Yizani, Nindilandele 2024
EyeDwarha 28–EyeNkanga 3: “Ndinga Ndinganithundeza Nonke … ukuba niGuquke.” Mormoni 1–6


“EyeDwarha 28–EyeNkanga 3: ‘Ndinga Ndinganithundeza Nonke … ukuba niGuquke’ Mormoni 1–6,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeDwarha 28–EyeNkanga 3. Mormoni 1–6,” Yizani, Nidilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UMormoni ebhala emacwecweni egolide

Mormon Abridging the Plates [UMormoni Efinyeza amaCwecwe], nguTom Lovell

EyeDwarha 28–EyeNkanga 3: “Ndinga Ndinganithundeza Nonke … ukuba niGuquke”

Mormoni 1–6

UMormoni uye wasisindisa “kwingxelo ezeleyo” yo “mbono owoyikekayo” wenkohlakalo nophalazo lwegazi owalubona phakathi kwamaNifayithi (Mormoni 2:18; 5:8). Kodwa oko akubhalileyo ku Mormoni 1–6 kwanele ukhusikhumbuza ukuba kukude kangakanani abantu abalungileyo banokuwa. Phakathi kwenkohlakalo enje egqubayo, akukho mntu ongagxeka uMormoni ngokudinwa nokudimazeka. Ukanti kuko konke awakubonayo namava ngako, akazange aphulukane nemvakalelo yakhe yenceba enkulu kaThixo nokuqiniseka kwakhe ukuba inguquko yindlela yokuyifumana. Kwaye nangona abantu bakaMormoni bala izimemo zakhe ezicengayo ukuba baguquke, wayesazi ukuba wayenesihlwele esikhulu ukusicenga. “Qaphelani,” wavakalisa, “ndibhalela kuzo zonke iziphelo zomhlaba.” Ngamanye amazwi, wabhalela wena (bona Mormoni 3:17–20). Kwaye umyalezo wakhe kuwe, namhlanje, ngumyalezo ofanayo owawunokusindisa amaNifayithi kumhla wawo: “Kholelwa ivangeli kaYesu Krestu. … Niguquke kwaye nilungiselele ukuma phambi kwesihlalo sokugweba sikaKrestu” (Mormoni 3:21–22).

  

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.

Mormoni 1–6

Umfanekiso
umfanekiso weegcinga
Ndingakwazi ukulandela uYesu Krestu nokuba abanye abantu benza ntoni na.

Ngethuba wayemalunga neminyaka eyi-10 kuphela, uMormoni wayehluke ngokuphawulekayo kubantu ababemngqongile. Njengokuba ufunda u Mormoni 1–6, khangela iindlela ukholo lukaMormoni kuYesu Krestu olwamenza wangohlukileyo kwaye lwamnika amathuba okukhonza kwaye asikelele abanye. Le miqolo elandelayo inokukwenza uqalise.

Mormon 1:2–3, 13–17.Nguwuphi umahluko owuqaphelayo phakathi kukaMormoni nabantu bakhe? Zeziphi iimpawu awayenazo ezamnceda wahlala omelele ngokomoya kwelo xesha linzima?

Mormoni 2:18–19.Ngawaphi amazwi awathi uMormoni wawasebenzisa ukuchaza ihlabathi awayephila kulo? Wahlala njani enethemba phezu kwazo nje iimeko ezazimngqongile?

Mormoni 3:12Wayeziva njani uMormoni ngabantu ababemngqongile? Yintoni onokuyenza ukuze uphuhlise uhlobo lothando awayenalo?

Yeyiphi eminye imiqolo ku Mormoni 1–6 eqaqambisa ukholo lukaMormoni kuYesu Krestu? Ngawaphi amathuba awawanikwayo ngenxa yokuba wakhetha ukuhlala ethembekile?

Cinga ngokufunda umyalezo kaMongameli Thomas S. Monson “Yiba Ngumzekelo kunye Nokhanyiselo” (Liyahona, EyeNkanga. 2015, 86–88) ukhangela izizathu zokuba kutheni kubalulekile ukuba abalandeli bakaYesu Krestu bagqame okanye bahluke. Ungazigqibezela njani izivakalisi ezifana nezi? “ waye ngumzekelo kum xa [yena] . Oku kwandinceda ukuba ndi .”

UMormoni wayenokuvakalelwa kukuba umzekelo wakhe wawungenzi mahluko kubantu bakhe. Ukuba ubunethuba lokuthetha noMormoni, ubungamxelela ntoni malunga nendlela umzekelo wakhe owenze ngayo umahluko kuwe?

  

Nceda abanye babelane nabanye ngoko bakufundayo. Xa abantu besabelana ngoko bakufundileyo, bomeleza ukholo lwabo nokholo lwabanye (bona IMfundiso neMinqophiso 88:122). Zama ukubuza usapho lwakho okanye iklasi ukuba ngawaphi amava abanawo njengoko befunde ilizwi likaThixo.

Umfanekiso
AmaNifayithi namaLeymenayithi esilwa omnye nomnye

Battle [Idabi], nguJorge Cocco

Mormoni 2:10–15

Ubuhlungu obungokukaThixo bundikhokelela kuKrestu nakwinguquko ehlala ihleli.

