2023
Iintsikelelo zoBubingeleli
EyoKwindla 2023


“Iintsikelelo zoBubingeleli,” Liyahona, EyoKwindla 2023.

UMyalezo weNyanga weLiyahona, EyoKwindla 2023

Iintsikelelo zoBubingeleli

Umfanekiso
UKrestu emisela Abapostile Abalishumi Elinesibini

Christ Ordaining the Twelve Apostles [UKrestu eseka Abapostile Abalishumi Elinesibini], ngu Harry Anderson

Intsikelelo yobubingeleli inikelwa ngempembelelo ngabo bangabanini Bobubingeleli bukaMelkitsedeke. Iintsikelelo zobubingeleli zenza ukuba bonke abantwana bakaThixo bafumane amandla aKhe, intuthuzelo yaKhe, kunye nesikhokelo saKhe.

UBubingeleli

Ububingeleli bungamandla kunye negunya likaThixo. Amadoda afanelekileyo angabanini bobuBingeleli bukaMelkitsedeke basebenza egameni lika Yesu Krestu xa benika iintsikelelo zobubingeleli. Njengoko benika ezi ntsikelelo, balandela umzekelo woMsindisi esikelela abanye.

Umfanekiso
Izandla zibekwe phezu kwentloko

Ifoto ngu David Winters

Zinikwa njani Iintsikelelo

Iintsikelelo zoBubingeleli zinikelwa ngokubekwa kwezandla. Umnini woBubingeleli bukaMelkitsedeke ubeka izandla phezu kwentloko yomntu owamkela intsikelelo. Kanti unika intsikelelo ngokuyalelwa nguMoya. Abo banika iintsikelelo nabo bazamkelayo basebenzisa ukholo kuThixo nokuthembela entandweni nase xesheni laKhe.

Ukuthiywa amagama nokuSikelelwa kwaBantwana

Emva kokuba umntwana ezelwe, umnini wobubingeleli umnika igama kunye ne ntsikelelo (bona IMfundiso neMinqophiso 20:70). Oku kudla ngokwenzeka kuwo wozilo nobungqina. Umntwana uqale anikwe igama. Kanti umnini wobubingeleli unika umntwana intsikelelo.

Umfanekiso
Inkwenkwe egulayo yamkela intsikelelo yobubingeleli

Ifoto ngu Welden C. Andersen

Iintsikelelo kwabaGulayo

Abanini bobuBingeleli bukaMelkitsedeke banganika iintsikelelo kubantu abagulayo. Olu hlobo lwentsikelelo luntlahlumbini: ukuthambisa nge oli nokutywina intambiso. Okokuqala, umnini wobubingeleli ugalela ithontsi le-oli yomnquma engcwalisiweyo, okanye esikelelweyo, phezu kwentloko yomntu abesele enika umthandazo omfutshane. Kanti omnye umnini wobubingeleli utywina intambiso kwaye anike umntu intsikelelo ngokokukhokelwa nguMoya oyiNgcwele.

Iintsikelelo zeNtuthuzelo neNgcebiso

Abanini bobuBingeleli bukaMelkitsedeke banganika iintsikelelo zentuthuzelo nengcebiso kumalungu osapho kunye nabanye abazicelayo. Utata onoBubingeleli bukaMelkitsedeke unako ukunika iintsikelelo zikatata ebantwaneni bakhe. Ezi zinokuba luncedo ngakumbi xa abantwana bejongene nemiceli-mingeni ekhethekileyo.

Ukusikelela Bucala amaLungu ukuba aKhonze eluBizweni

Xa abangamalungu eBandla besamkela ubizo, banikwa intsikelelo xa besikelelwa bucala ukuba bakhonze. Inkokheli yobubungeleli ibasikelela ngegunya lokusebenza elubizweni. Inkokheli yobubingeleli ikwa banika intsikelelo yokubancedisa ekukhonzeni kwabo.

Umfanekiso
Umfazi efunda intsikelelo yakhe kasolusapho

Ifoto ngu Shauna Stephenson

Iintsikelelo zikaSolusapho

Ilungu ngalinye elifanelekileyo leBandla linokufumana intsikelelo kasolusapho. Le ntsikelelo inika ingcebiso yobuqu esuka kwiNkosi. Inganika isikhokelo kunye nentuthuzelo kubo bonke ubomi bomntu. Ikwaxela nomnombo womntu kwindlu kaSirayeli. Kuphela ngusolusapho omiselweyo onokunika olu hlobo lwentsikelelo.