Yizani, Nindilandele 2024
EyoMdumba 5–11: “Bakhululekile ukuKhetha Inkululeko noBomi Obungunaphakade ngoMthetheleli Omkhulu.” 2 Nifayi 1–2


“EyoMdumba 5–11: ‘Bakhululekile ukuKhetha Inkululeko noBomi Obungunaphakade ngoMthetheleli Omkhulu.’ 2 Nifayi 1–2,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoMdumba 5–11. 2 Nifayi 1–2,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
U‑Adam no‑Eva beshiya uMyezo wase‑Eden

Adam and Eve [U‑Adam no-Eva], nguDouglas M. Fryer

EyoMdumba 5–11: “Bakhululekile ukuKhetha Inkululeko noBomi Obungunaphakade ngoMthetheleli Omkhulu”

2 Nifayi 1–2

Ukuba ubusazi ukuba ubomi bakho bufikelela esiphelweni, yeyiphi imiyalezo obungathanda ukwabelana ngayo nabo obathanda ngakumbi? Xa umprofeti uLihayi wayeziva esondela esiphelweni sobomi bakhe, wahlanganisa usapho lwakhe kunye okokugqibela. Yena wabelana nabo ngoko uThixo wayekutyhilile kuye. Wanika ubungqina bakhe ngoMesiya. Wafundisa iinyaniso zevangeli awayezixabisile kubantu awayebaxabisile. Wathetha ngenkululeko, intobeko, uKuwa kuka-Adam no-Eva, nenkululeko engoYesu Krestu, kunye novuyo. Ayingabo bonke abantwana bakhe abakhetha ukuphila ngemfundiso yakhe—akukho namnye kuthi onokwenzela abo sibathandayo ukhetho olunjalo. Kodwa singafundisa kwaye singangqina ngoMthetheleli, osenza “sikhululeke ukukhetha inkululeko nobomi obungunaphakade” (2 Nifayi 2:26–27).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

2 Nifayi 1:13–29

Ndinga “vuka! kwaye ndiphakame eluthulini.”

Ku 2 Nifayi 1:13–29, qaphela amagama uLihaya awawasebenzisayo ukuchaza imeko yasemoyeni kaLeymeni noLamuweli. Yintoni ekuncedayo ukuba uvuke “kubuthongo obunzulu” bokomoya? Yintoni ekuncedayo ukuba uvuthulule “amatyathanga” okomoya ebomini bakho? Cinga ngobungqina bukaLihayi ku mqolo 15 nesimemo sakhe ku mqolo 23. Ngowuphi umyalezo uBawo oseZulwini anawo ngawe kule miqolo?

Sebenzisa okubonwayo. Ukusebenzisa imifanekiso kuya kunceda abafundi baqonde iinyaniso zevangeli kwaye bazikhumbule ixesha elide. Njengoko ulungiselela ukufundisa kolu lwandlalo, cinga ngemifanekiso onokuyisebenzisa. Ngokomzekelo, mhlawumbi ikhonkco lephepha linokunceda abafundi baqonde amazwi kaLihayi ku 2 Nifayi 1:13 okanye 2 Nifayi 2:27.

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

2 Nifayi 2

Ngenxa kaYesu Krestu, “ndikhululekile ukukhetha inkululeko nobomi obungunaphakade.”

Usapho lukaLihayi ngoku lwalukwilizwe elitsha, eligcwele izinto ezintsha ezinokwenzeka. Ukhetho abalwenzileyo kule ndawo intsha lwaluza kubaluleka kwimpumelelo nolonwabo lwabo. Mhlawumbi kungenxa yoko le nto uLihayi wafundisa unyana wakhe uYakobi malunga negunya lokuzikhethela, okanye amandla okwenza ukhetho, ku 2 Nifayi 2. Njengoko ufunda imiqolo 11–30, bhala phantsi iimpendulo kule mibuzo:

  • Kutheni le nto igunya lokuzikhethela libaluleke kangaka kuBawo oseZulwini, nangona abanye abantu belisebenzisa ngeendlela ezibuhlungu?

  • Utshaba luzama njani ukwenza buthathaka okanye ukutshabalalisa igunya lakho lokuzikhethela?

  • Ingaba uMsindisi ukunceda kanjani ukuba “ukhethe inkululeko nobomi obungunaphakade” (umqolo 27)?

Nantsi enye indlela yokufunda malunga negunya lokuzikhethela ku 2 Nifayi 2: Khangela izinto ezibalulekileyo kuthi ukuze sibenokuzikhethela kwaye sikwazi ukufikelela kumandla ethu obuthixo. Ngokomzekelo:

Kungenzeka ntoni kwilungelo lethu lokuzikhethela ukuba into enye okanye ngaphezulu kwezi zinto bezingekho?

2 Nifayi 2:1–4, 6–25

UThixo unokuzijika izilingo zam zibe ziintsikelelo.

ULihayi wayesazi ukuba unyana wakhe omncinane uYakobi wahlupheka “ziimbandezelo,” kunye “nosizi olukhulu” ebuntwaneni bakhe (2 Nifayi 2:1). Kutheni ucinga ukuba ubungqina bukaLihayi ku 2 Nifayi 2:1–3, 6–25 ngebabunexabiso kuYakobi? Kutheni buxabisekile kuwe? Khangela amagama namabinzana owafumanisa ukuba anamandla ngakumbi. uThixo ungcwalise njani iimbandezelo zakho ukuba zibe yinzuzo kuwe? (Bona 2 Nifayi 2:2.)

