2023
Abaxolisi Bayafuneka
Canzibe 2023


UMyalezo weNyanga weLiyahona Canzibe 2023

Abaxolisi Bayafuneka

Unegunya lakho lokuzikhethela imbambano okanye uxolelwaniso. Ndiyakubongoza ukuba ukhethe ukuba ubengumxolisi, ngoku namaxa wonke.

Bazalwana noodade bam abathandekayo, kuluvuyo ukuba kunye nani. Kwezi nyanga zintandathu zidlulileyo, benisoloko nisenqondweni yam nasemithandazweni yam. Ndiyathandaza ukuba uMoya oyiNgcwele unxibelelane nento iNkosi efuna niyive njengokuba ndithetha nani ngoku.

Ngexesha loqeqesho lwam lotyando kwiminyaka emininzi eyadlulayo, ndandincedisa ugqirha wotyando owayenqumla umlenze owawuzaliswe sisilonda esiqhenkqethayo esosulelayo kakhulu. Utyando lwalunzima. Emva koko, ukongezelela kolo nxunguphalo, elinye lamaqela lenza umsebenzi ongafanelekanga, yaye ugqirha wotyando wagqabuka ngumsindo. Esazulwini somsindo wakhe, wajula ingadla yokagqirha yakhe eyayizele ziintsholongwane. Yawela engalweni yam!

Wonke umntu kwigumbi lotyando—ngaphandle kogqirha wotyando ongalawulekiyo—wothuswa yile ngozi yokwaphulwa kwenkqubo yotyando. Okuvuyisayo, kukuba andizange ndosuleleke. Kodwa la mava ashiya impembelelo ehlala ihleli kum. Kwangaloo yure, ndazithembisa ukuba nantoni na eyenzekayo kwigumbi lam lotyando, andisoze ndiphulukane nokulawula iimvakalelo zam. Kwakhona ndafunga ngaloo mini ukuba andisoze ndiphose nantoni na ngomsindo—nokuba yingadla kagqirha okanye amagama.

Nangoku, kumashumi eminyaka kamva, ndizifumana ndizibuza ukuba ingadla kagqirha engcolileyo ethe yahlala engalweni yam yayiyityhefu ngakumbi kunokruthakruthwano kakhulu olonakalisa incoko yethu yasekuhlaleni nobudlelwane obuninzi bomntu namhlanje. Ubuntu nokundiliseka kubonakala kuye kwanyamalala ngeli xesha lokwehlukana kweembono nokungavumelani okunentshiseko.

Ubukrwada, ukugxeka, nokunyelisa abanye kuxhaphake gqitha. Iingcali ezininzi kakhulu, abezopolitiko, abezolonwabo, nabanye abaphembeleli baphosa izithuko rhoqo. Ndixhalabile kakhulu ukuba abantu abaninzi babonakala bekholelwa ukuba kwamkelekile ngokupheleleyo ukugweba, ukunyelisa, nokungcolisa igama lomntu nabanina ongavumelani naye. Abaninzi babonakala befuna ukonakalisa isidima somnye ngezinyembo ezilusizi nezonomongo!

Umsindo awucengi. Ubutshaba abakhi mntu. Imbambano ayikhokeleli kwizisombululo eziphefumlelweyo. Okulusizi kukuba, ngamanye amaxesha sibona ingxabano naphakathi kumanqanaba ethu. Siva ngabo bajongela phantsi amaqabane abo nabantwana, ngabo abasebenzisa ukugqajukelwa ngumsindo ukuze balawule abanye, nangabo bohlwaya amalungu entsapho “ngokungathethisani.” Siva ngolutsha nabantwana abangcungcuthekisayo nangabasebenzi abanyelisa abantu abasebenza nabo.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, oku akufanelekanga kube nje. Njengabafundi bakaYesu Krestu, sifanele sibe yimizekelo yokusebenzisana nabanye—ngakumbi xa sineembono ezahlukeneyo. Enye yeendlela ezilula zokuchonga umlandeli wenene kaYesu Krestu yindlela loo mntu abapatha ngayo abanye abantu.

