Izibhalo
2 Nifayi 22


Isahluko 22

Ngomhla wemileniyam bonke abantu baya kuyidumisa iNkosi—Iya kuhlala phakathi kwabo—Thelekisa Isaya 12. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye ngaloo mhla uya kuthi: Owu Nkosi, ndiya kukudumisa; nangona wawunomsindo ngakum umsindo wakho uwubuyisile, kwaye uyandithuthuzela.

2 Qaphela, uThixo ulusindiso lwam; ndiya akumthemba, kwaye ndingoyiki; kuba iNkosi buYehova ungamandla am nengoma yam; uye waba lusindiso lwam kananjalo.

3 Ke ngoko, ngovuyo niya kutsala aamanzi aphuma emithonjeni yosindiso.

4 Kwaye ngaloo mhla niya kuthi: aDumisani iNkosi, nilibize igama layo, vakalisani izenzo zayo phakathi kwabantu, khankanyani ukuba igama layo liphakanyiselwe phezulu.

5 aYivumeleni ingoma iNkosi; kuba yenze izinto ezikhethekileyo; oku kuyazeka kuwo wonke umhlaba.

6 aDanduluka kwaye umemeze, wena mmi waseZiyon; kuba mkhulu oNgcwele kaSirayeli phakathi kwakho.