Yizani, Nindilandele 2024
EyeThupha 26– EyoMsintsi 1: “ILiwa loMkhululi Wethu.” Hilamani 1–6


Hilamani 26– EyoMsintsi 1: “ILiwa loMkhululi Wethu.” “Hilamani 1–6,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeThupha 26–EyoMsintsi 1. Hilamani 1–6,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
ukuntlitheka kwamaza ematyeni

Hilamani 1–6: “ILiwa loMkhululi Wethu”

Hilamani 1–6

Incwadi kaHilamani ibhala ngokubini ngempumelelo kunye nosizi phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi. Iqalisa “ngobunzima obuxhalabisayo phakathi kwabantu bamaNifayithi” Hilamani 1:1, kwaye ubunzima buqhubeka kuyo yonke imbali. Apha sifunda ngobuqhophololo bezopolitiko, amaqela abaphangi, ukungafunwa kwabaprofeti, kunye nekratshi nokungakholwa kuwo wonke umhlaba. Kodwa kananjalo sikwafumana imizekelo efana noNifayi noLihayi kwaye “abona bathobeke ngakumbi abantu,” abangazange basinde nje kuphela kodwa baba nempumelelo ngokwasemoyeni (Hilamani 3:34). Bakwenza njani oko? Benza kanjani ukuze bahlale bomelele ngelixa impucuko yabo yaqalisa ukuphela nokuwohloka? Ngendlela enye nabani kuthi sihlala somelele “kuqhwithela olunamandlakazi” uSathana aluthumela ukuba “lubethe phezu [kwethu]”—ngokwakhela ubomi bethu “phezu kweliwa loMkhululi wethu, onguKrestu, uNyana kaThixo, … isisiseko apho ukuba abantu bakhela kuso abanako ukuwa” (Hilamani 5:12).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

Hilamani 1–6

Ikratshi lindahlula kuMoya namandla eNkosi.

Njengoko ufunda u Hilamani 1–6, unokuqaphela imifuziselo kwisimilo samaNifayithi. Xa belungile, uThixo uyabasikelela, bayaphumelela. Emva kwexesha, baqalisa ukuba nekratshi nokukhohlakala, besenza ukhetho olubakhokelela entshabalalweni nasentlungwini. Kanti bayathobeka baphenjelelwe ukuba baguquke, kwaye uThixo uyabasikelela kwakhona. Umfuziselo uyaziphinda-phinda rhoqo de abanye abantu bawubize ngokuthi “ngumjikelo wekratshi.”

Umfanekiso
umjikelo wekratshi

“Umjikelo wekratshi.”

Khangela imizekelo yalo mjikelo njengoko ufunda u Hilamani 1–6. Nantsi eminye imibuzo engakunceda uqonde lo mfuziselo:

  • Bubuphi ubungqina bekratshi obubonayo phakathi kwamaNifayithi? (bona, ngokomzekelo, Hilamani 3:33–34; 4:11–13). Ingaba bukhona ubungqina obufana nobu obubonayo kuwe?

  • Ziyintoni iziphumo zekratshi nenkohlakalo? (bona Hilamani 4:23–26). Ziyintoni iziphumo zentobeko nenguquko? (bona Hilamani 3:27–30, 35; 4:14–16).

  • Yintoni uHilamani awayefuna oonyana bakhe ukuba bayikhumbule? (bona Hilamani 5:4–12). Kungakunceda njani ukukhumbula ezi nyaniso ukuba ukuphephe ukuba nekratshi?

Hilamani 3:24–35

Ukholo kuYesu Krestu lunokukhokelela kwimimangaliso emikhulu.

Ku Hilamani 3, uMormoni uchaza ixesha apho iBandla lalinempumelelo kwaye lisikelelekile kangangokuba qobo neenkokheli zazimangalisekile. Ngokubhekisele koku okufundileyo kwi miqolo 24–32, yintoni ocinga ukuba yakhokelela kweso simo sovuyo? Nangona ingasingawo onke amalungu aqhubekayo eluvuyweni. Qaphela umahluko phakathi kwabantu abachazwe kwi miqolo 33–35. Yintoni oyifundayo kwimizekelo yabo?

Khangela ongakwenza buqu. Umprofeti uMormoni wasebenzisa isicatshulwa “kwaye njalo siyabona” ukugxininisa iinyaniso ezibalulekileyo njengoko wayefinyeza iNcwadi kaMormoni. Ngokomzekelo, yintoni awayefuna siyibone ku Hilamani 3:27–30? Njengoko ufunda izibhalo, usenokuma kancinci rhoqo ukugqibezela ibinzana “kwaye njalo siyabona” ngokuphathelele ngoko bakufundileyo.

Hilamani 5:6–7

Ndingalihlonipha igama loMsindisi?

Ukufunda u Hilamani 5:6–7 kungakuphembelela ukuba ucinge ngamagama owanikiweyo, ukuquka amagama osapho. Athetha ntoni kuwe la magama? Ungawahlonipha njani? Ngokubaluleke ngaphezulu ucinga ukuba kuthetha ntoni ukuthabathela kuwe igama loMsindisi? (bona Moronayi 4: 3). Ulihlonipha njani eli gama linyulu?

