2022
Iindumiso Zifundisa ngoYesu Krestu
EyeThupha 2022


“Iindumiso zifundisa ngoYesu Krestu,” Imiyalezo yangeNyanga yoMhlobo, EyeThupha 2022

“Iindumiso zifundisa ngoYesu Krestu”

Imiyalezo yangeNyanga yoMhlobo, EyeThupha 2022

Iindumiso Zifundisa ngoYesu Krestu

Umfanekiso
UDavide uphethe ugwali

Imizobo ngu Apryl Stott

Iindumiso zingoma ezingcwele. Abantu eBhayibhileni babhala iindumiso ukuze badumise uThixo. Unintsi lweendumiso zabo zifundisa ngoyesu Krestu. Nantsi enye into efundiswa zezinye iindumiso eziseBhayibhileni.

Umfanekiso
UYesu Krestu emi phezi kolwalwa

Ndiyayithanda iNkosi. Yena uliliwa lam namandla wam. Ndiya kumthemba Yena. Ndiyakumdumisa Yena.

Umfanekiso
UYesu Krestu ephethe igusha

UYehova nguMalusi Wam. Yena undikhokelela kumadlelo aluhlaza. Yena undikhokelela emanzini angawokuphumla. Andiyi koyika.

Umfanekiso
UYesu Krestu ephethe isibane

INkosi ngumkhanyiseli wam. Andiyi koyika. Ndya kuba nenkalipho. Yena uyakuyomeleza intliziyo yam.

Umfanekiso
abantu ebandleni

Ndiyamthanda uYesu Krestu kwaye naYe uyandithanda. Ndingakwazi ukumdumisa Yena xa ndifunda kwaye ndicule ngaYe.

Iphepha lokufakela Imibala

UYehova nguMalusi Wam

Umfanekiso
UYesu ebambe itakane legusha

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu Apryl Stott

Uluva njani uthando lukaYesu?