2021
UKrestu Uvukile; Ukholo kuYe Luya Kususa Iintaba
UCanzibe 2021


UMyalezo weNyanga weLiyahona, UCanzibe 2021

UKrestu Uvukile; Ukholo kuYe Luya Kususa Iintaba

Ukholo kuYesu Krestu lungawona mandla amakhulu esiwafumanayo kobu bomi. Zonke izinto ziyenzeka kwabo bakholwayo.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, ndinombulelo ngethuba elilodwa lokuthetha nani ngaleCawa yePasika.1 Idini lentlwawulelo kunye noVuko Lwabafileyo lukaYesu Krestu lwatshintsha ubomi bomntu ngamnye kuthi naphakade. Siyamthanda Yena kwaye siyamnqula ngombulelo Yena noBawo wethu OseZulwini.

Kwezinyanga zintandathu zigqithileyo, siye saqubisana nobhubhane wehlabathi jikelele. Ndimangaliswa kukunyamezela kwenu kwanamandla wenu wasemoyeni ebusweni besigulo, nasekulahlekelweni, kunye nasekubekweni nodwa. Ndiyathandaza rhoqo ukuba, kuko konke, niya kuluva uthando lweNkosi olungaphoxiyo kuni. Ukuba niphendulile kwizilingo zenu ngobufundi obuliqilima, lo nyaka udlulileyo awunakuba njengongenamsebenzi.

Kule ntsasa, sivile kwiinkokheli zethu zeBandla ezivela kuwo onke amazwekazi agcwele abantu emhlabeni. Ngokwenene, iintsikelelo zevangeli zezazo zonke iintlanga, neelwimi, kunye nabantu. IBandla likaYesu Krestu libandla lehlabathi jikelele. UYesu Krestu yinkokheli yethu.

Ngombulelo, nkqu nobhubhane awukwazanga ukuthoba uhambo oluqhubekayo lwenyaniso yaKhe. Ivangeli kaYesu Krestu yiyo ngqo into efunekayo kweli hlabathi libhidakeleyo, linembambano, kwaye lidiniweyo.

Omnye nomnye wabantwana bakaThixo ufanelwe lithuba lokuva kunye nokwamkela umyalezo ophilisayo, kunye nokhululayo kaYesu Krestu. Awukho omnye umyalezo obaluleke ngokungakumbi kulonwabo lwethu—ngoku nangonaphakade.2 Awukho omnye umyalezo ozele lithemba ngokungakumbi. Awukho omnye umyalezo ongashenxisa iimbambano kuluntu lwethu.

Ukholo kuYesu Krestu lusisiseko sayo yonke inkolo kunye nomjelo wamandla asulungekileyo. NgokoMpostile uPawulos, “Lungekho ukholo akunakubakho ukumkholisa kakuhle [uThixo]: kuba lowo uzayo kuThixo umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.”3

Yonke into elungileyo ebomini—yonke intsikelelo enokuza enentsingiselo yanaphakade—iqala ngokholo. Ukuvumela uThixo ukuba alawule ebomini bethu kuqala ngokholo lokokuba Yena ukulungele ukusikhokela. Inguquko yokwenene iqala ngokholo lokokuba uYesu Krestu unawo amandla okusihlambulula, wokusiphilisa, nawokusomeleza.4

“Ningawakhanyeli amandla kaThixo,” umprofeti uMoronayi wabhengeza, “kuba usebenza ngamandla, ngokokholo lwabantwana babantu.”5 Lukholo lwethu oluvulela amandla kaThixo ebomini bethu.

Kwaye kanti, ukusebenzisa ukholo kusenokubonakala kugubungela. Ngamanye amaxesha sisenokuzibuza ukuba singakwazi ukuhlanganisa ukholo olwaneleyo lokufumana intsikelelo ezo sizidinga ngokungathethekiyo. Kananjalo, iNkosi ithomalalisa uloyiko lwethu ngamazwi womprofeti weNcwadi kaMormoni, u-Alma.

Umfanekiso
Ukhozo lwembewu yemostade

U-Alma uyasicela ngokulula ukuba silinge ilizwi kwaye “sisebenzise isuntswana lokholo, ewe, nokokuba [i]ngangumnqweno nje wokukholelwa.”6 Ibinzana “isuntswana lokholo” lindikhumbuza ngesithembiso sasebhayibhileni seNkosi esithi ukuba “sinokholo olunjengokhozo lwemostade,” siya kukwazi “ukuthi kule ntaba, Suka apha uye phaya; isuke; kungabikho nto iya ku[si]nqabela.”7

Umfanekiso
Intaka phakathi kwembewu yemostade

INkosi iyabuqonda ubuthathaka bethu basemhlabeni. Sonke siyahexa ngamanye amaxesha. Kodwa Yona iyakwazi oko singaba kukho. Imbewu yemostade iqala kancinane kodwa iye ikhule ibengumthi omkhulu ngokwanele iintaka ukuba zenze iindlwana zazo kumasebe wawo. Imbewu yemostade imele ukholo lwethu oluncinane kodwa olukhulayo.8

INkosi ayifuni ukholo olugqibeleleyo kuthi ukuba sifikelele emandleni waYo agqibeleleyo. Kodwa Yona iyasicela ukuba sikholelwe.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, isicelo sam kuni ngale ntsasa yePasika kukuqala namhlanje ukwandisa ukholo lwenu. Ngokholo lwenu, uYesu Krestu uya kwandisa ukukwazi kwenu ukususa iintaba ezisebomini benu,9 nkqu nangona imingeni yenu yobuqu isenokukhangeleka inkulu njengeNtaba i-Everest.

