2023
Iimfundiso zikaYesu Krestu
Canzibe 2023


UMyalezo weNyanga weLiyahona Canzibe 2023

Iimfundiso zikaYesu Krestu

Izicatshulwa

Umfanekiso
iphepha lodonga

Njengoko umprofeti uNifayi wasifundisayo, kufuneka “sizondle ngamazwi kaKrestu; kuba qaphelani, amazwi kaKrestu aya kunixelela zonke izinto enimele ukuzenza.”1 … Umyalezo wam namhlanje uqaluthe amagama akhethiweyo oMsindisi wethu—oko Yena wakuthethayo. …

“[Umthetho omkhulu emthethweni ngulo:] Uyakuthi uthande iNkosi uThixo ngentliziyo yakho yonke, kwaye ngawo wonke umphefumlo wakho, kwaye ngayo yonke ingqondo yakho.

“Lo ngowokuqala kwanowona umkhulu umyalelo.

“Futhi owesibini uyafana nawo, Uyakumthanda umelwane wakho njengoba uzithanda.

“Kule miyalelo mibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.”2 …

“Inene, inene, ndithi kuni, kufuneka nilinde kwaye nithandaze rhoqo, hleze nihendwe ngumtyholi, kwaye nikhokelelwe kude ebukhobokeni nguye.”3 …

“Ke ngoko, nantoni na eniya kuyenza, niya kuyenza egameni lam; ke ngoko niya kulibiza ibandla egameni lam.”4 …

“Ngoku lo ngumyalelo: Guqukani, nonke nina ziphelo zomhlaba, kwaye nize kum kwaye nibhaptizwe egameni lam, ukuze nibe nokungcwaliswa ngolwamkelo loMoya oyiNgcwele, ukuze nibe nokuma ningenachaphaza phambi kwam ngomhla wokugqibela.”5 …

Siyakholelwa kuKrestu. Ndiqukumbela ngento ayithethileyo malunga nokuba masizazi kwaye sizilandele njani iimfundiso zaKhe:

“Ke uMthuthuzeli, onguMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto, endizithetha kuni.”6