2023
Ngaba Kufuneka siGqibelele Ngoku?
EyoMdumba 2023


“Ngaba Kufuneka siGqibelele Ngoku?” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, eyoMdumba 2023.

Umyalezo wangenyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, eyoMdumba 2023

Ngaba Kufuneka siGqibelele Ngoku?

Ivela kwintetho yenkomfa yajikelele EyeDwarha 2017.

Umfanekiso
umfana omncinane efunda izibhalo

Imizobo ngu Emily E. Jones

Izibhalo zabhalelwa ukuba zisisikelele kwaye zisikhuthaze thina, kwaye ngokuqinisekileyo ziya kwenza oko. Kodwa ukhe waqaphela ukuba amaxesha ngamaxesha umhlathi uya vela osikhumbuza ukuba thina siya silela kancinane? Umzekelo: “Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo oseZulwini efezekile”(uMateyu 5:48). Ngalo myalelo, sifuna ukubuyela ebhedini kwaye sitsale izigqubuthelo phezu kwentloko yethu. Injongo enjalo yeselestiyali ibonakala ingaphaya kwamandla ethu. Kanti ngokuqinisekileyo iNkosi ayisoze isinike umyalelo awayewazi Yena ukuba asinakuwugcina.

Umfanekiso
intombazana eselula enesambrela emvuleni

“Ewe, yizani kuKrestu, nize nigqibelele kuye,” uMoronayi uyacenga. “Nimthande uThixo ngawo onke amandlakazi enu, ingqondo nokomelela, ukuze… ngobabalo lwakhe nibe nokugqibelela kuKrestu” (Moronayi 10:32; ugxininiso longeziwe). Elona themba lethu kugqibelelo oluyinyani kukulwamkela njenge sipho esivela ezulwini—asinakho “ukuzuza”.

Umfanekiso
intombazana eselula inyuka intaba nenja

Ngaphandle kukaYesu, akukhange kubekho midlalo ingenasiphako kolu hambo lwasemhlabeni siluhambayo, ngoko ngeli xesha siphila emhlabeni masizabalazele ukuphucuka okungagungqiyo kwaye siphephe ulindelo olugqithisileyo kuthi nakwabanye.

Umfanekiso
inqanawe kulwandle olunenkqwithela

Ukuba siya nyamezela, ngoko ke ndaweni ithile emaphakadeni ukusulungekiswa kwethu kuya kugqitywa—nto leyo iyintsingiselo yeTestamente eNtsha yoku fezeka.