2022
Zinyuleleni
EyeSilimela 2022


“Zinyuleleni,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeSilimela 2022.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeSilimela 2022.

Zinyuleleni

UYoshuwa wakhuthaza abantu bakhe ukuba benze ukhetho olulungileyo—ukulandela iNkosi.

zinyuleleni

Ukwazi kwethu ukukhetha kwaye sizenzele ngokokwethu kubizwa ngokuba inkululeko yokuzikhethela. Iyinxalenye ebalulekileyo yecebo likaBawo oseZulwini. Injongo enye yobubomi kukubonisa okokuba sizakukhetha ukuthobela imiyalelo kaThixo ukuze sibe nokuba njengaYe ngakumbi. Siyakugwetywa ngokokukhetha kwethu. (Bona 2 Nifayi 2:27; IMfundiso neMinqophiso 101:78; Abraham 3:25.)

namhla

UYoshuwa wakhuthaza abantu bakhe okokuba bazinyulele “namhla,” okanye ngoku. Singenza ukhetho olubalulekileyo kube kanye size emva koko sizame ukuhlala sizibophelele kulo. (Bona Iindumiso 37:5.)

khonza

Kulo mqolo, ukukhonza kuthetha ukunqula, ukuncedisa, ukuthobela, kunye nokuzinikela emntwini. Kumele sikhonze iNkosi (bona Moses 1:15).

oothixo

USirayeli wayeyalelwe ukuba akhonze kuphela uThixo oyinyaniso nophilayo, uYesu Krestu (bona Eksodus 20:2–5). UYoshuwa wanikela imizekelo yabanye oothixo ababengafanele banqulwe ngabantu bakhe. Abanye oothixo ebomini bethu banokuquka izinto esinazo, iingcinga zabanye, eminye iminqweno—nantoni na esisusa eNkosini.

mna nendlu yam

UYoshuwa wayethethela isiqu sakhe kunye nendlu yakhe. Yena wathi baya kukhonza iNkosi. Yena wayefuna ukukhokela usapho lwakhe ngobulungisa kwaye alufundise ukulandela iNkosi (bona IMfundiso neMinqophiso 93:40).