2022
Kwenzeka Ntoni Kwiintlanganiso zangeCawe zeBandla?
EyeSilimela 2022


“Kwenzeka Ntoni kwiiNtlanganiso zangeCawe zeBandla?,” Liyahona, EyeSilimela 2022.

UMyalezo weNyanga weLiyahona ,EyeSilimela 2022

Kwenzeka Ntoni Kwiintlanganiso zangeCawe zeBandla?

Umfanekiso
amabhinqa amabini ewolana

Amalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela ahlangana iCawe nganye ukunqula uThixo kwaye afundisane omnye nomnye ivangeli kaYesu Krestu. Wonke ubani wamkelekile ukubakhona, kwaye amalungu ayakuba nethuba lokuthandaza, ukwenza iintetho, kunye nokufundisa izifundo ukuba ayafuna. Ezi ntlanganiso zinceda amalungu ukuba omelezane elukholweni kwaye “beneentliziyo ezithungelene elumanyanweni naseluthandweni” (Mozaya 18:21).

Umfanekiso
inkwenkwe ekwisitulo esinamavili inikezela ngomthendeleko

UMhlangano woMthendeleko

Amalungu esebe ahlanganela umthendeleko iCawe nganye. (Abo bangengobenkolo yethu nabo bamkelekile ukubakhona.) Umthendeleko unikezwa kumalungu ngalentlanganiso ukuwanceda ukuba akhumbule uYesu Krestu (bona inqaku leZiseko zeVangeli likaTshazimpunzi 2022 ngeenkcukacha ezithe vetshe malunga nomthendeleko). Intlanganiso iquka kananjalo imithandazo, umculo wonqulo, kunye neentetho ezinikezwa ngamalungu malunga nevangeli kaYesu Krestu.

Umfanekiso
amantombazana amabini ancumileyo ebandleni

Ezinye iiNtlanganiso

Emva kwentlanganiso yomthendeleko, amalungu ahlukana ngokweeklasi kunye namaqumrhu. Abantwana abaneminyaka eyi-18 yeenyanga ukuyokutsho kwi-11 iminyaka baya kwiMfundiso yaBantwana abancinci. NgeeCawe zokuqala nezesithathu yenyanga nganye, wonke amanye amalungu aya kwiSikolo sangeCawe. NgeeCawe zesibini nezezine, wona azimasa uMbutho woNcedo, Amantombazana Amancinane, okanye iintlanganiso zequmrhu lobubingeleli.

Imithandazo

Imithandazo kwiintlanganiso zeBandla yenziwa ngamalungu. Imithandazo ilula kwaye ikhokelwa nguMoya oyiNgcwele. Amalungu athandaza esebenzisa amagama abonisa uthando nentlonipho kuBawo oseZulwini. Oku kuquka ukusebenzisa izimelabizo Wena, Yakho, oKwakho, kunye eYakho xa uthandaza kuye Yena.

Iintetho

Ilungu lobubhishophu okanye lobongameli besebe licela amalungu ukuba enze iintetho kwiintlanganiso zomthendeleko. Ezi ntetho zigqalisa kwivangeli kaYesu Krestu. Izithethi zisebenzisa izibhalo kunye namazwi eenkokeli zeBandla xa zilungiselela iintetho zazo. Zona zinika kananjalo ubungqina ngeentsikelelo zemigaqo yevangeli kubomi bazo.

Izifundo

Emva kwentlanganiso yomthendeleko, amalungu afunda malunga nevangeli kwiiklasi ezincinane. Izifundo zisenokuba malunga nezibhalo, iimfundiso ezisuka kwinkomfa yajikelele, okanye eminye imixholo. Nangona utishala ekhokela isifundo, ayiyo mfundiso. Onke amalungu eklasi anokwabelana ngeengcinga zawo malunga nesihloko.

Umfanekiso
indoda ithetha eqongeni lokushumayela ebandleni

Ubungqina

Kanye ngenyanga, intlanganiso yomthendeleko iquka intlanganiso yobungqina. Ngokuqhelekileyo oku kuba ngeCawe yokuqala yenyanga. Ngexesha lale ntlanganiso, amalungu anganika ubungqina bawo ngoYesu Krestu kunye nevangeli yaKhe. Ukunika ubungqina kuthetha ukubhengeza ngeenyaniso zevangeli ngokuphenjelelwe nguMoya oyiNgcwele.

Ukulungiselela

Amalungu alungiselela iintlanganiso zangeCawe ngokuthandaza, ukufunda izibhalo, kunye nokulungela ukufumana impembelelo esuka kuMoya oyiNgcwele. Ukuba uyacelwa ukuba wenze intetho okanye ufundise isifundo, ngomthandazo cinga malunga nokuba ungayifundisa njani imigaqo yevangeli. Sebenzisa izibhalo. Nika ubungqina benyaniso. Iinkokeli zakho zeBandla zingakunceda ulungiselele, ukuba kuyimfuneko.