“Ukukhathalela Abo Basweleyo,” Liayhona, EyoMsintsi 2023.
UMyalezo weNyanga weLiyahona, EyoMsintsi 2023
Ukukhathalela Abo Basweleyo
Njengamalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, silandela imfundiso yeNkosi yokukhathalela abo basweleyo. Sibakhathalela abanye ngokubakhonza, sibancede bakwazi ukuzimela, nokwabelana ngezinto esinazo.
Umzekelo kaYesu Krestu
UYesu Krestu wabathanda, wabathuthuzela, kwaye wabathandazela abo babemngqongile. Yena “wayehamba esenza okulungileyo” (Izenzo 10:38 Singalandela umzekelo waKhe ngokuthanda, ukuthuthuzela, ukukhonza, nokuthandazela abo basingqongileyo. Sinokuhlala sikhangela iindlela zokunceda abanye.
Ukulungiselela
Igama ukulungiselela lisetyenziswa kwizibhalo nakwiBandla leNkosi ukuchaza indlela esikhathalelana ngayo. Abaphathi bobubingeleli babelwa njengabazalwana abalungiselelayo kumntu ngamnye okanye usapho ewadini okanye kwisebe. Oodade abalungiselelayo babelwa umfazi ngamnye omdala. Abazalwana noodade abalungiselelayo baqinisekisa ukuba onke amalungu eBandla ayakhunjulwa kwaye akhathalelwe.
Ukunceda Abanye Baxhomekeke kubo
Sinokunceda amalungu osapho nabahlobo ukuba bakwazi ukuxhomekeka kubo ngokubakhuthaza ukuba bafumane izisombululo zexesha elide kwiingxaki zabo. Sinokubaxhasa ke njengoko besebenzela usukelo lwabo. Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokuxhomekeka kuwe kweyeThupha 2023 Liyahona Gospel Basics article.
Ukukhonza Abanye
Zininzi iindlela esinokukhonza ngazo abo basingqungileyo kwaye sincede sihlangabezane neemfuno zabo zexeshana, zomoya, nezeemvakalelo. Ukufunda ngabanye kunokusinceda sazi indlela esinokubakhonza ngayo ngcono. Sinokuthandazela kananjalo isikhokelo sokwazi oko sinokukwenza ukunceda.
Ukwabelana Ngoko Thina Sinako
Sinako ukukhonza abanye ngokwabelana ngoko uThixo asisikelele ngako Ngokomzekelo, sinokunikela ngesisa ngeminikelo yokuzila ukutya okanye sinikele kwiNgxowa-mali yoNcedo loLuntu yeBandla. Singakwazi kananjalo ukukhonza kwindawo esihlala kuzo nakubizo lwethu lweBandla.
Imisebenzi yeeNkokeli zeBandla
Ubhishophu wongamela ukukhathalela abo basweleyo kwiwadi yakhe. Yena unokusebenzisa imali evela kwiminikelo yokuzila ukunceda amalungu aneemfuno. Ezinye iinkokeli, kuquka abacebisi bakhe nabongameli boMbutho waManina nabamaqumrhu abadala, banceda amalungu ukuba afumane izixhobo abonokuzisebenzisa ukuhlangabezana neemfuno zabo.
Iinzame zeBandla Zokuzondelela Amalungelo Abantu
IBandla linceda abantu kwihlabathi lonke ngeempendulo zikaxakeka, iiprojekthi zoluntu, nezinye iinkqubo ezifana namanzi acocekileyo nogonyo. Ukufunda ngakumbi, bona uDallin H. Oaks “UkuNceda amaHlwempu,” Liyahona, EyeNkanga. 2022, 6–8.
© 2023 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Liahona Message, July 2023. Language. 190457 000