2023
Ngoku uKrestu Uvukile
EyoMsintsi 2023


“Ngoku uKrestu uvukile” Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha, EyoMsintsi 2023

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMsintsi 2023

Ngoku uKrestu Uvukile

Funda oko umPostile uPawulos wakufundisayo ngovuko lukaYesu Krestu.

Umfanekiso
UYesu Krestu ovusiweyo

UKrestu Ovusiweyo, nguWilson J. Ong

yintlahlela yabalele ukufa

UYesu Krestu wafa emnqamlezweni, wabekwa engcwabeni, wavuka kwabafileyo ngosuku lwesithathu.

intlahlela yabalele ukufa

Igama lesiGrike elisetyenziswe apha intlahlela lithetha isivuno sokuqala sonyaka. Yeyokuqala ukuvunwa—eyokuqala yokungakumbi okuzayo.

Ibinzana yabalele ukufa lithetha “abo bafayo.”

UYesu Krestu wayengowokuqala ukuvuswa, kwaye emva koVuko lwaKhe, bonke abantu baya kuvuswa.

ngomntu kweza ukufa

Oku kuthetha ngo-Adam. Ukuwa kwakhe kwakuthetha ukuba bonke abantu ababeza kuza ehlabathini babeza kufa. (Bona Moses 4.)

kuKrestu bonke baya kwenziwa baphile

Ngenxa yoVuko lukaYesu Krestu, abantu bonke bayakuvuswa. Oko kuthetha ukuba wonk’ ubani owakhe waphila okanye oya kuze aphile uyakuvuswa. Imimoya yethu iyakuhlangana kwakhona nemizimba yethu, kwaye imizimba yethu iyakufezeka kwaye ingabi nakufa. (Bona Alma 11:43–45.)