Umfanekiso
usapho lubukele inkomfa

EMzantsi Afrika

UMsindisi wakwenza kwacaca oku kwiintshumayelo zaKhe kubalandeli kuzo zombini iziqingatha. “Banoyolo abaxolisi,” Yena watsho.1 “Kodwa nabani na oya kunibetha esidleleni senu sasekunene, guqulela kuye nesinye kanjalo.”2 Emva koko, ewe, Yena wanikela isiluleko esicel’ umngeni ngamnye wethu: “Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise.”3

Phambi kokufa kwaKhe, uMsindisi wayalela abaPostile baKhe abaLishumi elineSibini ukuba bathandane njengoko Yena wayebathandile.4 Kwaye emva koko Yena wongeza wathi, “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.”5

Umyalezo woMsindisi ucacile: Abafundi baKhe bokwenene bayakha, bayaphakamisa, bayakhuthaza, bayacenga, kwaye bayaphembelela—nokuba imeko inzima kangakanani. Abafundi bokwenene bakaYesu Krestu bangabaxolisi.6

Namhlanje yiCawa yaMahlamvu. Silungiselela ukukhumbula esona siganeko sibalulekileyo nesigqwesileyo sakhe sabhalwa emhlabeni, esiyiNtlawulelo noVuko lweNkosi uYesu Krestu. Enye yeendlela ezilungileyo esinokubeka ngazo uMsindisi kukuba sibe ngabaxolisi.7

INtlawulelo yoMsindisi yenza ukuba sikwazi ukoyisa bonke ububi—kuquka imbambano. Musani ukuphazama ngako oko: imbambano ibubi! UYesu Krestu wavakalisa ukuba abo “banomoya wembambano” abangobaKhe kodwa “bangabomtyholi, onguyise wembambano, kwaye [umtyholi] uyazivuselela iintliziyo zabantwana babantu ukuba balwe ngomsindo, omnye nomnye.”8 Abo bakhuthaza imbambano bathabatha iphepha kwincwadi kaSathane, enoba bayakuqonda oko okanye akunjalo. “Akukho mntu unako ukukhonza iinkosi ezimbini.”9 Asinakumxhasa uSathane ekuhlaseleni kwethu ngamazwi size sicinge ukuba sisenako ukukhonza uThixo.

Umfanekiso
utata nonyana kwiZiko leNkomfa

Bazalwane noodade bam abathandekayo, ibaluleke ngokwenene indlela esiphathana ngayo! Indlela esithetha ngayo nangabanye ekhaya, ecaweni, emsebenzini, nakwi-intanethi ibaluleke ngokwenene. Namhlanje, ndicela thina sisebenzisane nabanye ngendlela ephezulu, nengcwele. Nceda uphulaphule ngenyameko. “Ukuba kukho nakuphina ukulunga kanye, ubuhle, okanye ingxelo elungileyo okanye okuncomekayo, sifuna ezi zinto”10 esinokuzithetha ngomnye umntu—nokuba kubuso bakhe okanye emva komqolo wakhe—kufanele kube ngumngangatho wethu wonxibelelwano.

Ukuba isibini esikwiwadi yakho siqhawula umtshato, okanye umfundisi oselula ubuyela ekhaya ngaphambi kwethuba, okanye omtsha uyabuthandabuza ubungqina bakhe, abawudingi umgwebo wakho. Kufuneka bafumane uthando olumsulwa lukaYesu Krestu olubonakala kumazwi nezenzo zakho.

Ukuba umhlobo kwimidiya yoluntu unezopolitiko ezinamandla okanye iimbono zentlalo eziphula yonke into oyikholelwayo, ukucaphuka kwakho akusayi kunceda. Ukwakha iibhulorho zokuqonda kuya kufuna kakhulu ngakumbi kuwe, kodwa yiloo nto kanye ifunwa ngumhlobo wakho.

