2021
Yintoni uMsindisi Wethu Asenzele Yona?
UCanzibe 2021


“Yintoni uMsindisi Asenzele Yona?,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, UCanzibe 2021

Uhlelo Lobubingeleli

Yintoni uMsindisi Wethu Asenzele Yona?

Izicatshulwa

Umfanekiso
Ingcwaba likaKrestu elingenanto

Yintoni uYesu Krestu ayenzele omnye nomnye wethu? Yena wenze yonke into ebalulekileyo eluhambeni lwethu lwasemhlabeni ukuya kwikamva elishwankathelwe kwicebo likaBawo wethu oseZulwini. Ndiza kuthetha ngeempawu ezine ezihamba phambili kweloo cebo. …

Uvuko lwabafileyo lusinika imbono kunye namandla wokunyamezela imingeni yasemhlabeni athi umntu ngamnye kuthi kwakunye nabo sibathandayo ajongane nayo. Lusinika indlela entsha yokujonga ukusilela komzimba, nokwengqondo, okanye nokwasemphefumlweni esiba nako ekuzalweni okanye esikufumana ngelixa lobomi basemhlabeni. Lusinika amandla wokunyamezela iintsizi, ukwahluleka, kunye nokudandatheka.

Uvuko lwabafileyo lukwasinika inkuthazo enamandla yokugcina imithetho kaThixo ngelixa lobomi bethu basemhlabeni. …

UMsindisi kunye noMkhululi wethu wanyamezela imbandezelo engenakuqondwa ukuba abe lidini lezono zabo bonke abaphilayo abaya kuguquka. Eli dini lentlawulelo lanikela ngemvana elunge ngokugqibeleleyo, engenasiphako, ngenxa yomlinganiselo omkhulu wobubi, izono zehlabathi liphela. …

… UYesu wasifundisa icebo losindiso. Eli cebo libandakanya iNdalo, nenjongo yobomi, nemfuneko yenkcaso, kunye nesipho selungelo lokuzikhethela. Yena wasifundisa nokuba imithetho kunye neminqophiso ekufuneka siyithobele kunye nemimiselo ekufuneka siyenze ukuze isithathe isibuyisele ebazalini bethu basezulwini. …

UMsindisi wethu uyaziva kwaye uyazazi izihendo zethu, nokuhlupheka kwethu, neentloko zethu eziqaqambayo, kuba Yena waziva zonke njengenxalenye yeNtlawulelo yaKhe. … Bonke abo beva naluphina uhlobo lwentlupheko yasemhlabeni kumele bakhumbule ukuba uMsindisi wethu waluva olo hlobo lwentlungu, kwaye ngeNtlawulelo yaKhe, Yena usinika amandla wokuba siyithwale.