Yizani, Nindilandele 2024
UTshazimpunzi 8–14: “INkosi Isebenza kunye Nathi” Yakobi 5–7


UTshazimpunzi 8–14: “INkosi Isebenza kunye Nathi” Yakobi 5–7,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

UTshazimpunzi 8–14: Yakobi 5–7,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
amadoda esebenza kwihlathi lemithi yomnquma

Umzekeliso woMthi woMnquma, nguBrad TeareBrad Teare

UTshazimpunzi 8–14: “INkosi Isebenza kunye Nathi”

Yakobi 5–7

Kukho abaninzi, abaninzi abantu abangekayiva ivangeli kaYesu Krestu. Ukuba ukhe uzive wonganyelwe bubukhulu bomsebenzi wokubahlanganisela eBandleni leNkosi, oko wakuthethayo uYakobi ngemithi yomnquma ku Yakobi 5 kunesikhumbuzo esiqinisekisayo: isidiliya seseNkosi. Yena unike umntu ngamnye wethu indawo encinci yokuncedisa emsebenzini waKhe—usapho lwethu, isangqa sabahlobo bethu, indawo yethu yempembelelo. Kwaye ngamanye amaxesha umntu wokuqala esincedisa ukumhlanganisa sithi. Kodwa asikho sodwa kulo msebenzi, kuba iNkosi yesidiliya isebenza ecaleni kwezicaka zaYo (bona Yakobi 5:72). UThixo uyabazi kwaye uyabathanda abantwana baKhe, kwaye uya kulungiselela indlela yokuba ngamnye wabo ayive ivangeli yaKhe, kwanabo bamalayo Yena kwixesha elidlulileyo (bona Yakobi 4:15–18). Kwaye emva koko, xa umsebenzi ugqityiwe, bonke abo “[bebe]nenkuthalo ekusebenzeni kunye [naYe] … baya kuba novuyo kunye [naYe] ngenxa yesiqhamo sesidiliya [saKhe]” (Yakobi 5:75).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Yakobi 5

UYesu Krestu yiNkosi yesidiliya.

UYakobi 5 libali elinentsingiselo yomfuziselo. Lichaza imithi neziqhamo nabasebenzi, kodwa eneneni limalunga nentsebenziswano kaThixo nabantu baKhe kwimbali yonke. Ngoko njengoko ufunda ibali elisisiseko, cinga malunga nokuba ezinye zezinto ezisebalini zinokufuzisela ntoni.

Ngokomzekelo, ukuba isidiliya simela ihlabathi, yaye umnquma ufuzisela uSirayeli (okanye abo benze iminqophiso noThixo; bona Yakobi 5:3), yintoni engamela umnquma wasendle? Singafundisa ntoni isiqhamo esilungileyo nesibi? Yeyiphi eminye imiqondiso oyibonayo?

Nangona uYakobi 5 efundisa ngezizwe neenkulungwane zembali yehlabathi, ikwamalunga nawe nobomi bakho. Yeyiphi imiyalezo ozifumanela yona ku Yakobi 5?

Mhlawumbi okona kubalulekileyo, Yakobi 5 ungoYesu Krestu. Khangela Yena njengoko ufunda. Ufunda ntoni ngaYe, ngokomzekelo, kwimiqolo 40– 41, 46–47?

Ngolwazi olongezelelweyo malunga Jacob 5, bona umzobo osekupheleni kolu lwandlalo.

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Yakobi 5:61–75

INkosi iyandimema ukuba ndisebenze kunye naYo esidiliyeni saYo.

“Ezinye izicaka” (Yakobi 5:70) ezabizelwa esidiliyeni seNkosi ziquka abantu abafana nawe. Zeziphi iinyaniso ozifumanayo ku Yakobi 5, ngakumbi imiqolo 61–62 kunye 70–75, ngokusebenza esidiliyeni seNkosi? Ufunde ntoni ngaYe ngokuncedisa emsebenzini waKhe?

Njengokuba ufunda “[nge]lixa lokugqibela” apho iNkosi isebenza esidiliyeni saYo, yintoni ekuphembelela wena nosapho lwakho ukuba nikhonze iNkosi “ngamandlakazi enu”? (Yakobi 5:71). Mhlawumbi ungacinga ngamava obuqu owava kuwo uvuyo xa wawukhonza iNkosi yesidiliya—ngokomzekelo, ngokwabelana ngevangeli, ukukhonza etempileni, okanye ukomeleza abanye.  

