Liyahona
NdinguMfundi kaYesu Krestu
EyoMqungu 2024


“NdinguMfundi ka Yesu Krestu,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMqungu 2024.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMqungu 2024

Ndingu Mfundi ka Yesu Krestu

Ungalandela uMsindisi kwaye usasaze ilizwi laKhe kwabanye.

Umfanekiso
Ilogo yoMxholo woLutsha 2024

Ngaba wakhe wazibuza ukuba kwakutheni, emva kokuphilisa abantu, uYesu axelele abanye babo ukuba bangaxeleli mntu (bona UMarko 7:36)? Esinye isizathu sisenokuba sinento yokwenza nohlobo lwabalandeli Yena awayebafuna. Usenokucinga ukuba abantu babethetha ngokuphiliswa kwabo ibiya kuba yindlela elungileyo yokuba uYesu atsale abalandeli. Nangona kunjalo, uYesu wayengadingi balandeli nje kuphela. Yena wayefuna abafundi.

UYesu wathi kuPetros no-Andreya, “Ndilandeleni” (UMateyu 4:19). Inguqulelo kaJoseph Smith yale vesi ifundeka ngolu hlobo, “Ndingulowo kubhalwe ngaye ngabaprofeti; ndilandeleni.”). Isimemo yayingekuko ukuhlala naYe ixeshana. Wayefuna bona ukuba babe ngabafundi baKhe ngonaphakade.

Wayengafuni nje ukuba babukele Yena efundisa abantu, ebathanda abantu, kwaye esenza imimangaliso. Wayefuna ukuba benze okufanayo. Wayefuna umsebenzi waKhe ube ngumsebenzi wabo. Ukukhetha uKrestu kwakuthetha ukuba baya kufunda ukukhonza njengoko wayekhonza kwaye bacinge njengoko Yena wayecinga. Babeza kuziqhelisa ukuphila ngendlela awayephila ngayo, kwaye Yena wayeya kubafundisa aze abanike uncedo ababeludinga ukuze babe njengaYe ngakumbi.

Umfanekiso
UYesu Krestu

Igama lesiGrike elithi umfundi ngu mathetes. Lithetha ngaphezu komlandeli okanye umfundi. Lidla ngokuguqulelwa ngokuthi ngumfundi okanye umqeqeshwa. Ngomhla kaKrestu, kwakuqhelekile ukuba abafundi bakhethe inkosi ababe nokufunda kuyo ngeliso lokuba babe ziinkosi ngokwabo. UKrestu akazange alandele inkqubo eqhelekileyo. Wayijika waza wafuna abafundi baKhe endaweni yoko. Namhlanje, uKrestu uyasibiza thina ukuba size kuYe. Usibiza ukuba sibe ngabafundi baKhe kwaye sibhengeze ilizwi laKhe phakathi kwabantu baKhe ukuze babe nobomi obungunaphakade (bona 3 Nifayi 5:13).

Enye intombazana encinane yaseHaiti kwiCaribbean wabonisa umnqweno wayo wokuba ngumfundi kaKrestu ngokumema umhlobo wayo owayengelolungu leCawa ukuba eze naye kwinkomfa yeFSY. Ekuqaleni uyise womhlobo wakhe akazange afune ukunika intombi yakhe imvume yokuba ihambe. Iinkokeli zeBandla zachaza ngamava akhuthazayo awayemlindele nabacebisi abamangalisayo babadala abaselula ababezakube bemjongile. Uyise wayinika imvume yokuba intombi yakhe ibekho, yaye emva kokubona umahluko eyanzeka ebomini bayo, wayinika kananjalo nemvume yokuya kwiintlanganiso zeBandla yaye—kwiinyanga ezintandathu kamva—ibhaptizwe.

Omnye umfana wase-Argentina kuMzantsi Melika wabonisa umnqweno wakhe wokuba ngumfundi kaKrestu ngokupha umhlobo wakhe ilekese yakhe njengoko babekhwele ibhasi besiya esikolweni. Wathi akufika kwindawo enencasa yekofu, wachaza ukuba akazange abe nongcamlo lwaloo ncasa kuba kwakungekho mntu usela ikofu kusapho lwakhe. Oko kwakhokelela kwincoko ngeCawa, eyakhokelela kwisimemo sokuza kwiintlanganiso, eyathi ekugqibeleni yakhokelela ekubeni umhlobo wakhe azibandakanye neCawa kwaye asebenze ebufundisini eChile.

Ayinguye wonke umntu othetha naye ngeCawa okanye ommemayo kumsebenzi weCawe ozakufuna ukubayinxalenye. Kulungile. Ayinguye wonke umntu owathi uKrestu wathetha naye ngexesha lobulungiseleli bakhe basemhlabeni wabayinxalenye. Nangoku, njengokuba sikhetha ukuba ngabafundi bakaYesu Krestu kwaye sibhengeza ilizwi laKhe, Yena uyakusinika isibindi noncedo lobuthixo. Siyakufunda ukuba singafana njani naYe ngakumbi, kwaye yiloo nto eyenziwa ngabafundi.