Imbambano iyawugxotha uMoya—ngamaxesha onke. Imbambano ibethelela ubuxoki bokuba ukujongana ngezikhondo zamehlo yindlela yokusombulula iyantlukwano; kodwa ayike ibe njalo. Imbambano lukhetho. Ubuxolisi lukhetho. Unegunya lakho lokuzikhethela imbambano okanye uxolelwaniso. Ndiyanibongoza ukuba nikhethe ukuba ngumxolisi, ngoku namaxa wonke.11

Bazalwane noodade, singalitshintsha ngokoqobo ihlabathi—umntu omnye nentsebenziswano enye ngexesha. Kanjani? Ngokumisela indlela yokulawula iyantlukwano enyanisekileyo yembono ngentlonipho nencoko enesidima.

Ukwahluka kwembono yinxalenye yobomi. Ndisebenza yonke imihla nabakhonzi abazinikeleyo beNkosi abangasoloko bebona umba ngokufanayo. Bayazi ukuba ndifuna ukuva iingcinga zabo neemvakalelo ezinyanisekileyo malunga nayo yonke into esiyixoxayo—ngakumbi imiba ebuthathaka.

Umfanekiso
UMongameli Dallin H. Oaks noMongameli Henry B. Eyring

Abacebisi bam ababini ababekekileyo, uMongameli Dallin H. Oaks noMongameli Henry B. Eyring, bangumzekelo ngendlela abavakalisa ngayo iimvakalelo zabo—ingakumbi xa benokwahluka. Oko bakwenza ngothando olumsulwa omnye komnye. Akukho nomnye ocebisa ukuba wazi ngcono kwaye ke ngoko kufuneka asikhusele ngokungqongqo isikhundla sakhe. Akukho nomnye ongqina imfuno yokukhupisana nomnye. Ngokuba ngamnye uzaliswe luthando lwenene, “uthando olumsulwa lukaKrestu,”12 iingxoxo zethu zinokukhokelwa nguMoya weNkosi. Indlela endiwathanda kwaye ndiwabeka ngayo la madoda mabini abalulekileyo!

Umfanekiso
UBongameli bokuQala kwikomfa

Uthando lwenene liyeza lobuhlungu lokunqanda imbambano. Uthando lwenene sisipho somoya esinceda ukuba sikhuphele ngaphandle umntu osenyameni, ozingcayo, ozikhuselayo, onekratshi, nonomona. Uthando lwenene luphawu oluphambili lomlandeli wokwenene kaYesu Krestu.13 Uthando lwenene luchaza umxolisi.

Xa sizithoba phambi koThixo kwaye sithandaza ngawo onke amandla eentliziyo zethu, uThixo uya kusipha uthando lwenene.14

Abo basikelelwe ngesi sipho sibalaseleyo bazeka kade umsindo yaye banobubele. Abamoneli abanye kwaye ababanjwa kukubaluleka kwabo. Abacaphuki msinya yaye abacingi bubi ngabanye.15

Bazalwane noodade, uthando olumsulwa lukaKrestu luyimpendulo kwimbambano esigulisayo namhlanje. Uthando lwenene lusishukumisela ukuba “sithwalisane imithwalo yomnye nomnye”16 kunokuba sifumbe imithwalo phezu komnye nomnye. Uthando olumsulwa lukaKrestu lusivumela ukuba “sime njengamangqina kaThixo ngamaxesha onke nakuzo zonke izinto”17ngakumbi kulamaxesha anzima. Uthando lwenene lusivumela ukuba sibonise indlela amadoda nabafazi bakaKrestu bathetha kwaye benza ngayo—ngakumbi xa bephantsi komlilo.

Ngoku, andithethi “ngoxolo nangaliphi na ixabiso.”18 Ndithetha ngokuphatha abanye ngeendlela ezihambelanayo nokugcina umnqophiso owenzayo xa uthatha umthendeleko. Unqophisa usoloko umkhumbula uMsindisi. Kwiimeko ezinobushushu kakhulu kwaye zizaliswe yimbambano, ndiyakumema ukuba ukhumbule uYesu Krestu. Thandaza ukuba ube nesibindi nobulumko bokuthetha okanye wenze into Yena ebenokuyenza. Njengoko silandela iNkosana yoXolo, siya kuba ngabaxolisi baKhe.