Bona kananjalo KwabaseRoma 8:28.

2 Nifayi 2:15–29

UKuwa neNtlawulelo kaYesu Krestu ziindawo ezibalulekileyo zecebo likaBawo oseZulwini.

Abantu abaninzi bakholelwa ukuba uKuwa kwaba yintlekele kuphela kwaye ukuba u-Eva no-Adam benza impazamo esisigxina xa bakhetha ukutya isiqhamo. Ku 2 Nifayi 2:15–28, uLihayi ufundisa inyaniso eyongezelelweyo malunga noKuwa—kwayenangenkululeko ngoKrestu. Njengoko uphengulula le miqolo, yenza uluhlu lweenyaniso ngoko kwenzeka kuMyezo we-Eden. Imibuzo efana nale inganceda:

  • Kwakutheni ukuze uKuwa kube yimfuneko?

  • Yeyiphi indima eyadlalwa nguYesu Krestu ekoyiseni iziphumo zoKuwa?

  • Ukuqonda ngokuchanekileyo uKuwa kusinceda njani ukuba siqonde ngcono isidingo sethu sikaYesu Krestu?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Umfanekiso
UYesu Krestu

Let Not Your Heart Be Troubled [Iintliziyo Zenu Mazinga Khathazeki], nguHoward Lyon

Izimvo zokuFundisa Abantwana

2 Nifayi 1:13,15, 23

UYesu Krestu uyandinceda ukuba ndoyise iziphumo zesono.

  • Ukunceda abantwana bakho baqonde isimemo sikaLihayi “sokuvuthulula amatyathanga” esono, mhlawumbi ningasebenzisana kunye ukwenza ityathanga ngemicu yephepha. Kwimicu, abantwana bakho banokukunceda ukuba ubhale ezinye zezinto uSathana asihenda ukuba sizenze. Emva koko ningafunda kunye 2 Nifayi 1:13, 15, 23 njengoko belinganisa amanye amabinzana akule miqolo—kuquka ukuvuthulula ikhonkco lephepha. Isono sifana njani netyathanga? UYesu usinceda njani “siwavuthulule amatyathanga” esono?

2 Nifayi 1:20

Ndiyasikelelwa xa ndithobela imithetho kaThixo.

  • Kungabanceda abantwana bakho bathelekise imithetho kaThixo kwizihlangu, iminqwazi, isandla, iiglavu, okanye ezinye izinto ezisikhuselayo? Mhlawumbi unokubavumela balinganise ezimbalwa njengoko uthetha ngendlela esikhusela ngayo imithetho. Emva koko ungafunda 2 Nifayi 1:20, ugxininise ukuba “siyaphumelela” (sisikelelwe okanye sikhuselwe) njengokuba sigcina imithetho. Yabelana ngamava xa wawusikelelwe okanye ukhuselwe ngokulandela imithetho.

  • Ukubonisa umahluko phakathi kokuphumelela nokunqunyulwa kuThixo (bona 2 Nifayi 1:20), wena nabantwana bakho ningajonga kwisityalo esisempilweni negqabi okanye isebe elisikwe kwisityalo. Emva koko abantwana bakho banokuphonononga ukhetho awathi uNifayi nabantakwabo balwenza (bona 1 Nifayi 2:11–16.; 3:5–7; 18:9–11). Zaba yintoni iziphumo zolu khetho? Loluphi ukhetho olusinceda sihlale sisondele kuThixo?

2 Nifayi 2:11, 16, 27

UThixo undinike inkululeko yokuzikhethela.

  • Ukunceda abantwana bakho baqonde oko uLihayi wakufundisayo malunga nezichasi nokwenza ukhetho, ungadlala umdlalo apho uthetha khona igama (elifana nokukhanya) kwaye abantwana bakho batsho elichaseneyo (ubumnyama). Bancede bafunde ukuba kutheni izichasi ziyinxalenye yecebo likaThixo njengoko nifunda kunye 2 Nifayi 2:11,16. Emva koko ungabalisa amabali omntwana olingeka ukuba enze ukhetho olungalunganga. Abantwana bakho banokwabelana ngento echaseneyo nokhetho olungalunganga baze balinganise.

  • Ukufunda ngomahluko phakathi kwe “nkululeko” kunye “nokuthinjwa” (2 Nifayi 2:27), abantwana bakho banokuzoba imifanekiso yesilwanyana esisehokweni nesilwanyana esikwindawo yaso yendalo. Sesiphi isilwanyana esikhululekileyo? Mema abantwana bakhombe kumfanekiso ochanekileyo xa ufunda igama elithi “nkululeko” ku 2 Nifayi 2:27. Ngqina ukuba uYesu Krestu uyasikhulula.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
Usapho lukaLihayi luguqe ngamadolo elunxwemeni

Lehi and His People Arrive in the New World [uLihayi kunye naBantu Bakhe Bafika kwiLizwe eliTsha], nguClark Kelley Price