Yizani, Nindilandele 2024
EyoMsintsi 2–8: “Khumbula iNkosi” Hilamani 7–12


“EyoMsintsi 2–8: ‘Khumbula iNkosi.’ Hilamani 7–12,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoMsintsi 2–8. Hilamani 7–12,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UNifayi ethandaza kwinqaba yasegadini

Umzobo kaNifayi kwinqaba yasegadini, nguJerry Thompson

EyoMsintsi 2–8: “Khumbula iNkosi”

Hilamani 7–12

Uyise kaNifayi, uHilamani, wayebongoze oonyana bakhe ukuba “khumbulani, khumbulani.” Wayefuna ukuba bakhumbule ookhokho babo, bakhumbule amazwi wabaprofeti, kwaye ngaphezu kwako konke bakhumbule “uMkhululi wethu, onguKrestu” (bona Hilamani 5:5–14). Kucacile ukuba uNifayi waye wakhumbula, kuba lo ngumyalezo ofanayo awathi wawuvakalisa kwiminyaka kamva “ngokungadinwa” ebantwini (Hilamani 10:4). “Owu, kwenzeke njani ukuba nimlibale uThixo wenu?” wabuza (Hilamani 7:20). Zonke iinzame zikaNifayi—ukushumayela, ukuthandaza, ukwenza imimangaliso, nokubongoza uThixo ngendlala—yayizinzame zokunceda abantu baguqukele kuThixo kwaye bamkhumbule Yena. Ngeendlela ezininzi, ukulibala uThixo kuyingxaki enkulu ngakumbi kunokungamazi Yena. Kwaye kulula ukumlibala Yena xa iingqondo zethu ziphazanyiswa “zizinto ezililize zeli hlabathi” kwaye zigutyungelwe sisono (Hilamani 7:21; bona kananjalo Hilamani 12:2). Kodwa, njengoko ubufundisi bukaNifayi bubonisa, akukaze kube semva kwexesha ukukhumbula kwaye “nibuyele … kuyo iNkosi uThixo wenu” (Hilamani 7:17

Ingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.

Hilamani 7–11

Umfanekiso
seminary icon
AbaProfeti batyhila intando kaThixo ebantwini.

U Hilamani 7–11 yeyona ndawo ilungileyo yokufunda malunga nento eyenziwa ngabaprofeti. Njengoko ufunda ezi zahluko, nikela ingqalelo kwizenzo zikaNifayi, iingcinga, kunye nokusebenzisana neNkosi. Ubufundisi bukaNifayi bukunceda njani ukuba uqonde indima yabaprofeti? Nantsi imizekelo embalwa: Yintoni enye oyifumanayo?

Ngokusekelwe koko ukufundileyo, ungachaza njani ukuba umprofeti uyintoni na nento ayenzayo? Cinga ngokubhala inkcazelo emfutshane. Emva koko jonga into oya kuyongeza kwinkcazelo yakho emva kokufunda ingeniso yo “Mprofeti” kwisiKhokelo kwiZibhalo (Ithala leVangeli).

Ngaba uqaphele ukuba uNifayi wayenenkalipho kangakanani ku Hilamani 07:11–29? Kutheni uziva ukuba abaprofeti ngamanye amaxesha kufuneka bathethe ngenkalipho njengokuba uNifayi wenzayo?   

Ngazo zonke ezi nyaniso engqondweni, cingisisa ngendlela iNkosi ekusikelele ngayo ngolungiselelo lwabaprofeti baYo. Yintoni Yena akufundise yona kutsha nje ngomprofeti wethu ophilayo? Wenza ntoni ukumamela kwaye ulandele ulwalathiso lweNkosi?

  

Hilamani 9; 10:1, 12–15

Ukholo lwam kuYesu Krestu kufuneka lwakhelwe ngaphezu kweminqondiso nemimangaliso.

Ukuba imiqondiso okanye imimangaliso yayanele ukutshintsha intliziyo yomntu, ngoko onke amaNifayithi ngewayeguqulwe ngemiqondiso ephawulekayo uNifayi wayinikela ku Hilamani 9. Kodwa oko akuzange kwenzeke. Phawula iindlela ezahlukeneyo abantu abasabela ngazo kulo mmangaliso oku Hilamani 9–10. Ngokomzekelo, unokuthelekisa iimpendulo zamadoda amahlanu nabagwebi abaziintloko ku Hilamani 9:1–20 (bona kananjalo Hilamani 9:39–41; 10:12–15). Ufunda ntoni kula mava ngendlela yokulwakha ukholo lwakho kuYesu Krestu?

Bona kananjalo 3 Nifayi 1:22; 2:1–2.

Hilamani 10:1–12

INkosi inika amandla kubantu abafuna intando yaYo kwaye bazabalazele ukugcina imiyalelo yaYo.

Njengokuba ufunda u Hilamani 10:1–12, qaphela into eyenziwa nguNifayi ukuze azuze ukuthenjwa yiNkosi. Yena wabonisa njani ukuba wayefuna intando yeNkosi kuneyakhe? Amava kaNifayi akukhuthaza ukuba wenze ntoni?

Hilamani 10:2–4

Ukucingisisa ngelizwi likaThixo kumema isityhilelo.

