Yizani, Nindilandele 2024
EyeNkanga 18–24: “Ukuze Ububi Bube Nokupheliswa.” Etere 6-11


“EyeNkanga 18–24: ‘Ukuze Ububi Bube Nokupheliswa.’ Etere 6–11,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeNkanga 18–24 Etere 6–11,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
Izikhephe zamaYeredayithi elwandle

I Will Bring You Up Again out of the Depths [Ndiya Kunonyula Kwakhona Kwiinzonzobila], nguJonathan Arthur Clarke

EyeNkanga 18–24: “Ukuze Ububi Bube Nokupheliswa”

Etere 6-11

Emva kwamakhulu eminyaka amaJaredayithi atshatyalaliswayo, amaNifayithi afumana intshabalalo yempucuko yawo yamandulo. Phakathi kwala mabhodlo kwakukho ingxelo engaqondakaliyo—amacwecwe “egolide ecwengileyo” “azele yimikrolo” kwaye amaNifayithi “babenqwenela ngaphaya komlinganiselo” ukuyifunda (Mozaya 8:9; 28:12). Namhlanje unesishwankathelo sale mbali, kwaye sibizwa ngokuba yincwadi kaEtere. Xa amaNifayithi eyifunda, “bazaliswa lusizi” ukufunda ngokuwa okulusizi kwamaYeredayithi. “Nangona kunjalo yabanika ulwazi, into leyo eyabagcobisayo” (Mozaya 28:12, 18). Nawe,ngokunjalo, unokufumana amaxesha alusizi kule ncwadi. Kodwa unokuvuyiswa sesi sipho solwazi. Njengokuba uMoronayi wabhala, “kububulumko kuThixo ukuba ezi zinto maziboniswe kuni, … ukuze ububi bube nokupheliswa, kwaye nokokuba ilixa libe nokufika lokokuba uSathana angabinawo amandla phezu kweentliziyo zabantwana babantu” (Etere 8: 23, 26).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.

Etere 6:1–12

Inkosi iyakundikhokela kuhambo olunokufa.

Ungafumana iimbono zomoya ukuba uthelekisa uhambo lwamaYeredayithi lokuwela ulwandle nohambo lwakho lobomi basemhlabeni. Ngokomzekelo, yintoni iNkosi ekuxhobise ngayo ekhanyisa indlela yakho njengamatye kwizikhephe zamaYeredayithi? Ingaba yintoni emelwe zizikhephe, okanye umoya “owawuvuthuzela ngakulo ilizwe lesithembiso”? (Etere 6:8). Ufunda ntoni kwizenzo zamaYeredayithi, ngaphambili, ngexesha, nangasemva kohambo? INkosi ikukhokela njani ukuya kwilizwe lakho lesithembiso?

“Vuma iindumiso kuyo iNkosi.” AmaYeredayithi avakalisa umbulelo wawo nothando lukaThixo ngengoma nendumiso (bona Etere 6:9). Usenokukhangela okanye udale amathuba okusebenzisa umculo nobungqina obusuka entliziyweni ukuze udumise uThixo ekhaya nasebandleni.   

Umfanekiso
Usapho lwamaYeredayithi ngaphakathi kwisikhephe sawo

Baby on Board [Usana Enqwelweni], nguKendal Ray Johnson

Etere 6:5–18, 30; 9:28–35; 10:1–2

“Hamba ngokuthobeka phambi kweNkosi.”

Nangona ikratshi nenkohlakalo zibonakala zisongamela imbali yamaYeredayithi, kukho kananjalo imizekelo yokuthobeka kwezi zahluko—ingakumbi ku Etere 6:5–18, 30; 9:28–35; no 10:1–2. Ukucingisisa le mibuzo ilandelayo kungakunceda ufunde kule mizekelo: Kwakutheni la maYeredayithi azithobe kwezimeko? Bakubonisa njani ukuthobeka kwabo? UThixo wabasikelela njani ngenxa yoko? Cinga into ongayenza ngokuzithandela “ukuhamba uthobekile phambi kweNkosi” (Etere 6:17) kunokuba unyanzeliswe ukuthobeka (bona Mozaya 4:11–12; Alma 32:14–18).

Etere 7–11

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
Ndinokuba yinkokeli efana noKrestu.

Izahluko 7–11 zika Etere ziquka ebuncinaneni izizukulwana ezingama-28. Nangona kungekho nkcazelo ingako inokunikelwa kwindawo encinane ngolo hlobo, iphatheni ivela ngokukhawuleza malunga neziphumo zobunkokeli obulungileyo nobungendawo. Ufunda ntoni ngobunkokeli kwimizekelo—emibi kunye neyakhayo—yookumkani abadweliswe ngezantsi?

