Izibhalo
2 Nifayi 19


Isahluko 19

UIsaya uthetha ngokukaMesiya—Abantu abasebumnyameni baya kubona ukukhanya okukhulu—Sizalelwe umntwana—Uya kuba yiNkosana yoXolo kwaye uya kulawula kuyo itrone kaDavide—Thelekisa Isaya 9. Malunga 559–545 P.K.

1 Nangona kunjalo, ubumfiliba abusayi kuba njengangoko kwakunjalo ngelixa awaye ebandezelekile, xa sukuba ekuqalekeni walibandezela kancinane nje ilizwe likaZebhulon; nelizwe likaNafetali, kwaye emva koko wayihlungisa kalusizi ngakumbi ngendlela yoLwandle oluBomvu ngaphesheya kweYordan kwiGalili yezizwe.

2 Abantu ababehamba ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu; abo bahlala kwilizwe lethunzi lokufa, ukukhanya kuye kwakhanyisa phezu kwabo.

3 Uluphindaphindile uhlanga, waza walwandisa uvuyo—bayavuya phambi kwakho njengaxa bevuyela isivuno, nanjengokuba amadoda egcoba xa sukuba esahlula ixhoba.

4 Kuba uyiqhawule idyokhwe yomthwalo wabo, nedyokhwe yamagxa abo, intonga yomcinezeli wabo.

5 Kuba lonke idabi lomlwi linesiphithiphithi sengxolo, neengubo ezityikitywe egazini; kodwa eli liya kuba ngokuvutha kwaye nesivuthisi somlilo.

6 Kuba sizalelwe umntwana, sanikwa unyana; kwaye ulawulo luya kuba phezu kwesixhanti sakhe; kwaye igama lakhe liya kubizwa ngokuba, nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo onaMandla, nguBawo onguNaphakade, iNkosana loXolo.

7 Ekwandeni kolawulo noxolo akukho siphelo, phezu kwetrone kaDavide, naphezu kobukumkani bakhe ukuze abucwangcise, aze abumisele ngobulungisa nangokulunga ukususela ngoku ukuya phambili, kwanangonaphakade. Inzondelelo yeNkosi yeMikhosi iya kukwenza oku.

8 INkosi yathumela ilizwi layo kuYakobi kwaye liye lakhanyisa phezu koSirayeli.

9 Kwaye bonke abantu baya kulazi, kwanawo amaEfrayim nabemi belakwaSamari, abathi ngekratshi nobukhulu beentliziyo zabo:

10 Izitena ziwile, kodwa siya kuthi sakhe ngamatye aqingqiweyo; imithombe igawuliwe, kodwa siya kuyitshintsha ibe yimisedare.

11 Ke ngoko iNkosi iya kuziphakamisa iintshaba zikaRetsin ngokuchasene naye, aze azihlanganise kunye iintshaba zakhe;

12 Ama-Aram ngaphambili namaFilisti ngasemva; kwaye baya kumdla uSirayeli ngemilomo ekhamisileyo. Kuko konke oku umsindo wakhe akawubuyisanga, kodwa isandla sakhe usasolulile.

13 Kuba abantu ababuyeli kuye lowo ubabethayo, bengayifuni neNkosi yeMikhosi.

14 Ke ngoko iNkosi iya kunqumla kwaSirayeli intloko nomsila, isebe nomzi ngamininye.

15 Indoda, enkulu, yiyo intloko; nomprofeti othi afundise ubuxoki, ingumsila.

16 Kuba abakhokeli babo aba bantu babenza baphambuke; kwaye ke abo bakhokelwa ngabo bayatshabalala.

17 Ke ngoko iNkosi ayisayi kuvuyiswa ngamadodana abo, ingasayi kuba nenceba kwabangenayise nabahlolokazi; kuba ngamnye ngumhanahanisi nomenzi wobubi, kwaye umlomo ngamnye uthetha ubuyatha. Kuko konke oku umsindo wakhe akawubuyisi, kodwa isandla sakhe usasolulile.

18 Kuba inkohlakalo itshisa okomlilo; iya kudla ukhakakhaka nabobo, ize ivuthise izicithi ezishinyeneyo zamahlathi, kwaye baya kunyukela phezulu nje ngokunyuka komsi.

19 Ngexesha lomsindo wayo iNkosi yeMikhosi ilizwe liya kuba mnyama, kwaye abantu baya kuba njengesivuthisi somlilo; akukho mntu uya kusindisa umntakwabo.

20 Uya kuxhwila ngesandla sokunene aze alambe noko; kwaye uya kudla ngesandla sasekhohlo kwaye abayi konela; yonke indoda iya kudla inyama yengalo yayo—

21 UManase, uEfrayim; noEfrayim, uManase; bona kunye baya kuchasana noYuda. Kuko konke oku umsindo wakhe akawubuyisi, kodwa isandla sakhe usasolulile.