UMongameli uRussell M. Nelson wafundisa: “Nanini na usenza nantoni na enceda nabani na—nakweliphina icala lekhuselo—athabathe inyathelo lokwenza iminqophiso noThixo kwaye afumane imimiselo yabo ebalulekileyo yokubhaptizwa neyasetempileni, uyanceda ekuhlanganiseni uSirayeli. Ilula ngolo hlobo” ( “Hope of Israel”[worldwide youth devotional, Eyesilimela 3, 2018], ChurchofJesusChrist.org). Cinga ngokuqala uluhlu lwezimvo ngoko onokuthi ukwenze ukunceda ukuhlanganisa uSirayeli. Kuluhlu lwakho, uva ukuba iNkosi ifuna wenze ntoni namhlanje esidiliyeni saYo? Ngoko mqolo 75, ingaba iNkosi isivuza njani ngokusebenza esidiliyeni saYo?

Fundisa imfundiso. Qinisekisa ukuba iingxoxo zakho zijolise kwimfundiso esisiseko kwizibhalo. Ninokukwenza oku ngokufunda izibhalo kunye nize nabelane ngeenyaniso enizifumeneyo, kunye namava okuphila ezo nyaniso.

Yakobi 6:4–5

INkosi ibakhumbula abantu baYo ngothando nangenceba.

Enye intsingiselo yegama elithi ukunamathela kukubambelela okanye ukuncamathela entweni ngokuqinileyo, ngokusondeleyo, nangokungaxengaxengiyo. Ingaba loo nkcazelo iyichaphazela njani indlela oqonda ngayo Yakobi 6:4–5? Kwibali lomnquma, iNkosi yesidiliya yayolula njani “ingalo yayo yenceba”? (bona, ngokomzekelo, Yakobi 5:47, 51, 60–61, 71–72). Yena ukwenzele njani wena oku?

Yakobi 7:1–23

Ndiyakwazi ukuma ndomelele xa abanye becela umngeni ukholo lwam kuYesu Krestu.

Amava amaNifayithi ngoSherem asoloko ephindwa namhlanje: abantu bazama ukutshabalalisa ukholo kuKrestu. Wasabela njani uYakobi xa ukholo lwakhe lwaluhlaselwa? Ufunda ntoni kwiimpendulo zakhe? Yintoni onokuyenza ngoku ukulungiselela amaxesha apho ukholo lwakho kuMsindisi luya kucelwa umngeni?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Yakobi 5

INkosi iyabakhathalela abantu baYo.

  • Ungabelana njani ngebali lemithi yomnquma ngendlela abantwana bakho abanokuqonda ngayo? Enye indlela kukuhamba phandle ukuya kujonga emthini uze uhlolisise ngokufutshane iingongoma eziziintloko zebali. Yenza ntoni iNkosi yesidiliya isenzela imithi yaYo? Singafana njani nabasebenzi ebalini kwaye sincede abanye baluve uthando loMsindisi?

  • UYakobi wabelana ngebali lemithi yomnquma ukumema abantu bakhe ukuba beze kuKrestu. Inokwenza okufanayo nakubantwana bakho. Mhlawumbi ungashwankathela ibali ngemiqolo enjengo Yakobi 5:3–4, 28–29, 47, no 70–72 Wena okanye abantwana bakho emva koko ningafunda Yakobi 5:11, 41, 47, no 72, nikhangela izinto ezibonisa indlela iNkosi yesidiliya (Yesu Krestu) wayeyikhathalele ngayo imithi. Yintoni ayenzayo uMsindisi ukubonisa ukuba Yena uyakhathala ngathi?

Yakobi 6:4–5

UBawo oseZulwini uyandithanda mna kwaye uyakundixolela njengoko ndiguquka.

  • Yakobi 6:4–5 unomyalezo obalulekileyo kuthi xa sisenza ukhetho olungalunganga. Mhlawumbi unokunceda abantwana bakho bawufumane. Ngawaphi amazwi kule miqolo asinika ithemba kuthando lukaThixo oluhlangulayo?   Eli bali noYakobi 6:4–5 usifundisa ntoni malunga nento ekufuneka siyenzile ukuze sisindiswe ebukumkanini bukaThixo?

Yakobi 7:1–23

Ndiyakwazi ukuyimela into endiyaziyo ukuba iyinyani.

  • Unokubakhuthaza njani abantwana bakho ukuba bayimele inyaniso njengoYakobi wenzayo?   UYakobi wakumela njani oko wayekwazi ukuba kulungile? Mema abantwana bakho ukuba babelane ngamava xa babemele okulungileyo, okanye yabelana ngawakho.  

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.