2021
UJoseph Smith kunye Namacwecwe eGolide
EyoMqungu 2021


“UJoseph Smith kunye Namacwecwe eGolide,” Umhlobo, EyoMqungu 2021, 42–44.

Amabali Ezibhalo Ezingcwele

UJoseph Smith kunye Namacwecwe eGolide

Umfanekiso
UJoseph Smith eshumayela

Imizobo ngu–Apryl Stott

UJoseph Smith wayengumprofeti. Wanceda uYesu abuyisele iBandla laKhe kwakhona ehlabathini.

Umfanekiso
Umbono wokuQala

UJoseph wathandazela ukufumanisa ukuba yeyiphi inkonzo amakayihambe. UYesu wathi angahambi nakweyiphi na inkonzo. Kwakungekho nanye eyayiliBandla laKhe.

Umfanekiso
UJoseph Smith efumana amacwecwe egolide

Ingelosi uMoronayi yatyelela uJoseph Smith. UMoronayi wamxelela ngencwadi ekhethekileyo ebhalwe kumacwecwe egolide. Yayingcwatywe kwinduli ekufutshane.

Umfanekiso
eguqulela amacwecwe egolide

Ngoncedo lukaBawo OseZulwini, uJoseph waguqulela izibhalo ezazisemacwecweni. Ezi zizibhalo zaba yiNcwadi kaMormoni!

Umfanekiso
usapho ebandleni

Ngoku siyakwazi ukufunda iNcwadi kaMormoni. Kwaye siyakwazi ukuya kwiBandla likaYesu Krestu!