Liyahona
UkuKhanya Kwethu eNtlango
EyoMqungu 2024


“UkuKhanya Kwethu eNtlango,” Liyahona, EyoMqungu. 2024.

UMyalezo weNyanga Liyahona, EyoMqungu 2024.

UkuKhanya Kwethu eNtlango

Abo bafunda iNcwadi kaMormoni ngokunyanisekileyo, baphila ngemithetho yayo, kwaye bathandaze malunga nobunyani bayo baya kuva uMoya oyiNgcwele kwaye bakhulise ukholo lwabo, nobungqina boMsindisi.

Umfanekiso
umntakwabo Yerede namatye abengezelayo

Umfanekiso womntakwabo Yerede namatye abengezelayo nguNormandy Poulter

Ndiseyinkwenkwe encinci, bendinobungqina beNcwadi kaMormoni. Ndaziva nditsaleleka ngakumbi kwibali lomntakwabo Yerede nabantu bakhe kuhambo lwabo oluya “kwilizwe lesithembiso” (Etere 2:9).

Xa ejongene nembonakalo yokuhamba ngezikhephe ezingakhanyiswanga, umntakwabo Yerede wabuza, “Khangela, Owu Nkosi, ingaba uya kusiyekela na ukuba siwawele la manzi maninzi ebumnyameni?” Iphendula iNkosi yathi, “yintoni na onqwenela ukuba mandiyenze ukuze nibe nokufumana ukukhanya kuzo izikhephe zenu?” (Etere 2:22,23).

Umntakwabo Yerede wayesazi ukuba iNkosi yayinamandla onke. Wayesazi ukuba iNkosi ingumthombo wako konke ukukhanya. Wayesazi ukuba iNkosi yayiyalele abantu bayo ukuba babize Yona ngexesha lentswelo. Ke, ebonakalisa ukholo eNkosini, umntakwabo Yerede walungisa amatye amancinane ali-16. Uyakhumbula ukuba emva koko wacela iNkosi ukuba ichukumise amatye ngomnwe waYo, “ukuze abe nokukhanya ebumnyameni” (Etere 3:4).

Umfanekiso weNkosi ichukumisa loo matye uye [wabethelwa] wacaca gca engqondweni yam ukususela oko ndandiqala ukufunda elo bali. Lo mbono ndiwubona ngokungathi wawusenzeka phambi kwamehlo am. Mhlawumbi kungenxa yokuba umfanekiso wobumnyama ochithwa kukukhanya uyinyani kum.

Xa ndingawuva uMoya oyiNgcwele, xa ndingenalunxibelelwano noMoya weNkosi, ndiva ubumnyama. Kodwa xa ndifunda iNcwadi kaMormoni, ukukhanya kuyabuya. Incwadi kaMormoni kum ibe njengelitye elikhanyayo elichukunyiswe yiNkosi. Ilukhanyisile uhambo lwam ebomini.

UkuKhanya Ngonaphakade

Njengabo baziswa sisandla seNkosi kwi-Amerika yamandulo, sonke sijongana nezaqhwithi neentsuku ezimnyama ngexesha lohambo lwethu oluya kwilizwe ledinga lokuphakanyiswa. Kodwa iNkosi iya kusenzela oko yakwenzela amaYeredayithi namaNifayithi. Uya kusikhokela aze akhanyise indlela yethu—ukuba siyamthobela Yena, sisebenzisa ukholo kuYe, kwaye sibongoza uncedo lwaKhe.

INkosi yaxelela uNifayi, “kwananjalo ndiya kuba kukukhanya kwakho entlango; kwaye ndiya kuyilungisa indlela phambi kwenu, ukuba nithe nayigcina imiyalelo yam; ngako oko, kangangokuba niya kuyigcina imiyalelo yam niya kukhokelelwa ngakulo ilizwe lesithembiso; kwaye niya kuyazi ukuba nikhokelwe ndim” (1 Nifayi 17:13).

INkosi yaxelela umntakwabo Nifayi uYakobi, “Ndiya kuba kukukhanya kubo ngonaphakade, abathi baweve amazwi am” (2 Nifayi 10:14).

NgoMsindisi, umprofeti u-Abhinadayi wangqina, “Ukukukhanya nobomi behlabathi; ewe, ukukhanya okungenasiphelo, okungasoze kube mnyama” (uMozaya 16:9).

NgaYe, uMsindisi wangqina, “Ndikukukhanya nobomi behlabathi.” Wongeza, “Qaphela, ndikukukhanya; Ndinibekele umzekelo” (3 Nifayi 9:18; 18:16).