Iintaba zenu kusenokwenzeka ukuba bubulolo, isigulo, okanye ezinye iingxaki zomntu. Iintaba zenu ziya kwehluka, kwaye kanti impendulo kuyo yonke imingeni yenu kukwandisa ukholo lwenu. Lona luthatha umsebenzi. Abafundi abonqenayo kunye nabafundi abangakhathaliyo baya kusoloko besokola kuhlanganisa isuntswana lokholo.

Ukwenza nantonina kudinga umzamo. Ukuba ngumfundi wokwenene kaYesu Krestu akwahlukanga. Ukwandisa ukholo lwenu kunye nethemba lenu kuYe kudinga umzamo. Yanga ndinganikela ngezi ngcebiso zintlanu ukuninceda ukuba niphuhlise ukholo nethemba.

Okokuqala, funda. Yiba ngumfundi othatha inxaxheba. Zintywilisele kwizibhalo ezingcwele ukuze uqonde kangcono umsebenzi kunye nolungiselelo lukaKrestu. Yazi imfundiso kaKrestu ukuze uqonde amandla ayo ebomini bakho. Faka ngaphakathi inyaniso yeNtlawulelo kaYesu Krestu esebenza kuwe. Yena wathabathela kuYe intlupheko yakho, neempazamo zakho, nobuthathaka bakho, kunye nezono zakho. Yena walihlawula ixabiso lembuyekezo kwaye wakubonelela ngamandla wokususa zonke iintaba oya kuze ujongane nazo. Wena ufumana amandla ngokholo lwakho, nangethemba, kunye nangolangazelelo lwakho lokumlandela Yena.

Ukususa iintaba zakho kusenokudinga ummangaliso. Funda malunga nemimangaliso. Imimangaliso iza ngokokholo lwakho eNkosini. Okusembindini wolokholo kukuthemba intando kunye nexesha laYo—okokuba nanjani naninina Yona iya kukusikelela ngoncedo olumangalisayo wena olunqwenelayo. Kukungakholwa kwakho kuphela okuya kukumbamba uThixo ekukusikeleleni ngemimangaliso yokususa iintaba ebomini bakho.10

Njengoko ufunda ngakumbi ngoMsindisi, kuya kubalula ukuthembela kwinceba yaKhe, nakuthando lwaKhe olungapheliyo, kwakunye nasemandleni aKhe awomelezayo, nawaphilisayo, kunye nawakhululayo. UMsindisi akasoze asondele kuwe ngokungakumbi kunaxa ujongene okanye usonyuka intaba ngokholo.

Okwesibini, khetha ukukholelwa kuYesu Krestu. Ukuba uneentandabuzo malunga noThixo uYise kunye noNyana waKhe oyiNtanda okanye ngobukho beMbuyiselo okanye ngobunyani bobizo olusulungekileyo lukaJoseph Smith njengomprofethi, khetha ukukholelwa11 kwaye uhlale unyanisekile. Thatha imibuzo yakho uyise eNkosini kwakunye nakwezinye izixhobo ezinyanisekileyo. Funda unomnqweno wokukholelwa kunokuba ubenethemba lokokuba ungafumana impazamo kwilaphu lobomi bomprofethi okanye impazamo kwizibhalo ezingcwele. Yekela ukwandisa iintandabuzo zakho ngokuziphindaphinda kwabanye abathandabuzi. Vumela iNkosi ukuba ikukhokele eluhambeni lwakho lokuzifumanisa ngokwasemoyeni.

Okwesithathu, yenza intshukumo ngokholo. Yintoni ubuzokuyenza ukuba ubunokholo olungakumbi? Cinga ngayo. Bhala ngayo. Emva koko fumana ukholo olungakumbi ngokwenza into ethile edinga ukholo olungakumbi.

Okwesine, thabatha imimiselo engcwele ngokufanelekileyo. Imimiselo ivulela amandla kaThixo ebomini bakho.12

Kwaye okwesihlanu, cela uncedo kuBawo wakho OseZulwini, egameni likaYesu Krestu.

Ukholo luthatha umsebenzi. Ukufumana isityhilelo kuthatha umsebenzi. Kodwa “wonke ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; kwaye nakuye lowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa.”13 UThixo uyakwazi oko kuya kunceda ukholo lwakho lukhule. Cela, kwaye ucele kwakhona.

