Yizani, Nindilandele 2024
EyoMqungu 29–EyoMdumba 4: “Ndiya Kuwulungisa uMendo Phambi Kwenu.” 1 Nifayi 16–22


EyoMqungu 29–EyoMdumba 4:‘ Ndiya Kuwulungisa uMendo Phambi Kwenu.’ 1 Nifayi 16–22,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoMqungu 29–EyoMdumba 4.1 Nifayi 16–22,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
Abantu behlola iLiyahona

EyoMqungu 29–EyoMdumba 4. “Ndiya Kuwulungisa uMendo Phambi Kwenu”

1 Nifayi 16–22

Njengoko usapho lukaLihayi lwalufudukela kwilizwe lesithembiso, iNkosi yenza esi sithembiso: “Ndiya kuwulungisa umendo phambi kwenu, ukuba nithe nayigcina imiyalelo yam” (1 Nifayi 17:13). Ngokucacileyo, eso sithembiso sasingathethi ukuba uhambo lwabo luyakuba lula—amalungu osapho ayesaphikisana, iintolo zophuka, abantu basokola basweleka, kwaye kwakusafuneka ukuba bakhe inqanawa ngezixhobo ekrwada. Nangona kunjalo, xa usapho lwalujongene nobunzima okanye imisebenzi eyayibonakala ingenakwenzeka, uNifayi waqaphela ukuba iNkosi yayingekho kude. Wayesazi ukuba uThixo “uyabondla [abathembekileyo], kwaye abomeleze, kwaye ababonelele ngendlela abanokuthi ngayo bayiphumeze into leyo abebayalele yona” (1 Nifayi 17: 3). Ukuba uyazibuza ukuba kutheni izinto ezimbi zisehlela abantu abalungileyo abafana noNifayi nosapho lwakhe, unokufumana iimbono kwezi zahluko. Kodwa mhlawumbi okubaluleke ngakumbi, uya kukubona oko kwenziwa ngabantu abalungileyo xa kusenzeka izinto ezimbi.

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

1 Nifayi 16–18

UMsindisi uyakundinceda ndijongane nemiceli mngeni yobomi.

Usapho lukaNifayi lwajongana nemiceli-mngeni enzima—njengathi sonke. Yintoni ongayifunda kuNifayi malunga nokujongana nobunzima ngokholo kuYesu Krestu? Funda ngamava akhe ku 1 Nifayi 16:17–32; 16:34–39; 17:7–16; 18:1–4; kunye 18:9–22. Cinga ngokubhala oko ukufumene phantsi kwezihloko ezifana nezi: “Umceli-mngeni,” “Indlela uNifayi awaphendula ngayo,” kunye “Nendlela iNkosi eyaNceda ngayo.” Yintoni oyifundayo onokuyisebenzisa kwimiceli-mngeni ojongana nayo?

Emva kokufunda kuNifayi nosapho lwakhe, usenokubhala iingcinga ezongezelelekileyo phantsi kwezi zihloko: “Imiceli-mngeni Yam,” “Ndiza kuPhendula Njani,” kunye “Nendlela iNkosi Enokundinceda Ngayo.” Njengoko usenjenjalo, unokubhekisela kwizibhalo ezifana nezi: Mateyu 11:28–30; Yohane 14:26–27; Mozaya 24:13–15.    

1 Nifayi 16:10–16, 23–3118:11–22

UThixo uyandikhokela ngeendlela ezincinane nezilula.

Xa uThixo wakhokelela usapho lukaLihayi entlango, Akazange alunike imaphu ebonisa zonke iinkcukacha zohambo. Kunoko, Yena wabanika iLiyahona yokubakhokela yonke imihla. Njengoko ufunda 1 Nifayi 16:10–16, 23–31kwaye 18:10–22, cinga ngokwenza uluhlu lweenyaniso ezibonisa iindlela uThixo akhokela ngayo abantwana baKhe (ngokomzekelo, 1 Nifayi 16:10 angakufundisa ukuba uThixo ngamanye amaxesha usikhokela ngeendlela ezingalindelekanga). Kokuphi ukufana okubonayo phakathi kweLiyahona noMoya oyiNgcwele? Ziziphi “iindledlana ezincinane” athe ngazo wazisa “izinto ezinkulu” ebomini bakho?

Bona kananjalo Alma 37:7, 38–47; IMfundiso neMinqophiso 64:33–34

Umfanekiso
ULihayi esebenzisa iLiyahona

If Ye Are Prepared Ye Shall Not Fear [Ukuba Nizilungiselele Anisayi Koyika], nguClark Kelley Price

1 Nifayi 17:1–6, 17–22

Izilingo zam zingaba yintsikelelo.

Nangona uNifayi nabantakwabo babenemiceli-mngeni efanayo entlango, amava abo ayohluke kakhulu. Ungathelekisa ingxelo kaNifayi yokuhamba entlango (bona 1 Nifayi 17:1–6) nengxelo yabantakwabo (bona 1 Nifayi 17:17–22). Yintoni awayeyazi uNifayi okanye awayenzayo eyamncedayo ukuba abe nembono ethembekileyo? Cinga ngokubhala malunga novavanyo lwamva nje okanye lwangoku ngokwembono yokholo nombulelo. Uvakalelwa okanye ufunda ntoni koku?

