Izithembiso zikaHezekile Ziba yiNyani,” Imiyalezo yeNyanga Umhlobo, EyeDwarha 2022
“Izithembiso zikaHezekile Ziba yiNyani”
UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyeDwarha 2022
Izithembiso zikaHezekile Ziba yiNyani
UHezekile wayengumprofeti. UThixo wambonisa izinto ezininzi zexesha elizayo ezazingekenzeki. UHezekile wazibhala phantsi.
UHezekile wabhala ngeencwadi ezimbini ezaziya kushicilelwa ngenye imini. Enye incwadi yayiyiBhayibhile. Enye incwadi yayiyiNcwadi kaMormoni.
Kwiminyaka emininzi emva koko, iBhayibhile yashicilelwa.
Emva kweminyaka emininzi, uJoseph Smith waguqulela iNcwadi kaMormoni. Umbono kaHezekile waba yinyani!
Namhlanje sinako ukufunda iBhayibhile neNcwadi kaMormoni. Zisebenza kunye ukufundisa ngoYesu Krestu.
Xa ndifunda izibhalo, ndifunda ngoYesu Krestu.
Iphepha lokufakela Imibala
NdingaziFunda iZibhalo
Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.
Umzobo nguApryl Stott
Leliphi ibali lezibhalo olithanda kakhulu?
© 2022 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, October 2022. Xhosa. 18317 774