Hilamani 5:12–52

Umfanekiso
seminary icon
Ukuba ndenza uYesu Krestu isiseko sam, Andinakuwa.

Kuthetha ukuthini kuwe “ukwakhela isiseko sakho” “kwiliwa loMkhululi wethu”? (Hilamani 5:12). Ulufumene njani ukhuseleko kwiinkqwithela zobomi kuYesu Krestu? Njengoko ufunda u Hilamani 5:12–52, qaphela indlela uNifayi noLihayi abasikelelwa ngayo ngokwakhela ukholo lwabo kwiliwa loMkhululi wabo.

Abanye abantu bafumanisa kuluncedo ukucinga ngoko bakufundayo. Ukubonisa u Hilamani 5:12, usenokwakha isakhiwo esincinane kwiintlobo ezahlukeneyo zeziseko. Ningathi emva koko nidale “uqhwithela olunamandlakazi” ngokutshiza amanzi kuso nisebenzisa ifeni ukudala umoya. Ngawaphi amanye amava akuncedileyo ukuba wakhele isiseko sakho kuYesu Krestu?

Umqolo 50 ukhankanya “ubukhulu bobungqina” obathi bafunyanwa ngamaLeymenayithi. Ngokufunda u Hilamani 5:12–52, ingazisa engqondweni ubungqina uThixo akunike bona. Ngokomzekelo, mhlawumbi “intsebezo” esuka kuMoya oyiNgcwele ilomelezile ukholo lwakho kuMsindisi ( Hilamani 5:30; bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 88:66). Okanye mhlawumbi ubusebumnyameni, kwaye wakhalela ukholo olukhulu kuThixo (bona Hilamani 5:40–47). Ngawaphi amanye amava akuncedileyo ukuba wakhele isiseko sakho kuYesu Krestu?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Hilamani 3:24, 33–34; 4:11–15

UBawo oseZulwini ufuna ndithobeke.

  • Cinga ngokumema abantwana bakho ukuba bazobe eyabo ingxelo “ngomjikelo wekratshi”, usekelwe kumboniso ongasentla. Kanti, njengoko nifunda kunye u Hilamani 3:24, 33–34 kunye 4:11–15, babenokwalatha kwingxenye yomjikelo echazwa yile miqolo. Singakhetha njani ukuthobeka—kwaye sihlale ngalo ndlela?

Hilamani 5:12

Ndizokwakhela isiseko sam kuYesu Krestu.

  • Cinga ngokusebenzisa umfanekiso wetempile ukuqalisa incoko malunga nokuba kutheni izakhiwo zifuna iziseko ezomeleleyo. Okanye ningakhangela kwisiseko sekhaya lenu okanye sesakhiwo seBandla. Ukugxininisa ukomelela kwesiseko esilidwala, abantwana bakho bangazama ukuhambelisa ilitye ngokulivuthela. Njengoko nifunda kunye u Hilamani 5:12, buza abantwana bakho ukuba kutheni uYesu Krestu “esisiseko esiqinisekileyo” sobomi bethu. Singabakhela njani ubomi bethu kuYe? (bona Hilamani 3:27–29, 35 kunye Izivumo Zokholo 1:4).

  • Mema abantwana bakho ukuba bakhe inqaba besebenzisa izitena okanye izinto ezahlukileyo kwiziseko (ezifana neebhola zomqhaphu okanye ilitye elisicaba). Isiseko esomeleleyo sifana njani noYesu Krestu? Bangongeza isiqobo kwisakhiwo ngcebiso nganye ababelana ngayo malunga nokuba bangenza ntoni ukumlandela.

Hilamani 5:21–52

UMoya oyiNgcwele uthetha ngelizwi elizolileyo, elincinane.

  • Ilizwi elichazwe ku Hilamani 5:29–30, 45–47 lisifundisa ngenye yendlela uMoya oyiNgcwele athetha ngayo nathi.   Xa uthetha ngelizwi abantu abalivayo, thetha ngelizwi elithambileyo. Liphinde ibali amaxa ambalwa, kwaye umeme abantwana bakusebezele. Bancede bacinge ngezinye iindlela uMoya oyiNgcwele athetha ngazo.

Hilamani 5:20–52

Inguquko isusa ubumnyama ngokwase moyeni ngokukhanya.

  • Ukugxininisa oko u Hilamani 5:20-41 akufundisa ngobumnyama nokukhanya, zama ukufunda okanye ukushwankathela le miqolo ebumnyameni,usebenzisa nje isibane sokukhanya ukuze kukhanye. Abantwana bakho bangaphulaphula ukuba yintoni abantu abafanelwe kukuyenza ukuze kukhweleliswe ubumnyama. Ngoko khanyisani izibane, nifunde imiqolo 42–48 kunye. Isifundisa ntoni le miqolo ngenguquko?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UNifayi noLihayi entolongweni

Kwa nasentolongweni, uNifayi noLihayi babekhuselwa ngamandla kaThixo.

©The Book of Mormon for Young Readers, Nephi and Lehi Encircled by a Pillar of Fire [UNifayi noLihayi Babiyelwe Yintsika Yomlilo], nguBriana Shawcroft; ayinakukhutshelwa