Ixesha lokucinga elizolileyo. Ukuthatha ixesha lokucinga, ukucingisisa, ukucinga, okanye ukubhala kunokukhokelela kwimpembelelo. Kungasinceda ukuba sibone ukuba imfundiso okanye imigaqo yevangeli inxulumana njani nobomi bethu. Xa ufundisa abanye, banike ixesha lokucinga nokubhala iimvakalelo zabo. Oku kananjalo kungandisa ukulungela kwabo ukwabelana nabanye ngeengcinga neemvakalelo zabo.

1 Nifayi 19:22–24; 20–22

Ndinga “sifanekisa sonke isibhalo” kunye nam.

Ngenxa yokuba izibhalo zabhalwa kudala kakhulu, kunokubonakala ngathi azifanelakanga kuthi namhlanje. Kodwa uNifayi wayesazi ngcono. “Ndazifanekisa zonke izibhalo kunye nathi,” yena watsho “ukuze zibe luncedo nemfundiso kuthi.” (1 Nifayi 19:23 Esi sesinye isizathu sokuba uNifayi wafumana amandla omoya amaninzi kwizibhalo.

Qwalasela imibuzo efana nale ilandelayo njengoko ufunda 1 Nephi 20–22:

1 Nifayi 20:1–9.Ifundisa ntoni le miqolo malunga nabantu ngexesha lika-Isaya? Yintoni oyifumanayo esebenzayo kuwe?

1 Nifayi 20:17–22Le miqolo ifundisa ntoni ngendlela uBawo oseZulwini awabakhokela ngayo abantu bexesha lika-Isaya? Ukumema njani Yena ukuba umlandele Yena?

Yintoni enye oyifumana ku 1 Nifayi 20–22 ongathi [“uyifanekise”] nawe?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

1 Nifayi 16:10, 28–29; 18:8–13, 20–22

Xa ndigcina imithetho, iNkosi iyandikhekela.

  • Ukuba unekhampasi, imephu, okanye enye into esinceda sifumane indlela yethu, unokuyibonisa kubantwana bakho. Le ingayindlela elungileyo yokuqalisa ingxoxo ngeLiyahona, onokufunda ngayo kuyo 1 Nifayi 16:10, 28–29. Zeziphi ezinye zezizathu zokuba ikhampasi okanye imephu ingasebenzi? Kwakutheni ukuze iLiyahona ngamanye amaxesha ingalusebenzeli usapho lukaLihayi? (bona 1 Nifayi 18:9–12, 20–22). Yintoni uBawo oseZulwini asinike yona namhlanje ukuba isikhokele ukuba sibuyele kuYe?

  • Ukunceda abantwana bakho basebenzise oko bakufundayo ngeLiyahona ku 1 Nifayi 16:10, 26–31; 18:8–22, unokubamema ukuba bacinge ngesigqibo esibalulekileyo okanye esinzima. Yintoni uThixo asinike yona ukusikhokela namhlanje esebenza njengeLiyahona? (Bona, ngokomzekelo, Alma 37:38–44.) Cinga ngokwabelana ngamava akho apho uBawo oseZulwini wakukhokelayo.

1 Nifayi 16:21–32

Ndingangumzekelo omhle kusapho lwam.

  • Njengoko ufunda 1 Nifayi 16:21–32 kunye, nceda abantwana bakho bafumanise ukuba umzekelo kaNifayi walusikelela njani usapho lwakhe. Oku kungakhokelela kwingxoxo malunga nokuba ukuxolela kungalusikelela njani usapho lwakho. Oku kunokukhokelela kwingxoxo malunga nokuba singafana njani noNifayi.

1 Nifayi 17:17–19; 18:18–4

UBawo oseZulwini angandinceda ukuba ndenze izinto ezinzima.

  • Abantwana bayakuthanda ukubalisa amabali. Ungabamema ukuba bakuncede ubalise ibali likaNifayi eyalelwa ukuba okhe inqanawe (bona 1 Nifayi 17:7–19; 18:1–4.   Yintoni eyanceda uNifayi ukuba abe nesibindi xa abantakwabo babemhleka ngokuzama ukwakha inqanawe?

  • UNifayi wayengazi ukuba yakhiwa njani na inqanawe, ngoko ke wayethembele kumyalelo ovela eNkosini. Emva kokufunda 1 Nifayi 18:1 nawe, abantwana bakho banokugqiba iphepha lomsebenzi wale veki. Njengoko besenza, thetha nabo ngendlela uBawo oseZulwini angasinceda ngayo ukuba senze izinto ezinzima, njengokuba Yena wanceda uNifayi.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UNifayi nosapho lwakhe enqanaweni

They Did Treat Me with Much Harshness [Bandiphatha ngoBungqwabalala oBuninzi], nguWalter Rane