2023
Yizani kuYe
EyoKwindla 2023


“Yizani Kuye,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoKwindla 2023.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoKwindla 2023

Yizani kuYe

UMsindisi usimema ukuba sibeke imithwalo yethu kuYe.

Umfanekiso
UYesu Krestu

Umzobo ngu Annie Henrie Nader

Yizani Kum

Singeza kuMsindisi ngokufunda ivangeli yaKhe, sikholwe kuYe, siguquke, senze kwaye sigcine iminqophiso, kwaye silandele umzekelo waKhe.

Nibulalekayo … nisindwayo ngumthwalo

Ukubulaleka ngokwasenyameni nokusindwa yimithwalo kungasidinisa, ngokukwanjalo ngokwasengqondweni, ngokweemvakalelo, nangokomoya. UMsindisi usinika uxolo lwaKhe, nokuba loluphi uhlobo lwemithwalo esinokuyithwala.

idyokhwe

Idyokhwe sisixhobo sokudibanisa izilwanyana ezimbini ukuze zikwazi ukurhuqa umthwalo kunye, njenge khuba okanye inqwelo. Idyokhwe idla ngokuba nomqadi wokhuni obekwe emagxeni esilwanyana ngasinye, owabela umthwalo ngokulinganayo.

funda

Sinokufunda ngoYesu Krestu ngokufunda iimfundiso zaKhe kunye nomzekelo waKhe—kwaye nangokuzama ukuzilandela.

uphumlo

Uphumlo loMsindisi luxolo lwaKhe, oluzolisa iingqondo zethu kunye nomoya wethu. Uyasinceda ukuba soyise amaxhala ehlabathi yaye uyasomeleza ngokomoya xa siziva sibuthathaka.

imnandi … ilula

Ukuthabathela idyokwe yoMsindisi kuthi kuthetha ukuzibophelela kwethu kuYe ngeminqophiso. Kuthetha ukunikezela iintliziyo zethu kuYe nakumsebenzi waKhe. Xa sisenza oku, imithwalo yethu ivakala lula kuba Uyasincedisa.