Umfanekiso
UMongameli Russell M. Nelson ehamba

Ukuva ukuKhanya

Ndiyamthanda umprofeti wethu, uMongameli Russell M. Nelson. Ndinentsikelelo yokukhonza ecaleni kwakhe. Xa engena egumbini, elo gumbi ngokukhawuleza livaka liqaqambile. Uphethe ukuKhanya kukaKrestu naye.

UkuKhanya kukaKrestu kuyinyani. Ku “Ngamandla kaThixo, amandla, okanye impembelelo ephuma kuThixo ngoKrestu ize inike ubomi nokukhanya kuzo zonke izinto.” Kusisipho somoya esixabisekileyo esinokukhokelela abantwana bakaThixo kuMoya oyiNgcwele nakwivangeli kaYesu Krestu.1 Ukufunda iNcwadi kaMormoni komeleza oko kuKhanya.

Ngamanye amaxesha kufuneka sijonge emva ebomini bethu ukuze sikhumbule indlela esiye sancedwa ngayo kuhambo lwethu. Xa sijonga ngasemva, singayiva impembelelo yoMsindisi kwakhona. Xa izibhalo zisithi, “Khumbula, khumbula” (Hilamani 5:12), ndicinga ukuba zisixelela thina, “Sukukhumbula nje into owawuyazi okanye wayivayo; kunoko, yiva oko kukhanya kwakhona.”

Kwaba mbalwa, ukuva ukukhanya komoya kuza ngokulula. Kwabanye, kusenokuba nzima ukuva ukukhanya komoya ngenxa yeengxaki zobuqu okanye iziphazamiso zehlabathi. Kodwa ukuba sithembekile, ukukhanya kuya kuza—ngamanye amaxesha ngendlela ebesingayilindelanga.

UMongameli Nelson, othe wasicebisa ukuba “siyifunde ngomthandazo iNcwadi kaMormoni yonke imihla,”2 wabelane ngeendlela ezininzi iNcwadi kaMormoni enokuthi isisondeze kuMsindisi kwaye isincede ukuba sive ukukhanya kwevangeli, sibambe iinyaniso zevangeli, kwaye siphile iimfundiso zevangeli.

Njengokuba sifunda iNcwadi kaMormoni, uMongameli Nelson wathi, ukuqonda kwethu, nombulelo wethu, weNtlawulelo kaYesu Krestu uyakukhula.

Siyakuva umnqweno “wokuzalwa kwakhona” (Mozaya 27:25) njengoko incwadi isinceda sibe namava enguqu enzulu entliziyweni (bona Mozaya 5:2).

Njengokuba sifunda kwaye sifunda ngeemfundiso zeNcwadi kaMormoni malunga nokuhlanganiswa kukaSirayeli, siyakuva umnqweno okhulayo wokufuna abafileyo bethu kwaye senze imimiselo yosindiso nokuphakanyiswa kwabo etempileni.

Siyakuva ukukhanya xa sifumana iimpendulo kwimibuzo yethu, isikhokelo ekwenzeni izigqibo, namandla okuguquka kwaye nokumelana nobubi.

Kwaye njengokuba sifunda iinyaniso ezifumaneka kwiNcwadi kaMormoni, siyakuva ukuphiliswa, ukuthuthuzeleka, ubuyiselo, uncedo, amandla, intuthuzelo, nokonwaba emphefumlweni wethu.3

“Owu ke, ingaba oku akuyonto ikhoyo?” U-Alma wabuza malunga nokudumba, ukuntshula kwembewu yenyaniso, yolwazi, nobungqina. “Ndithi kuni, Ewe, kuba ikukukhanya; kwaye nantonina ekukukhanya, ilungile, kuba iyaqondakala, ke ngoko kufuneka nazi ukuba ilungile;” (Alma 32:35).

