kunye nokuphila. Ngoko ke, sithandaza ngegama laYo malunga namaxhala ethu kunye nobuthathaka bethu, ngolangazelelo lwethu kunye nangabo sibathandayo, ngobizo lwethu kunye nangemibuzo yethu.

Emva koko siyamamela.

Ukuba siya kuhlala emadolweni ethu okwethutyana emveni kokuba siwugqibile umthandazo wethu, iingcinga, neemvakalelo, kunye nomkhomba–ndlela ziya kuza ezingqondweni zethu. Ukuzishicelela ezo mvakalelo kuya kusinceda ukuba sikhumbule amanyathelo iNkosi efuna siwathathe.

Umfanekiso
umfazi uyafunda

Njengoko siphindaphinda le nkqubo, ngokwamazwi oMprofeti uJoseph Smith, siya “kukhulela kumgaqo wesityhilelo.”3

Ukufanelekela Ukufumana ISityhilelo

Ukuphucula isakhono sethu sokuqaphela uchukumiso loMoya oyiNgcwele kunye nokukhulisa umthamo wethu wokufumana isityhilelo kufuna ukufaneleka. Ukufaneleka akufuni mfezeko, kodwa kufuna ukuba sizamele ucoceko olongezelelweyo.

INkosi ilindele umzamo wemihla ngemihla, ukuphucuka kwemihla ngemihla, inguquko yemihla ngemihla. Ukufaneleka kuzisa ucoceko, kwaye ucoceko lusenza sifanele uMoya oyiNgcwele. Njengoko sithabatha “uMoya oyiNgcwele ukuze ubesisikhokelo [sethu]” (IMfundiso neMinqophiso 45:57), siyasifanela isityhilelo sobuqu.

Ukuba kukho into esinqandayo ekuvuleleni ucango kumkhomba–ndlela wasezulwini, kungadingeka siguquke. Inguquko isivumela ukuba sivule ucango ukuze sive ilizwi leNkosi rhoqo kwaye nangokucacileyo.

“Umgangatho ucacile,” wafundisa uMdala uDavid A. Bednar weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini. “Ukuba into esiyicingayo, esiyibonayo, esiyivayo, okanye esiyenzayo iyasiqelelanisa kuMoya oyiNgcwele, kufuneka siyeke ukucinga, ukubona, ukuva, okanye ukwenza lo nto. Ukuba oko kwenzelwe ukonwabisa, umzekelo, kusibhekelisa kuMoya oyiNgwele, ngokuqinisekileyo olo uhlobo lolonwabo ayilolwethu. Kuba uMoya ungakwazi ukunyamezela oko kukrwada, kurhabaxa, okanye kungenasimilo, ngokucacileyo ezo zinto ayizozethu.”4

Xa sidibanisa ukuhlambuluka okukhulileyo kunye nentobeko nokuzila, ukukhangela ngenkuthalo, ufundo lwezibhalo kunye namazwi abaprofeti abaphilayo, kunye nomsebenzi wasetempileni nowembali yosapho, amazulu ayo kuvuleka. INkosi, ekujikeni, iya kuzalisekisa isithembiso saYo: “Ndiya kunikela kuwe okoMoya wam, okuya kukhanyisela ingqondo yakho” (IMfundiso neMinqophiso 11:13).

Sisenokudinga ukubanomonde, kodwa uThixo uya kuthetha nathi ngendlela yaKhe kwaye nangexesha laKhe.

UMoya Wokuqonda

UYobhi wabhengeza, “Noko ngumoya osemntwini, nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo” (UYobhi 32:8). Kulo nyaka umtsha, ndiyakukhuthaza ukuba uthabathe amanyathelo ayimfuneko ukuva iNkosi ngokungcono kwakunye narhoqo ngakumbi ukuze ufumane ukhanyiselo Yona efuna ukukunika lona.

Phambi kokusweleka kukaMdala uHales kuleyo yeDwarha ngo-2017, wayelungise intetho emfutshane eyenzele inkomfa yajikelele leyo awayengazange akwazi ukuyinika. Kuloo ntetho, wayebhale oku, “Ukholo lwethu lusilungiselela ukuba sibe kubukho bukaThixo.”5

Xa sifumana isityhilelo, sichitha ixesha kubukho bukaThixo njengoko Yena esityhilela ingqondo, nentando, kunye nelizwi laKhe (bona IMfundiso neMinqophiso 68:4). Yanga singafaka ukholo lwethu kwintshukumo, sibize kuYe , siphile ngokufanele impembelelo yaKhe ayithembisileyo, kwaye senze intshukumo kwisikhokelo esisifumanayo.

Izikhumbuzo

  1. Intshayelelo kwiMfundiso neMinqophiso

  2. Bona Russell M. Nelson, “Revelation for the Church, Revelation for Our Lives,” Liyahona, Canzibe 2018, 94.

  3. Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith (2007), 132.

  4. David A. Bednar, “That We May Always Have His Spirit to Be with Us,” Liyahona, Canzibe 2006, 30.

  5. KuNeil L. Andersen, “The Voice of the Lord,” Liyahona, Nkanga 2017, 125.