2022
Ungalindi! Yiba Njengabalusi
EyoMnga 2022


“Ungalindi!” Yiba Njengabalusi, Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha EyoMnga 2022.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha, EyoMnga 2022

Luka 2:8–20

Ungalindi! Yiba Njengabalusi

Umfanekiso
abalusi

Ngobusuku obuzolileyo kudala, abalusi babeyigade ngenkuthalo imihlambi yabo.

Umfanekiso
iigusha

Abalusi babenomsebenzi obalulekileyo. Iigusha zazifuna ukutya, amanzi nokukhuselwa kwingozi.

Umfanekiso
ingelosi

Ngesaquphe, kwavela ingelosi!

“Musani ukoyika, kuba yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu. … Ngokuba nizalelwe namhlanje …uMsindisi, onguKrestu iNkosi.”

Umfanekiso
ingelosi

Ingelosi yabaxelela abalusi ukuba bayakufumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali eBhetelehem.

Umfanekiso
ikwayara yeengelosi

Ikwayara yeengelosi yasigcwalisa isibhakabhaka yangenelela ingelosi idumisa uThixo.

“Uzuko kuThixo enyangweni, uxolo emhlabeni, inkolelo ebantwini.”

Umfanekiso
abalusi

“Masiye kwelase Bhetelehem siyobona oko sikwazisiweyo yiNkosi.”

Umfanekiso
abalusi balandela inkwenkwezi

Abalusi abazange balinde. Oku kwakubaluleke kakhulu! Beza “ngobungxamo” kwelase Bhetelehem.

Umfanekiso
Abalusi emkhumbini wesitali

Abalusi bamfumana uYesu esongelwe eziqhiyeni, elele emkhumbini wesitali, njengoko ibitshilo ingelosi.

Umfanekiso
usana olunguYesu

Nguye lo uMesiya owathenjiswayo ukuba uyakuza abe nguMsinidisi noMkhululi wehlabathi azise uvuyo oluyinyaniso!

Umfanekiso
abalusi

Abalusi babechwayitile! Babelana ngoko bakuvileyo nabakubonileyo.

“UMsindisi wehlabathi uzelwe!”

“UMesiya ude wafika!”

Umfanekiso
umfana omncinane efunda izibhalo

Abalusi beza “ngobungxamo” kuYesu. Nawe unakho!

Ungafunda ngaYe.

Umfanekiso
umfana omncinane echeba ingca

Unga mkhonza ngoku khonza abanye.

Umfanekiso
Intombi encinane isabelana ngeNcwadi kaMormoni nomfana omncinane

Ungangqina ngaYe.