Umfanekiso
umfanekiso kaYesu Krestu

Christ’s Image [Umfanekiso kaKrestu], nguHeinrich Hofmann

Fumana uMsindisi ebuMnyameni

Xa umhlobo wam uKamryn wayeneminyaka eli-10 ubudala, wosulelwa sisifo samehlo esinqabileyo kodwa esisisigxina esasulela ukhozo lweliso lasekunene.4 Ngamaxesha, xa intlungu ehambelana nayo yaba yinto eqhubekayo kwaye inganyamezeleki, uKamryn wayengekwazi ukunyamezela nakuphi na ukukhanya. Abazali bakhe, benexhala lokuba usenokuba yimfama, babezenza mnyama iifestile zegumbi lakhe lokulala ukuze bazame ukumgcina ekhululekile. Umama kaKamryn, uJanna, ekhumbula:

“Malunga neenyanga ezine emva kokuxilongwa kwakhe, ndaya kwigumbi lakhe elimnyama. Akuba amehlo am elungisiwe, ndabona uKamryn eziqothile okwemveku esibelekweni kwibhedi yakhe. Wayesentlungwini engathethekiyo kangangokuba akazange ashukume okanye alile xa endiva ndingena. Uvele wangqengqa pha amehlo omabini edumbile evalekile.

“Ndaguqa ecaleni kwebhedi yakhe, ndafaka isandla sakhe kwesam, ndaza ndasikhama izihlandlo ezithathu—ulwimilwethu oluyimfihlo oluthi ‘Ndiyakuthanda.’ Ngokuqhelekileyo wayebuyela ngokukhama esam isandla izihlandlo ezine esithi ‘Ndikuthanda ngakumbi,’ kodwa akazange aphendule. Wayekwintlungu enkulu kakhulu. Iinyembezi zisihla ezidleleni zam, ndajonga umntwana wam owayeneminyaka eyi-10 owayekade edlamkile eshwabene eyibhola. Intliziyo yam yadandatheka.”

UJanna wenza umthandazo ngaphakathi, osuka entliziyweni.

“Ndaxelela uBawo oseZulwini ukuba ndandisazi ukuba Yena wazi ngcono, kodwa ndathandaza, ‘Nceda umncede.’ Njengokuba ndandihleli apho ndithandaza, ndafikelwa ngumsinga wemfudumalo. Ndaziva ndizolile njengoko ingcinga ngoMsindisi uYesu Krestu yathi qatha engqondweni yam: ‘Ukukukhanya. Mfumane Yena ebumnyameni.’”

UJanna waphakamisa intloko yakhe waza wasebezela endlebeni kaKamryn: “Kufuneka ufumane uMsindisi ebumnyameni.”

Emva koko, uKamryn wabiwa bubuthongo ephulaphule amaculo nezibhalo kusetyenziso lweThala leeNcwadi zeCawa.

Umfanekiso
intombazana enxibe isiziba samehlo

Xa usulelo lwakhe lwamehlo luvutha, uKamryn ufumana uMsindisi ebumnyameni.

Ifoto ngoncedo losapho lukaKamryn

Isifo siKamryn siba nesiqabu ixesha elininzi, kodwa xa ebandezeleka kukuvutha, uJanna nomyeni wakhe, uDarrin, bayamthuthuzela baze baphinde babeke iingubo phezu kweefestile zegumbi lakhe lokulala. Ngethuba lalo maxesha abuhlungu, uKamryn uthi, “Ndifumana nje uMsindisi ebumnyameni.”5

Xa ubomi bubonakala “njengentlango eyoyikekayo” (1 Nifayi 8:4), nathi kananjalo sinokufuna ukufumana uMsindisi ebumnyameni. Ndiyangqina ukuba iNcwadi kaMormoni, nobungqina bayo “bokuba uYesu unguKrestu, uThixo onguNaphakade,”6 buyakusikhokelela kuYe. Ndiyazi ukuba abo bafunda iNcwadi kaMormoni ngokunyanisekileyo, baphile ngemithetho yayo, kwaye bathandaze malunga nenyaniso yayo baya kuva uMoya oyiNgcwele kwaye bakhulise ukholo lwabo, nobungqina boMsindisi.

Inga singabonakalisa umbulelo ngale ncwadi “eyeyona ichanile”7 ngokuyifunda, ukuyixabisa, nangokuyisebenzisa ukuze someleze ukholo lwethu nokholo lwabanye ekuKhanyeni kweHlabathi.

Amanqaku

  1. See Topics and Questions, “Light of Christ,” topics.ChurchofJesusChrist.org.

  2. Russell M. Nelson, “The Book of Mormon: What Would Your Life Be Like without It?,” Liahona, Nov. 2017, 62.

  3. See Russell M. Nelson, “The Book of Mormon: What Would Your Life Be Like without It?,” 62, 63.

  4. Herpes simplex virus keratitis.

  5. Ndiyambulela uJanna Cannon nentombi yakhe uKamryn ngokwabelana ngebali labo.

  6. Iphepha lesihloko seNcwadi kaMormoni.

  7. Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith 2007), 64.