Umntu ongakholelwayo usenokuthi ukholo lolwabantu ababuthathaka. Kodwa le ngqondo iwabetha ngoyaba amandla wokholo. Ingaba abaPostile boMsindisi babezokuqhubeka nokufundisa imfundiso yaKhe emva kokufa kwaKhe, ngokubeka ubomi babo, emngciphekweni ukuba babemthandabuza Yena?14 Ingaba uJoseph noHyrum Smith babezokufela ukukhusela iMbuyiselo yeBandla leNkosi ngaphandle kokuba babenobungqina bokokuba yayiyinyani? Ingaba abaNgcwele ababemalunga nama–2,000 babezakufela emzileni woovulindlela15 ukuba babengenalo ukholo lokokuba ivangeli kaYesu Krestu yayibuyisiwe? Ngokwenene, ukholo lungamandla awenza abo bangalindelekanga okokuba bafezekise oko kungena kwenzeka.

Musa ukudelela ukholo osele unalo. Kuthatha ukholo ukuzibandakanya neBandla kwakunye nokuhlala unyanisekile. Kuthatha ukholo ukulandela abaprofeti neBandla kuneengcali kunye nembono kawonke-wonke. Kuthatha ukholo ukuncedisa kumsebenzi wokufundisa ivangeli ngexesha likabhubhane. Kuthatha ukholo ukuphila ubomi obunyulu xa ihlabathi likhwaza ukuba umthetho kaThixo wobunyulu sewuphelelwe ngoku. Kuthatha ukholo ukufundisa abantwana ivangeli kwihlabathi elithatha izinto lula. Kuthatha ukholo ukubongozelela ubomi balowo umthandayo kwaye nokholo olungakumbi ukwamkela impendulo edanisayo.

Kwiminyaka emibini eyadlulayo, mna noDade uNelson saye sandwendwela eSamoa, naseTonga, naseFiji, kunye naseTahiti. Ilizwe ngalinye kwezo ziqithi lalinemvula enkulu kangangeentsuku eziliqela. Amalungu ayezilile kwaye ayethandazela ukuba imihlangano yabo yangaphandle yayiya kukhuselwa emvuleni.

ESamoa, naseFiji, kunye naseTahiti, njengoko imihlangano yayiqala, imvula yaye yema. Kodwa eTonga, imvula ayizange ipheze. kodwa kananjalo abaNgcwele abanyanisekileyo abangama–13,000 baye bafika kwangethuba ngeeyure ukuba bafumane isihlalo, baye balinda ngomonde kwizantyalantyala zemvula ezinayo, kwaye baye bahlala kumhlangano owawumanzi kakhulu weeyure ezimbini.

Umfanekiso
AbaNgcwele baseTonga emvuleni

Saye sabona ukholo oludlamkileyo lusemsebenzini phakathi kwabo baseziqithini—ukholo olwalonele ukumisa imvula kunye nokholo lokunyamezela xa imvula yayingazange ipheze.

Iintaba ebomini bethu azisoloko zisuka ngendlela okanye ngokuthanda kwethu. Kodwa ukholo lwethu luya kusoloko lusiqhubela phambili. Ukholo lusoloko lusandisa ukufikelela kwethu emandleni wobuthixo.

Nceda wazi oku: ukuba yonke into kunye nawo wonke ubani emhlabeni othembela kuye uyahlulakala, uYesu Krestu kunye neBandla laKhe soze bakudanise. INkosi ayozeli, ayilali.16 Yona “ukwanguye izolo, namhla, [nangomso].”17Yona ayisoze iyishiye iminqophiso yaYo,18 nezithembiso zaYo, okanye uthando lwaYo ngabantu baYo. Yona yenza imimangaliso namhlanje, kwaye Yona iya kwenza imimangaliso nangomso.19

Ukholo kuYesu Krestu lungawona mandla amakhulu esiwafumanayo kobu bomi. Zonke izinto ziyenzeka kwabo bakholwayo.20

Ukholo lwakho olukhulayo kuYe luya kususa iintaba—hayi iintaba zamatye ezihombise umhlaba kodwa iintaba zentlupheko ebomini bakho. Ukholo lwakho olukhulayo luya kukunceda uguqule imingeni kube kukukhula okungalinganiyo kunye nethuba.

Ngale Cawa yePasika, ngeemvakalelo zam ezinzulu zothando nombulelo, ndiyabubhengeza ubungqina bam bokokuba uYesu Krestu uvukile ngokwenene. Uvukele ukukhokela iBandla laKhe. Uvukele ukusikelela ubomi babantwana bonke bakaThixo, naphina apho bahlala khona. Ngokholo kuYe, singasusa iintaba ebomini bethu. Ndiyangqina ngokunjalo egameni elingcwele likaYesu Krestu, amen.

Umncomo woMfanekiso woMgcini