Kweli nqanaba usenokuba ucinga ukuba lo myalezo unokunceda umntu omaziyo ngokwenene. Mhlawumbi unethemba lokuba oko kuya kumnceda akuphathe kakuhle. Ndiyathemba ukuba kuyakuba njalo! Kodwa ndiyathemba ukuba uya kujonga nzulu entliziyweni yakho ukuze ubone ukuba akhona na amaqhekeza ekratshi okanye umona okuthintelayo wena ekubeni ubengumxolisi.19

Ukuba uzimisele ngokunceda abanye ngokuqokelela uSirayeli nokwakha ubudlelwane obuya kuhlala ngonaphakade, ngoku lixesha lokubeka ecaleni ubukrakra. Ngoku lixesha lokuba uyeke ukunyanzelisa ukuba yindlela yakho okanye akho ndlela. Ngoku lixesha lokuba uyeke ukwenza izinto ezenza abanye bahambe phezu kwamaqokobhe amaqanda besoyika ukukucaphukisa. Ngoku lixesha lokungcwaba izixhobo zakho zemfazwe.20 Ukuba indlu yakho yomlomo igcwele izithuko nezityholo, ngoku lixesha lokuzibeka kude.21 Niyakusuka njengendoda okanye umfazi kaKrestu owomeleleyo ngokomoya.

Itempile ingasinceda kugqatso lwethu. Apho sizekwe ngamandla kaThixo, esinika amandla okoyisa uSathane, umphembeleli wazo yonke imbambano.22 Mkhupheni ngaphandle kobudlelwane benu! Qaphela ukuba sikwakhalimela umchasi rhoqo xa siphilisa ukungaqondi okanye ukwala ukukhubeka. Kunoko, sinokubonisa inceba yothando eluphawu lwabafundi bokwenene bakaYesu Krestu. Abaxolisi bayamthintela umchasi.

Masibe njengabantu sisikhanyiso sokwenene entabeni—ukukhanya “okungenakufihlwa.”23 Masibonise ukuba kukho indlela enoxolo, enentlonipho yokusombulula imiba entsonkothileyo nendlela ekhanyiselweyo yokusombulula ukungavisisani. Njengokuba ubonisa uthando lwenene olubonakaliswa ngabalandeli bokwenyani bakaYesu Krestu, iNkosi iya kuzikhulisa iinzame zakho nangaphaya kombono wakho ophezulu.

Umfanekiso
intombazana ibukele inkomfa

Uruguay

Ivangeli ngumnatha owona mnatha omkhulu ehlabathini. UThixo umeme bonke ukuba beze kuYe, “omnyama nomhlophe, umthinjwa kwanokhululekileyo, indoda nomfazi.”24 Kukho indawo yomntu wonke. Nangona kunjalo, akukho ndawo yocalucalulo, ukugweba, okanye imbambano yalo naluphi na uhlobo.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, okona kulungileyo kuseza kwabo bachitha ubomi babo besakha abanye. Namhlanje ndinimema ukuba niphonononge ubufundi benu ngaphakathi kwemeko yendlela enibapatha ngayo abanye. Ndiyanisikelela ukuba nenze naluphi na uhlengahlengiso olunokuba yimfuneko ukuze ukuziphatha kwenu kwenze iqhawe, imbeko, nokumela umlandeli wokwenene kaYesu Krestu.

Ndiyanisikelela ukuba nisuse ukulwa ngokubongoza, ubutshaba ngokuqonda, nembambano ngoxolo.

UThixo uyaphila! UYesu unguKrestu. Yena uma kwintloko yeli Bandla. Thina sizizicaka zaKhe. Yena uya kusinceda sibe ngabaxolisi baKhe. Ndiyangqina ngokunjalo egameni elingcwele likaYesu Krestu, amen.