2023
Ukukhathalela Abo Basweleyo
EyoMsintsi 2023


“Ukukhathalela Abo Basweleyo,” Liayhona, EyoMsintsi 2023.

UMyalezo weNyanga weLiyahona, EyoMsintsi 2023

Ukukhathalela Abo Basweleyo

Umfanekiso
UYesu Krestu ephilisa abantu

Yena Waphilisa Uninzi Lwezifo Ezahlukahlukeneyo, nguJ. Kirk Richards, ayinakukotshwa

Njengamalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, silandela imfundiso yeNkosi yokukhathalela abo basweleyo. Sibakhathalela abanye ngokubakhonza, sibancede bakwazi ukuzimela, nokwabelana ngezinto esinazo.

Umzekelo kaYesu Krestu

UYesu Krestu wabathanda, wabathuthuzela, kwaye wabathandazela abo babemngqongile. Yena “wayehamba esenza okulungileyo” (Izenzo 10:38 Singalandela umzekelo waKhe ngokuthanda, ukuthuthuzela, ukukhonza, nokuthandazela abo basingqongileyo. Sinokuhlala sikhangela iindlela zokunceda abanye.

Umfanekiso
abantu ababini behamba

Ukulungiselela

Igama ukulungiselela lisetyenziswa kwizibhalo nakwiBandla leNkosi ukuchaza indlela esikhathalelana ngayo. Abaphathi bobubingeleli babelwa njengabazalwana abalungiselelayo kumntu ngamnye okanye usapho ewadini okanye kwisebe. Oodade abalungiselelayo babelwa umfazi ngamnye omdala. Abazalwana noodade abalungiselelayo baqinisekisa ukuba onke amalungu eBandla ayakhunjulwa kwaye akhathalelwe.

Umfanekiso
abantu betyala izithole

Ukunceda Abanye Baxhomekeke kubo

Sinokunceda amalungu osapho nabahlobo ukuba bakwazi ukuxhomekeka kubo ngokubakhuthaza ukuba bafumane izisombululo zexesha elide kwiingxaki zabo. Sinokubaxhasa ke njengoko besebenzela usukelo lwabo. Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokuxhomekeka kuwe kweyeThupha 2023 Liyahona Gospel Basics article.

Ukukhonza Abanye

Zininzi iindlela esinokukhonza ngazo abo basingqungileyo kwaye sincede sihlangabezane neemfuno zabo zexeshana, zomoya, nezeemvakalelo. Ukufunda ngabanye kunokusinceda sazi indlela esinokubakhonza ngayo ngcono. Sinokuthandazela kananjalo isikhokelo sokwazi oko sinokukwenza ukunceda.

Umfanekiso
abantu beqokelela iziqhamo

Ukwabelana Ngoko Thina Sinako

Sinako ukukhonza abanye ngokwabelana ngoko uThixo asisikelele ngako Ngokomzekelo, sinokunikela ngesisa ngeminikelo yokuzila ukutya okanye sinikele kwiNgxowa-mali yoNcedo loLuntu yeBandla. Singakwazi kananjalo ukukhonza kwindawo esihlala kuzo nakubizo lwethu lweBandla.

Imisebenzi yeeNkokeli zeBandla

Ubhishophu wongamela ukukhathalela abo basweleyo kwiwadi yakhe. Yena unokusebenzisa imali evela kwiminikelo yokuzila ukunceda amalungu aneemfuno. Ezinye iinkokeli, kuquka abacebisi bakhe nabongameli boMbutho waManina nabamaqumrhu abadala, banceda amalungu ukuba afumane izixhobo abonokuzisebenzisa ukuhlangabezana neemfuno zabo.

Iinzame zeBandla Zokuzondelela Amalungelo Abantu

IBandla linceda abantu kwihlabathi lonke ngeempendulo zikaxakeka, iiprojekthi zoluntu, nezinye iinkqubo ezifana namanzi acocekileyo nogonyo. Ukufunda ngakumbi, bona uDallin H. Oaks “UkuNceda amaHlwempu,” Liyahona, EyeNkanga. 2022, 6–8.