2022
Yintoni Umhlangano Wangorhatya?
EyeThupha 2022


“Yintoni Umhlangano Wangorhatya?” Liyahona EyeThupha 2022.

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona EyeThupha 2022

Yintoni Umhlangano Wangorhatya?

Umfanekiso
umama, utata, nentombazana encinci behleli ngaphandle

Umhlangano wangorhatya lixesha elibekelwe bucala ngexesha leveki ukuze usapho lwakho luhlanganisane. Ngeli xesha, ningakwazi “ukufunda ivangeli, ukomeleza ubungqina, ukwakha umanyano, kwaye sonwabele omnye nomnye” (General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints,2.2.4, ChurchofJesusChrist.org). Umhlangano wangorhatya ukhangeleka wahlukile ngandlela ithile kusapho ngalunye. Kodwa injongo kukusebenzisa eli xesha ukusondela kunye nokusondela ngakumbi kuMsindisi

Ukulungiselela

Cinga ngomsebenzi owonwabelwa lusapho lwakho kunye nesihloko sevangeli eninokuthi nisixoxe kwaye nifunde ngaso kunye. Kananjalo, khetha usuku kunye nexesha veki nganye xa uninzi okanye onke amalungu osapho anokudibana. IBandla likhuthaza amalungu ukuba abambe umhlangano wangorhatya ngoMvulo ebusuku. Kodwa iintsapho zinokudibana xa oko kuzisebenzela kakuhle.

Umfanekiso
usapho luthandaza

Umthandazo

Iintsapho ezininzi ziqala kwaye zigqibe umhlangano wangorhatya ngomthandazo. Oku kumema uMoya oyiNgcwele ekhayeni labo. Umhlangano wangorhatya lixesha elifanelekileyo lokuba abantwana kunye nabantu abadala bafunde ukuthandaza neqela elincinci.

Umculo

Iintsapho ezinintsi kananjalo zinengoma yokuvula neyokuvala. Badla ngokukhetha ingoma efumaneka kwincwadi yamaculo okanye kwincwadi yengoma zabantwana. IBandla linamaculo ashicilelweyo epiyano ku music.ChurchofJesusChrist.org. Unokubukela kananjalo imiboniso bhanyabhanya ye Tabernacle Choir eTemple Square. Ukucula ngexesha lomhlangano wangorhatya kunceda amalungu afunde amaculo aculwa ebandleni.

Isifundo

IBandla linezixhobo ezininzi ezinokunceda ngazo umhlangano wangorhatya. Ungathabatha imizuzu embalwa ukufunda kwaye uxoxe ngenqaku elivela kwi Liyahona, Umhlobo okanye Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha. Eli ikwalixesha kananjalo lokubukela nokuxoxa ngemiboniso bhanyabhanya yeBandla. Okanye ungafunda intetho evela kwinkomfa yajikelele, ufunde izibhalo, okanye uxoxe ufundo lwaloo veki ku Uze, Undilandele.

Umfanekiso
abantwana benza amaqebengwana

Ifoto yabantwana besenza amaqebengwana ngu Michelle Lloynes

Ukubandakanyeka koSapho

Abantwana banokuthatha inxaxheba kumhlangano wangorhatya. Banokunceda ekucwangciseni imisebenzi, ukuthandaza, okanye ukukhetha nokukhokela iingoma. Banokufundisa nezifundo. Ngaphambi komhlangano wangorhatya, ungamnceda umntwana wakho afunde ibali ku Umhlobo imagazini okanye ibali lesibhalo abalithandayo. Umntwana emva koko unokubalisa elo bali kusapho njengesifundo. Abantwana abaninzi bayakuthanda ukudlala amabali ezibhalo kumhlangano wangorhatya. Vumela abantwana abadala bacwangcise isifundo okanye bakhethe intetho yenkomfa yajikelele abangathanda ukuyifunda. Emva koko bacele ukuba bakhokele ingxoxo.

Imisebenzi

Iintsapho ezininzi zikonwabela ukwenza imisebenzi njengenxalenye yomhlangano wangorhatya. Imisebenzi yangaphakathi ingabandakanya ukudlala imidlalo, ukwenza imisebenzi yezandla, okanye ukupheka kunye.

Kwimisebenzi yangaphandle, ningathatha uhambo, nithabathe uhambo olude lokusela umoya losapho okanye nidlale umdlalo ngaphandle kunye. Fumana umsebenzi amalungu onke wosapho anokuwenza, kwaye nizonwabele kunye. Waphephe amaxesha okukhuphisana anokugxotha uMoya.

Inkonzo

Umhlangano wangorhatya lixesha elihle lokuba iintsapho zikhonze abanye. Unokunceda abamelwane abathile abakhulileyo, ubaphakele ukutya kwindawo enabantu abangenamakhaya, ubhalele abafundisi bevangeli, okanye uchole inkunkuma ngokomzekelo.