2021
IMbali yoSapho Inceda Izinyanya Zethu
EyoMnga 2021


“IMbali yoSapho Inceda Izinyanya Zethu,” Liyahona, EyoMnga 2021

UMyalezo weNyanga weLiyahona, EyoMnga 2021

IMbali yoSapho Inceda Izinyanya Zethu

Imbali yosapho ikukufumanisa nokufunda malunga namalungu osapho lwethu. Kwaye sikwaqokelela iinkcukacha malunga nezinyanya zethu ukuze sibenokuzenzela umsebenzi wasetempileni.

Umfanekiso
alt text

Iintsapho zisembindini kwicebo lolonwabo likaBawo oseZulwini. Yena ulungisele iintsapho indlela yokuba ziqhubeke ngonaphakade. Njengoko sisenza imbali yethu yosapho nomsebenzi wasetempileni, sinceda ngokuzisa amalungu osapho lwethu, aphilayo nawaswelekileyo, ndawonye. (“Umsebenzi wasetempileni” uthetha ukuzifumanela thina buqu imimiselo yasetempileni, efana nokutywinelwa kubalingane bethu, kwakunye nokwenzela izinyanya zethu imimiselo etempileni.)

IMbali yoSapho noMsebenzi waseTempileni

Wonke umntu owakhe waphila okanye oya kuphila emhlabeni udinga imimiselo yevangeli. Ukuba izinyanya zethu azizange zibenalo elo thuba, thina singazenzela imimiselo etempileni. Omnye waloo mimiselo kukutywinelwa emalungwini wosapho. “Ukutywinwa” kuthetha ukuba siya kuba nakho ukuphila ngonaphakade kunye neentsapho zethu ukuba silungile. Singatywinelwa kwiintsapho zethu qha ezitempileni.

Iintsikelelo zoMsebenzi weMbali yoSapho

Umfanekiso
usapho

Imbali yosapho ingasinceda someleze ubudlelwane bethu kunye namalungu eentsapho zethu aphilayo. Njengoko sisabelana ngamabali, nemifanekiso, kunye nangeenkumbulo kunye, siseka izivumelwano zosapho. Kwaye someleza uthando esinalo omnye komnye. Abaprofeti bathembise ukuba ukusebenza kwimbali yethu yosapho kuya kusisondeza kufutshane noYesu Krestu.

Ukufumana Izinyanya Zethu

Umfanekiso
Amaxwebhu ngesiTshayina

UBawo oseZulwini ufuna ukuba sitywinwe kwiintsapho zethu zakwangoku kwakunye nakwizinyanya zethu. Ngaphambili kokuba singatywinelwa kwizinyanya zethu, kufuneka sifumane kwaye sigcine iinkcukacha malunga nazo. Kodwa imbali yosapho ingaphaya kokuphanda nje ngamagama, imihla, neendawo. Njengoko sifunda malunga nezinyanya zethu, siya kuziva sidityaniswa nazo ngakumbi.