Xa uziva ucinezekile, unexhala, okanye ubhidekile, ungafunda isifundo esibalulekileyo kumzekelo kaNifayi ku Hilamani 10:2–4. Wenza ntoni xa wayeziva “edakumbile”? (umqolo 3).

UMongameli uHenry B. Eyring wacacisa, “Xa sicingisisa, simema isityhilelo ngoMoya (“Serve with the Spirit,” Liahona, EyeNkanga. 2010, 60). Ungawenza njani umkhwa wokucingisisa

Hilamani 12

INkosi ifuna ndiyikhumbule Yona.

Ulukhumbula njani ulwazi olubalulekileyo—njengomhla wokuzalwa kwelungu losapho okanye ulwazi lovavanyo? Oku kufana njani nomgudu ofunekayo “[wo]kukhumbula iNkosi”? (Hilamani 12:5). Yohluke njani?

Hilamani 12 ichaza izinto ezininzi ezenza abantu bayilibale iNkosi. Mhlawumbi ungazidwelisa kwaye ucingisise ukuba ingaba ziyakuphazamisa na kuYe. Yintoni ekuncedayo umkhumbule uYesu Krestu? Yintoni ophenjelelwa ukuba uyenze ngokusekelwe koko ukufundileyo?

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 20:77,79.

Sebenzisa izifundo ezinenjongo. UMsindisi wayesoloko enxulumanisa imigaqo yevangeli kwizinto zemihla ngemihla abantu ababeqhelene nazo. Xa ufunda okanye ufundisa ngo Hilamani 12:1–6, unokuthelekisa “ukungazinzi … kwabantu” nendlela esiziva ngayo xa sizama ukuzinza emlenzeni omnye. Sinokuhlala njani sizinzile ngokomoya?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Ingcebiso Zokufundisa Abantwana

Hilamani 7:20-21

INkosi ifuna ndiyikhumbule Yona.

  • Ukuqala incoko ngokukhumbula iNkosi, ungaxelela abantwana bakho malunga nexesha apho wawulibele into ethile. Bavumele babelane ngamava afanayo nawabo. Emva koko ningafunda kunye u Hilamani 7:20–21 kwaye nibuze abantwana benu ukuba bacinga ukuba kuthetha ukuthini ukulibala uThixo. Mhlawumbi abantwana bakho banokuzoba imifanekiso yezinto ezinokusenza siyilibale iNkosi baze basebenzise imizobo yabo ukugubungela umfanekiso kaYesu. Emva koko bangacinga ngezinto abanokuzenza ukuze bamkhumbule Yena. Njengokuba besabelana ngeengcinga zabo, banokususa imizobo nganye nganye de umfanekiso woMsindisi utyhilwe.

Hilamani 8:13–23

AbaProfeti bangqina ngoYesu Krestu.

  • Nceda abantwana bakho baphengulule u Hilamani 8:13–23 ukuze bafumane amagama abaprofeti ababefundisa ngoYesu Krestu. Mhlawumbi banokudlulisa umfanekiso kaYesu ngalo lonke ixesha bewufumana. Yintoni umprofeti wethu ophilayo ayifundise ngoMsindisi?

  •    Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningakhetha ibinzana eliphambili kwingoma nibhale igama elinye kwibinzana kwiinyawo zephepha ngalinye. Emva koko ungabeka iinyawo zephepha phantsi ezikhokelela kumfanekiso woMsindisi, kwaye abantwana bakho banokulandela iinyawo zephepha ukuya emfanekisweni. Ukulandela umprofeti kusikhokelela njani kuYesu Krestu?

Hilamani 10:1–4

Ukucingisisa ngamazwi kaThixo kumema isityhilelo.

  • Ukuze uncede abantwana bakho bakuqonde oko kuthethwa kukucingisisa, ninokufunda kunye “Guquguqula” kwisiKhokelo kwiZibhalo (Ithala leVangeli). Ngawaphi amanye amagama afanayo noku guquguqula? Mhlawumbi ningafunda u Hilamani 10:1–3 kunye kwaye nitshintshe igama elithi guquguqula ngamanye loo magama. Thetha nabantwana bakho ngeendlela zokwenza ukucingisisa ibe yinxalenye yokufunda kwabo izibhalo.

Hilamani 10:11-12

Ndiyakumthobela uBawo oseZulwini.

  • UNifayi wamthobela uBawo waseZulwini nangona oko kwakuthetha ukwenza into enzima. Ngokomzekelo woku, wena nabantwana bakho ninokufunda u Hilamani 10:2, 11–12. Mhlawumbi abantwana bakho bangalinganisa into eyenziwa nguNifayi—bahambe besiya kwelinye icala legumbi (ngokungathi bayagoduka), beme, bajike, bahambe besiya kwelinye icala legumbi (ngokungathi babuyela ukuya kufundisa abantu). Zeziphi ezinye zezinto uBawo oseZulwini afuna sizenze?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
USeyantam ufunyaniswa ukuba ungumbulali

Ngesipho sesiprofeto, uNifayi wasombulula ukubulawa komgwebi oyintloko.

© The Book of Mormon for Young Readers, Seantum—The Murderer Is Discovered [USeyantam—Umbulali uFunyenwe], nguBriana Shawcroft; ayinakotshwa