Cingisisa ngokufunda lo myalezo—ingakumbi amabali awabalisayo—ukhangela imigaqo okanye iipatheni zobunkokeli obufana nobukaKrestu. Ukhe wayibona nini le migaqo okanye iipatheni zibonakaliswa kubantu abakhokelayo?

Njengokuba ucingisisa ngento oyifundileyo, cinga ngamathuba onawo okukhokela okanye ukuphembelela abanye ekhayeni lakho, ekuhlaleni, kubizo lwaseBandleni, njalo njalo. Ungaziphuhlisa njani iimpawu zobunkokeli obufana nobukaKrestu, nokuba akunasabelo sikhethekileyo sobunkokeli?

Etere 8:7–26

INkosi ayisebenzi ebumnyameni.

Xa abantu bebhunga ukugcina izenzo zenkohlakalo emfihlakalweni, bazifaka kumayelenqe afihlakeleyo. Ukongeza kumayelenqe afihlakeleyo achazwe ku Etere 8:7–18, eminye imizekekelo ingafunyanwa ku Hilamani 1:9–12; 2:2–11; 6:16–30; Moses 5:29–33. Cinga ngokuchasanisa le miqolo kunye no 2 Nifayi 26:22–24, apho uNifayi wachaza indlela iNkosi eyenza ngayo umsebenzi waYo. Kutheni ucinga ukuba uMoronayi wayalelwa ukuba abhale oko wakwenzayo malunga namayelenqe afihlakeleyo?

Yintoni oyifundileyo kwincwadi kaEtere engakunceda ufumane iintsikelelo ezichazwe ku Etere 8:26?

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Etere 6:1–12

Ndingamthemba uBawo oseZulwini ukuba andithuthuzele xa ndisoyika.

  • Wonke umntu uneentsuku ezinzima—nkqu nabantwana abancinane. Mhlawumbi ungabanceda abantwana bakho bafumane amagama namabinzana ku Etere 6:1–12 abonisa indlela amaYeredayithi amthemba ngayo uThixo ngeentsuku ezithile ezinzima ngokwenene nezoyikekayo. Cinga ngokwabelana omnye nomnye ngamava xa uThixo wakuncedayo ngamaxesha anzima ebomini bakho.

Etere 6:9,12, 30; 7:27; 10:2

Ukukhumbula into eyenziwe yiNkosi kuzisa umbulelo noxolo.

  • Emva kokufika ngokukhuselekileyo kwilizwe ledinga, amaYeredayithi ayenombulelo kangangokuba “baphalaza iinyembezi zovuyo” (Etere 6:12). Ungabakhuthaza abantwana bakho ukuba bazive benombulelo ngeentsikelelo zikaThixo ngokubanceda bafumane amabinzana aku Etere 6:9, 12 abonisa indlela amaYeredayithi awawuvakalisa ngayo umbulelo wawo kuThixo.   Cela abantwana bakho bakuxelele ngezinye izinto abanombulelo ngazo.

  • Mhlawumbi abantwana bakho banokufunda u Etere 6:30; 7:27; no 10:2 kwaye bafumane oko ikumkani ezingamalungisa zikukhumbulayo. Yayichaphazela njani indlela ababekhokela ngayo abantu babo? Wena nabantwana bakho ninokuxoxa iindlela zokuzikhumbuza ngoko uThixo anenzele kona. Ngokomzekelo, mhlawumbi banokubhala ngayo okanye bazobe imifanekiso. Usenokucebisa ukuba bazenzele umkhwa wokubhala phantsi rhoqo iintsikelelo abaziphawulayo ezivela kuThixo.

Etere 7:24-27

Ndisikelelekile xa ndilandela umprofeti kaThixo.

  • Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningakonwabela ukulinganisa ezinye zezinto umprofeti asifundise ukuba sizenze. Ningakujika kube ngumdlalo apho niqikelela ukuba izenzo zimele ntoni. Oku kunokubalungiselela abantwana bakho ukuba baxoxe ukuba kutheni kubalulekile ukulandela umprofeti kaThixo. Usenokufunda u Etere 7:24–27 ukuze ufumanise ukuba kwenzeka ntoni xa abantu bethobela umprofeti kaThixo. Sisikelelwa njani ngokulandela umprofeti namhlanje?

Etere 09:28–35; 11: 5–8

INkosi inenceba xa ndiguqukayo.

  • Ukukhangela iipatheni bubuchule bokufunda izibhalo eziluncedo. Incwadi kaEtere iqulethe umzekelo ophindaphindiweyo ogxininisa inceba yeNkosi. Ukunceda abantwana bakho bafumane le phatheni, bameme ukuba bafunde u Etere 9:28–35 no Etere 11:5–8, bekhangela ukufana phakathi kwezi ngxelo zimbini. Yintoni esiyifundayo kula mabali?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
Izikhephe zamaYeredayithi elwandle

Jaredite Barges [Izikhephe zamaYeredayithi], nguGary Ernest Smith