Xa uMormoni ebona usizi lwabantu bakhe, yena wathemba ukuba baya kuguquka. Kodwa “ukuzila kwabo kwakungekuko okokuguquka” (Mormoni 2:13)—yayingekuko ukuzila kobuthixo kodwa ukuzila kwehlabathi. Ukuqonda umahluko, cinga ngokubhala oko ukufundayo ku Mormoni 2:10–15 kwitshati efana nale:

Ukuzila kobuThixo

Ukuzila kwehlabathi

Kuza kuYesu (umqolo 14)

Kuqalekisa uThixo (umqolo 14)

Wazi njani ukuba ukuzila kwakho kokbuthixo okanye kokwehlabathi? Ukuba uva ukuzila kwehlabathi, ungakutshintsha njani ibe kukuzila kobuthixo?

Bona kananjalo2 AmaKorinte 7:8–11.

Mormoni 3:3, 9

“Kwaye abazange baqonde okokuba yaye iyiNkosi leyo yayibasindisile.”

UMormoni waqaphela ukuba amaNifayithi asilela ukuvuma iindlela iNkosi eyabasikelela ngazo. Njengoko ufunda u Mormoni 3: 3,9, ungacingisisa ngendlela oyivuma ngayo impembelelo kaThixo ebomini bakho. Zeziphi iintsikelelo ezizayo xa uvuma impembelelo yaKhe? Ziyintoni iziphumo zokungamvumi Yena? (bona Mormoni 2:26; IMfundiso neMinqophiso 59:21).

  

Mormoni 5:8–24; 6:16–22

UYesu Krestu ume ngeengalo ezivulekileyo ukuba andamkele.

Ukuba ukhe uzive udimazekile ngezono zakho, inkcazelo kaMormoni yoMsindisi emi “ eneengalo ezivulekileyo ukuba anamkele!” ingakunika isiqinisekiso. Njengokuba ufunda u Mormoni 5:8–24 no 6:16–22, ufunda ntoni malunga neemvakalelo zikaBawo oseZulwini noYesu ngakuwe, nokuba usona? Umve njani uYesu Krestu esolulela kuwe ngeengalo ezivulekileyo? Yintoni oziva uphefumlelwe ukuba uyenze ngenxa yoko?

  

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Mormoni 1:1–3; 2:1, 23–24; 3:1–3, 12, 17–22

NjengoMormoni, ndingalandela uYesu Krestu.

  • Ngenxa yokuba uMormoni wayemncinane kakhulu xa wayekhulisa ukholo lwakhe kuKrestu, unokuba yimpembelelo kubantwana bakho. Mhlawumbi ungafunda u Mormoni 1:1–3 kwaye abantwana bakho banokumamela ukuba uMormoni wayemdala kangakanani xa u-Amaroni wamnika umsebenzi okhethekileyo. Ungabanceda kananjalo ukuba bafumane kule miqolo iimpawu uAmaroni awazibona kuMormoni. Ezi mpawu zisinceda njani ukuba silandele uYesu Krestu?

    Umfanekiso
    UMormoni njengenkwenkwe encinane

    Mormoni, Ubudala 10], nguScott M. Snow

  • Ngenxa yokuba uMormoni walandela uYesu Krestu, wanikwa amathuba okukhonza kwaye asikelele abanye. Ungamema abantwana bakho ukuba bafunde isicatshulwa esinye okanye ezingaphezulu kwezi zilandelayo kwaye ubancede babelane ngento abayifundileyo ngoMormoni: Mormoni 1:1–3; 2:1, 23–24; kunye 3:1–3, 12, 20–22 Wamlandela njani uYesu Krestu? Ukholo lwakhe kuYesu Krestu lwabanceda okanye lwabasikelela njani abanye? Ukholo lwethu lunokubanceda njani abantu esibaziyo?

Mormon 2:8–15

Ukuzila kobuthixo kundikhokelela kuKrestu nakutshintsho olungapheliyo.

  • Mhlawumbi unokwenza itshati efana nenye ekwi “Iingcebiso Zokufunda eKhaya naseBandleni” ukuze uncede abantwana bakho baqonde umahluko phakathi kokuzila kwehlabathi nokobuthixo njengoko befunda Mormoni 2:8, 10–15. Ke babenako kananjalo ukuphanda u Mormoni 2:12 ukufumana izizathu zokuba kutheni inguquko kufuneka yenze “[i]intliziyo zethu … zigcobe.” Sinokuqiniseka njani ukuba usizi esiluvayo ngenxa yezono zethu lukhokelela ekubeni sifune uncedo lukaThixo ukuze sitshintshe?

Mormoni 3:3, 9

UBawo oseZulwini undipha iintsikelelo ezininzi.

  • Ukumema abantwana bakho ukuba badwelise (okanye bazobe imifanekiso) yezinye izinto abanombulelo ngazo kunokuba yindlela entle yokubanceda bazive benombulelo kuThixo. Emva kokuba belwenzile uluhlu, ungafunda u Mormoni 3:3, 9 kwaye ucacise ukuba uBawo oseZulwini wayewasikelele amaNifayithi nawo, kodwa ayengaqondi. Yintoni esinokuyenza ukubonisa ukuba sinombulelo kuBawo oseZulwini ngeentsikelelo zethu?

Mormoni 3:12

UBawo oseZulwini ufuna ndithande wonke umntu.

  • Nangona amaNifayithi ayekhohlakele, uMormoni akazange ayeke ukuwathanda. Nceda abantwana bakho bafumane amagama “ndibathanda” no “thando” ku Mormoni 3:12.    Ngqina ngothando lukaThixo kubo bonke abantwana baKhe.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
amacwecwe egolide

INcwadi kaMormoni yabhalwa “ukuze nibe nokukholelwa ivangeli kaYesu Krestu” (Mormoni 3:21).